IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 4/1 iphe. 8-10
  • Oko Kwafundiswa NguYesu NgoBukumkani BukaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oko Kwafundiswa NguYesu NgoBukumkani BukaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Eyona Nyani NgoBukumkani BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
  • Oko UBukumkani BukaThixo Bunokukuthetha Kuwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • NgoBukumkani BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 4/1 iphe. 8-10

Oko Kwafundiswa NguYesu NgoBukumkani BukaThixo

“Wahambela kwizixeko ngezixeko nakwiidolophana ngeedolophana, eshumayela. . . iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.”—LUKA 8:1.

SIYAKUTHANDA ukuthetha ngezinto ezibalulekileyo nesizithandayo. NoYesu wathi, “umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mateyu 12:34) Xa sijonga izinto awayeshumayela ngazo uYesu, singatsho sithi wayebuthanda uBukumkani bukaThixo.

Buyintoni uBukumkani bukaThixo? Ubukumkani ngurhulumente olawulwa ngukumkani. Ngoko, uBukumkani bukaThixo ngurhulumente kaThixo. UYesu wathetha wophela ngoBukumkani bukaThixo, ebenza umxholo wentshumayelo yakhe. Kwiincwadi ezine zeVangeli kuthethwa izihlandlo ezili-110 ngobo Bukumkani. Kodwa ke, uYesu akazange afundise ngamazwi nje kuphela. Izinto awayezenza zabafundisa lukhulu abantu ngoko kuza kwenziwa buBukumkani bukaThixo.

Ngubani uKumkani wabo? UKumkani woBukumkani bukaThixo akakhethwanga ngabantu. Kunoko ukhethwe nguThixo ngokwakhe. UYesu wakwenza kwacaca kwiimfundiso zakhe ukuba nguye okhethwe nguThixo ukuba abe nguKumkani.

UYesu wayesazi ukuba iziprofeto zeBhayibhile zazitshilo ukuba uMesiya wayeza kulawula kuBukumkani obungenasiphelo. (2 Samuweli 7:12-14; Daniyeli 7:13, 14; Mateyu 26:63, 64) Ukhumbule kaloku ukuba uYesu watsho phandle ukuba wayenguMesiya ekwakuthiwe uyeza. Ngoko wayevuma ukuba unguKumkani okhethwe nguThixo. (Yohane 4:25, 26) UYesu wayefanele ke ngoko ukumana esithi “ubukumkani bam.”—Yohane 18:36.

UYesu wafundisa nokuba kukho abanye abalawuli ababeza kumncedisa kobo Bukumkani bakhe. (Luka 22:28-30) Wabiza abo balawuli ngokuba ‘ngumhlambi omncinane’ kuba kaloku babeza kuba mbalwa. Wathi ngabo: “Kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” (Luka 12:32) Incwadi yokugqibela yeBhayibhile ibonisa ukuba abantu abaza kulawula noKristu bali-144 000.—ISityhilelo 5:9, 10; 14:1.

Bumiselwe phi uBukumkani? UYesu wathi kumlawuli waseRoma uPontiyo Pilato: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi.” (Yohane 18:36) UBukumkani bukaThixo obulawulwa nguKristu abuzi kuba sezandleni zabantu basemhlabeni. UYesu wayesoloko ebhekisela kuBukumkani bukaThixo ‘njengobukumkani bamazulu.’a (Mateyu 4:17; 5:3, 10, 19, 20) Ngaloo ndlela, uBukumkani bukaThixo bungurhulumente wasezulwini.

UYesu wayelindele ukubuyela ezulwini emva kokuchitha ixesha elithile elapha emhlabeni. Wathi wayeza kuya ‘kubalungiselela indawo,’ abo babeza kulawula kunye naye.—Yohane 14:2, 3.

Yintoni efezwa buBukumkani? UYesu wafundisa abantu ukuba bathi xa bethandaza kuThixo: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Ukuthanda kukaThixo kuyenziwa ezulwini. UThixo usebenzisa uBukumkani ukuzalisekisa injongo yakhe ngomhlaba. Loo nto buza kuyifeza ngokwenza iinguqu ezinkulu kulo mhlaba.

Buza kwenza ntoni uBukumkani emhlabeni? UYesu wafundisa ukuba uBukumkani bukaThixo buza kubusiphula neengcambu ubungendawo ngokutshabalalisa abo bakwenzayo. (Mateyu 25:31-34, 46) Loo nto iya kuthetha ukuphela kwako konke ukonakala nobungendawo. UYesu wafundisa ukuba, umhlaba uya kuba nabantu “abanobulali,” abangamalungisa, abanenceba, “abasulungekileyo ezintliziyweni” nabanoxolo.—Mateyu 5:5-9.

Ngaba aba bantu bathembekileyo baza kuphila kulo mhlaba wonakeleyo? Akunjalo! UYesu wathembisa ukuba umhlaba uza kulungiswa xa kulawula uBukumkani bukaThixo. Indoda eyayiza kubulawa noYesu yathi: “Yesu, uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” UYesu waphendula wathi: “Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadesi.” (Luka 23:42, 43) UBukumkani bukaThixo buza kuwuguqula umhlaba ube yiparadesi—efana naleya yayikumyezo wase-Eden.

Yintoni Enye Obuza Kuyenzela Abantu UBukumkani? UYesu akazange athembise nje ngezinto eziza kwenziwa buBukumkani bukaThixo. Wakubonisa oko buza kukwenzela abantu. UYesu waphilisa abantu abaninzi ngokungummangaliso, ebonisa ngomlinganiselo omncinane oko aza kukwenza xa kulawula uBukumkani bakhe. Incwadi yeVangeli ithi ngoYesu: “Walijikeleza lonke elaseGalili, efundisa kwizindlu zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani kwaye ephilisa lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe ebantwini.”—Mateyu 4:23.

UYesu waphilisa izifo ezahlukahlukeneyo. ‘Wavula amehlo omntu owazalwa eyimfama.’ (Yohane 9:1-7, 32, 33) UYesu wayiphilisa nje ngokuyichukumisa indoda eyayineqhenqa. (Marko 1:40-42) Xa abantu bezisa kuye “isithulu esithintithayo,” uYesu wabonisa ukuba wayekwazi ukwenza “kwanezithulu zive nabangathethiyo bathethe.”—Marko 7:31-37.

Lo Kumkani umiselwe nguThixo wayenamandla nangaphezu kokufa. IBhayibhile isichazela ngezihlandlo ezithathu uYesu avusa kuzo abantu abafileyo. Wavusa unyana womhlolokazi eyayikukuphela kwakhe, wavusa intombazana eneminyaka eli-12 ubudala kunye nomhlobo wakhe uLazaro.—Luka 7:11-15; 8:41-55; Yohane 11:38-44.

Echaza ikamva eliqaqambileyo eliza kufunyanwa ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo, uYesu wathi ngompostile uYohane: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 1:1; 21:3, 4) Khawufan’ ucinge nje—ihlabathi elingenazinyembezi, usizi, intlungu nokufa! Ngelo xesha umthandazo wokuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni njengokuba kusenziwa ezulwini uya kuzaliseka.

Buza Kufika Nini UBukumkani BukaThixo? UYesu wathi ukuqalisa kolawulo loBukumkani bakhe kwakuza kungqamana nexesha awalibiza ngokuba “bubukho” bakhe. UYesu wachaza isiprofeto esasiza kubonisa ixesha lokuqalisa kobukho bakhe njengokumkani. Eli xesha laliza kubonakala ngezidubedube ezaziza kubakho emhlabeni wonke, iimfazwe, iindlala, iinyikima zomhlaba, izifo nokwanda kolwaphulo mthetho. (Mateyu 24:3, 7-12; Luka 21:10, 11) Ezi kunye nezinye izinto ezachazwa nguYesu bezisenzeka ngokukhethekileyo ukususela ngowe-1914, unyaka eyaqalisa ngawo Imfazwe Yehlabathi I. Konke oku bubungqina bokuba uYesu unguKumkani ngoku. Sekumbovu ukuba uBukumkani bufike buze benze ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni.b

Kuza kuthetha ntoni kuwe ukuza koBukumkani bukaThixo? Hayi ke, leyo ixhomekeke kwinto oyenzayo ngesigidimi sikaYesu.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ibinzana elithi “ubukumkani bamazulu” livela izihlandlo ezingama-30 kwiVangeli kaMateyu.

b Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngendlela esazi ngayo ukuba uBukumkani bukaThixo busondele, funda isahluko 9 esithi “Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?,” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share