Yintoni Etshintshileyo Ngesono?
“ABANTU abaninzi namhlanje abayamkeli into yokuba sonke sangena engxakini ngenxa yesono esenziwa ngabazali bethu bokuqala. Phofu abavumi ukuba sikho kwaeso sono. . . . Abantu abanjengoAdolf Hitler noJosef Stalin benza izono kodwa thina asinatyala ngenxa yezono zabo.”—The Wall Street Journal.
Njengokuba esi sicatshulwa singasentla sibonisa, kubonakala ngathi abantu abayamkeli ncam into ekuthiwa sisono. Ibangelwa yintoni loo nto? Yintoni etshintshileyo? Owona mbuzo ubalulekileyo uthi, siyintoni esi sono bangasiqondiyo abantu?
Isono sintlu-mbini—kukho isono esasifumana kuAdam noEva kunye nezono esizenzayo. Olu hlobo lokuqala lwesono sinalo enoba siyathanda okanye asithandi kodwa olu lwesibini lwenziwa sithi. Makhe sithethe ngohlobo ngalunye.
Ngaba Abazali Bethu Bokuqala Basosulela Ngesono?
IBhayibhile ithi isono sokuqala okanye ukusilela kwabazali bethu bokuqala kwadluliselwa kubo bonke abantu. Ngenxa yoko sonke sizalwa singafezekanga. IBhayibhile ithi: “Yonke intswela-bulungisa isisono.”—1 Yohane 5:17.
Kodwa abantu abaninzi abacawayo abayiqondi okanye abayamkeli into yokuba bonke abantu banesono esingaphakathi kubo ngenxa yesono esingazange senziwe ngabo. UNjingalwazi wezifundo zezakwaLizwi uEdward Oakes uthi: “Abantu abaninzi banokumangaliswa kukuva icawa yabo ibafundisa ukuba bakholelwe kwisono yaye bangayiphikisa okanye bayivume nje ngomlomo loo nto kodwa ke babe bengayikholelwa ncam.”
Enye yezinto ezenza kube nzima ngabantu ukuyamkela imfundiso yokuba sizalwa sinesono zizinto eziye zafundiswa yicawa. Ngokomzekelo, kwiBhunga laseTrent (1545-1563) icawa yamgxeka nabani na owayeyiphikisa into yokuba kwakufuneka iintsana ziphehlelelwe ukuze kuxolelwe izono zazo. Abefundisi babesithi usana olufa ngaphambi kokuba luphehlelelwe alunakuya ezulwini. UCalvin wade wafundisa nokuba iintsana ‘ziphuma sele zigwetyiwe kwizibeleko zoonina.’ Wayesithi ‘uThixo uyazicekisa iintsana’ ngenxa yesono ezizalwa naso.
Abantu abaninzi bathi iintsana ezisandul’ ukuzalwa zimsulwa kangangokuba yinkohlakalo ukucinga ukuba zimele zibandezeleke ngenxa yesono ezizalwa naso. Kulula ukubona isizathu sokuba iimfundiso zecawa ezinjalo zibenze bangasiqondi abantu isono. Phofu ke nabanye abefundisi abakucingi nokukucinga ukugwebela usana olungekaphehlelelwa esihogweni. Kubo, le mfundiso ayiqondakali. Kangangeenkulungwane amaKatolika ebefundisa ukuba imiphefumlo emsulwa kodwa engaphehlelelwanga ayiyi sihogweni, ingayi nasezulwini, kodwa ibhadula esithubeni nangona leyo ingazange ide ibe yimfundiso yawo esemthethweni.a
Omnye unobangela wokuba abantu bangakholelwa kwisono sokuqala kukuba izithandi-zobulumko, izazinzulu nabefundisi benkulungwane ye-19 baqalisa ukubuthandabuza ubunyaniso bembali yezinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni. Iimfundiso zikaDarwin ziye zenza abantu abaninzi balithatha njengentsomi ibali lika-Adam noEva. Le nto iye yaphumela ekubeni abantu abaninzi namhlanje bayijonge iBhayibhile njengeengcamango nezithethe zababhali kunokuba ibe yincwadi evela kuThixo.
Kuthiwani ngemfundiso yesono sokuqala? Kaloku ukuba amarhamente afundiswe ukuba uAdam noEva abazange bakhe baphile, kusengqiqweni ukuba abantu bagqibe kwelokuba asizange senziwe isono sokuqala. Nakubantu abavumayo ukuba uluntu lonakele, imfundiso yesono sokuqala ibonakala iyindlela nje yokuzama ukuchaza isizathu sokungafezeki kwabantu.
Ukuba Adam noEva abazange benze sono, kuthekani ke ngoko ngemfundiso yokuba izono esizenzayo ziyamcaphukisa uThixo?
Ngaba Ngokwenene Kusisono?
Xa bebuzwa ukuba kuyintoni ukona, abantu abaninzi bacinga ngeMithetho Elishumi—yokungabulali, ukungakrexezi, ukunganqweneli izinto zabanye abantu, ukungabelani ngesondo ngaphambi komtshato, ukuba, neminye imithetho. Iicawa bezisoloko zifundisa ukuba nabani na ofa ngaphambi kokuba aguquke kwezi zono utsha esihogweni ngonaphakade.b
ICawa yamaKatolika ithi umntu ongafuniyo ukutsha esihogweni ufanele axele izono zakhe kumfundisi, kuba ithi yena unegunya lokuzixolela. Noko ke, inkoliso yamaKatolika ayisazixeli izono ize iguquke. Ngokomzekelo, uhlolisiso lwakutshanje lubonise ukuba amaKatolika aseItali angaphezu kwama-60 ekhulwini awasazixeli izono.
Kucace mhlophe ukuba indlela iicawa ezisicacise ngayo isono nesohlwayo esihamba naso ayikwazanga ukwenza abantu bangoni. Abantu abaninzi abahamba icawa abasakholelwa ukuba ezi zinto ziphosakele. Ngokomzekelo, abanye bathi akukho nto iphosakeleyo xa abantu ababini abadala besabelana ngesondo kube kungekho mntu woniwayo.
Omnye unobangela wokuba abantu bacinge ngale ndlela kukuba abayikholelwa into abayifundisiweyo ngesono. Eneneni, abantu abaninzi abayikholelwa into yokuba uThixo obathandayo abantu angathuthumbisa aboni esihogweni ngonaphakade. Mhlawumbi ngaloo mathandabuzo aye enza abantu basibetha ngoyaba “isono.” Kodwa ke zikho nezinye izinto ezisenze sangananzwa isono.
Ukugatywa Kweendlela Zamandulo
Izinto ezenzeke kwiinkulungwane ezimbalwa ezidluleyo ziye zayitshintsha indlela abacinga ngayo abantu. Iimfazwe zehlabathi ezimbini kunye nezinye, kuquka nokutshatyalaliswa kwezizwe kuye kwenza abantu bayithandabuza imilinganiselo yamandulo. Bathi ‘Ngaba kusengqiqweni ukuphila ngemithetho yeenkulungwane ezadlulayo nengasasebenziyo kweli hlabathi lihambele phambili kwezobugcisa?’ Iingcali ezininzi ziye zagqiba kwelokuba ayisebenzi loo mithetho. Zikholelwa ukuba abantu bafanele bazikhulule kwamanye amakhamandela okuziphatha nakwiinkolelo baze bazibhokoxe kwimfundo ukuze baphumelele ebomini.
Le ndlela yokucinga iye yenza abantu bayilahla imilinganiselo yokuziphatha ebisoloko ikho. Kumazwe amaninzi aseYurophu bambalwa abantu abahamba icawa. Abantu abaninzi abananto bayikholelwayo, abanye bayichasile imithetho yeecawa yaye bathi ayinangqiqo. Abantu baqiqa ngelithi ukuba asizange sidalwe nguThixo kodwa sazivelela akukho mfuneko yokuthetha ngezono.
Ukuwohloka kwemilinganiselo yokuziphatha kumazwe asentshona ngenkulungwane yama-20 kuye kwaphumela ekutshintsheni kwendlela yokuziphatha ngokwesondo. Ukuqhankqalaza kwabafundi, imibutho ephikisa inkcubeko kunye nezinto zokuthintela inzala kuye kwafak’ isandla ekulahlweni kwendlela yokuziphatha. Loo nto iye yabangela ukuba imilinganiselo yeBhayibhile igatywe. Isizukulwana esitsha seza nemilinganiselo yokuziphatha emitsha saza sayitshintsha nendlela esijongwa ngayo isono. Omnye umbhali uthi ukususela ngoko “abantu baye balawulwa ngumthetho wothando kuphela”—oboniswa ngokwabelana ngesondo okungalawulekiyo.
Iicawa Ezenzelwe Ukukholisa Abantu
Iphepha-ncwadi iNewsweek lathi ngeUnited States: “Abefundisi abaninzi abafuni ukushumayela ngento eza kubaxabanisa nabantu.” Boyika ukuba amarhamente aza kuyishiya icawa xa bewabekela imithetho yokuziphatha engqongqo. Abantu abafuni kuva ukuba kufuneka bathobeke, baziphathe kakuhle, balunge okanye babe nezazela baze baguquke kwizono. Ngenxa yoko, iicawa ezininzi zishumayela “ngezinto ezaziyo ukuba ziyathandwa ngabantu nezenzelwe ukukholisa bona yaye azisayishumayeli ivangeli,” ngokokutsho kweChicago Sun-Times.
Ukwanda kwale ndlela yokucinga kuye kwavelisa unqulo oluchaza uThixo ngendlela oluthanda ngayo kunye neecawa ezinganquli Thixo kodwa ezenzelwe ukukholisa abantu. Eyona nto iphambili kukukholisa ibandla. Umphumo uba lunqulo olumfundiso yalo ingenamva namphambili. Iphephandaba iThe Wall Street Journal liyabuza ukuba “Yintoni ke ngoko evala isikhewu seemfundiso zobuKristu?” Libe sele liphendula lisithi: “Kufundiswa ukubanyamezela abanye abantu nokuthi nokuba ungaziphatha kanjani na kulungile, into ebalulekileyo kukuba ube nobubele.”
Olu hlobo lonqulo luye lwaphumela ekubeni abantu bathi yonke icawa ekukholisayo ilungile. IThe Wall Street Journal ithi nabani na onalo mbono “unokungena nakweyiphi na icawa engambekeli imilinganiselo engqongqo yokuziphatha nemthuthuzelayo kunokuba imgwebe.” Neecawa ke zibamkela “njengokuba benjalo” abantu yaye azibabekeli mithetho yakuziphatha.
Le nto ithethwe ngasentla inokukhumbuza abafundi beBhayibhile ngesiprofeto esathethwa ngumpostile uPawulos ngenkulungwane yokuqala Yexesha Eliqhelekileyo. Wathi: “Kuya kubakho ixesha laxa bengayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo, kodwa basuke ngokweminqweno yabo baziqwebele abafundisi bokubanyumbaza iindlebe; baya kuyifulathela inyaniso.”—2 Timoti 4:3, 4.
Abefundisi bayawenzakalisa amarhamente abo xa besibetha ngoyaba isono, besithi asikho baze ‘banyumbaze’ iindlebe zawo ngokuwaxelela izinto afuna ukuziva kunokuba bawafundise iBhayibhile. Iimfundiso ezinjalo zibubuxoki yaye ziyingozi. Zigqwetha enye yezona mfundiso zobuKristu zisisiseko. Isono kunye nokuxolelwa kwaso ngundoqo weendaba ezilungileyo ezashunyayelwa nguYesu nabapostile bakhe. Sicela ufunde amanqaku alandelayo ukuze uyiqonde kakuhle le nto.
[Imibhalo esemazantsi]
a Imfundiso yokubhadula komphefumlo ayisekho kwiincwadi zamaKatolika zakutshanje, mhlawumbi ngenxa yokungaqondakali kwayo. Funda ibhokisi ethi “Icawa Iyitshintsha Ngokupheleleyo Imfundiso Yayo” kwiphepha 10.
b Inkolelo yokutshiswa ngonaphakade esihogweni ayikho eBhayibhileni. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi funda isahluko 6 esinomxholo othi “Baphi Abafileyo?,” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
Unqulo olwenzelwe ukunyumbaza iindlebe zabantu luvelisa iziqhamo ezibolileyo
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Isono! “Yintoni Leyo?”
▪ “Enye yezona ngxaki ziphambili zecawa yindlela abasijonga ngayo abantu isono. Asisaziboni njengaboni abafuna ukuxolelwa. Mhlawumbi isono sasikade siyingxaki kodwa ke ngoku akusenjalo. Ngenxa yoko, inkoliso yabantu baseMerika ayisiboni siyingxaki isono nangona icawa inaso isicombululo sale ngxaki.”—umbhali wezakwalizwi uJohn A. Studebaker Jr.
▪ “Abantu abathi: ‘Ndilindele ukuba mna kunye nabanye abantu siziphathe kakuhle kodwa ke ndiyazi ukuba sonke singabantu ngoko ke ndenza oko kusemandleni am.’ Sifikelela umlinganiselo wokuziphatha owamkelekileyo. Sihlala kakuhle nabamelwane bethu. Kodwa ke sisibetha ngoyaba isono.”—umongameli weSouthern Baptist Theological Seminary, uAlbert Mohler.
▪ “Namhlanje abantu bayazithanda izinto ababekade bezigxeka [kuquka nezono ezisixhenxe eziyingozi]: abazali bakhuthaza abantwana ukuba babe nekratshi ukuze bazithembe; abanye abapheki baseFransi baxelela iVatican ukuba ubudla-kudla akusosono. Amaphephandaba akhuthaza ukuba nomona. Ezentengiso zisebenzisa isini; kuthiwa kufanelekile ukuba nomsindo xa ucatshukisiwe. Nam ndikhe ndifune ukulala imini yonke kunokuba ndisebenze.”—Nancy Gibbs kwiphephancwadi iTime.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Abantu abaninzi namhlanje bathi liyintsomi ibali lika-Adam noEva