Ibhalsam YaseGiliyadi—Ioli Ephilisayo
KWIBALI elidumileyo elikwincwadi yeBhayibhile yeGenesis sixelelwa ukuba uYosefu wathengiswa ngabantakwabo kubarhwebi bamaIshmayeli ababesiya eYiputa. Aba barhwebi babevela eGiliyadi yaye iinkamela zabo zazithwele ibhalsam nezinye iimpahla zizisa eYiputa. (Genesis 37:25) Eli bali lisibonisa ukuba ibhalsam yaseGiliyadi yayithandwa kakhulu kuMbindi Mpuma ngenxa yokuba yayiliyeza lokunyanga.
Kodwa ke, ngenkulungwane yesithandathu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo umprofeti uYeremiya owayebuhlungu wabuza wathi: “Akukho bhalsam na eGiliyadi”? (Yeremiya 8:22) Kwakutheni ukuze uYeremiya abuze lo mbuzo? Khona, yintoni ibhalsam? Ngaba ikho ibhalsam ephilisayo namhlanje?
Ibhalsam Ngamaxesha Okubhalwa KweBhayibhile
Ibhalsam ligama ebizwa ngalo ioli enuka kamnandi nedla ngokuveliswa zizityalo ezahlukahlukeneyo. Ioli yebhalsam eyayidla ngokusetyenziselwa ukuqhumisa nokuqhola yayiyenye yezinto ezazithandwa kuMbindi Mpuma. Yayiphakathi kwezinto eyayenziwe ngazo ioli engcwele yokuthambisa kunye nesiqhumiso esasisetyenziswa kwintente yokuhlangana ukuphuma kwamaSirayeli eYiputa. (Eksodus 25:6; 35:8) Ioli yebhalsam yayiphakathi kwezipho ezaphiwa uKumkani uSolomon ngukumkanikazi waseShebha. (1 Kumkani 10:2, 10) UEstere wathanjiswa ‘iinyanga ezintandathu ngeoli yebhalsam’ ngaphambi kokuba avele kuKumkani uAhaswerosi wasePersi.—Estere 1:1; 2:12.
Ngoxa ioli yebhalsam yayifumaneka kwimimandla eyahlukahlukeneyo yoMbindi Mpuma, ibhalsam yaseGiliyadi yona yayifumaneka kwiLizwe Lesithembiso kuphela yaye iGiliyadi ngummandla okwimpuma yoMlambo iYordan. Usolusapho uYakobi wayegqala ibhalsam njengenye ‘yezona mveliso zintle zelizwe’ yaye wayithumela eYiputa njengesipho. (Genesis 43:11) Nomprofeti uHezekile waquka ibhalsam phakathi kwezinto ezathunyelwa nguYuda noSirayeli eTire. (Hezekile 27:17) Ibhalsam yayidume ngokuphilisa. Iincwadi zakudala zithetha kaninzi ngokukwazi kwebhalsam ukunyanga ngokukodwa izilonda.
Isizwe Esigulayo Sifuna Ibhalsam
Kwakutheni ke ngoko ukuze uYeremiya abuze ukuba, “Akukho bhalsam na eGiliyadi?” Ukuze sikuqonde oku kufuneka sihlole imeko yohlanga lwakwaSirayeli ngelo xesha. Ngaphambidlana, umprofeti uIsaya wayechaze ukholo lwabo olwalufile esithi: “Ukususela entendeni yonyawo kude kuse entloko akukho ndawo iphilileyo kuwo. Amanxeba nokugruzuka nemivilambo emitsha—ayicudiswanga okanye ibotshwe, ingenziwanga nokuba ithambe ngeoli.” (Isaya 1:6) Kunokuba uhlanga luqonde ukuba lwalugula elukholweni luze lufune ukunyangwa, lwaqhubeka luphambuka. Ekuphela kwento awayenokuyenza uYeremiya ngomhla wakhe, yayikukulila athi: ‘Baligatyile ilizwi likaYehova, banabuphi na ke ubulumko?’ Ukuba babebuyele kuye, uYehova wayeza kubaphilisa. Umbuzo othi “Akukho bhalsam na eGiliyadi?” wawufuna kucingisiswe nzulu.—Yeremiya 8:9.
Eli hlabathi siphila kulo nalo “linamanxeba, ligruzukile yaye linemivumbo.” Abantu baziimpula zikalujaca, abaphathwa kakuhle, abanye banyolukile yaye abanabubele ngenxa yokuba uthando lwabo ngoThixo nommelwane lupholile. (Mateyu 24:12; 2 Timoti 3:1-5) Abanye baziva belahlwe kwesinomhlwa ngenxa yohlanga isizwe nobudala babo. Kuphinde ke kubekho neendlala, izigulo, iimfazwe nokufa. NjengoYeremiya amakholwa amaninzi ayazibuza ukuba akukho “bhalsam na eGiliyadi” yokunyanga amanxeba okomfuziselo abanawo abantu ababandezelekileyo.
Iindaba Ezilungileyo Eziphilisayo
Ngexesha likaYesu, abantu abathobekileyo babebuza lo mbuzo. Kodwa ke waphendulwa. Ekuqaleni ngowama-30 C.E., xa wayekwindlu yesikhungu yaseNazarete uYesu wafunda kumsongo kaIsaya kwindawo ethi: “UYehova undithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Undithumele ukubopha abantliziyo zaphukileyo.” (Isaya 61:1) Lo mazwi uYesu wawabhekisela kuye esithi wayenguMesiya owayethunywe ukushumayeza abantu isigidimi esithuthuzelayo.—Luka 4:16-21.
Ngalo lonke ixesha awayeshumayela ngalo, uYesu wathetha ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 4:17) KwiNtshumayelo yaseNtabeni, wathembisa abantu ababesezintlungwini ukuba imeko yabo yayiza kutshintsha: “Ninoyolo nina nililayo ngoku, ngenxa yokuba niya kuhleka.” (Luka 6:21) UYesu ‘wabaphilisa abantu ababeneentliziyo ezaphukileyo’ ngokubaxelela isigidimi sethemba sokuba uBukumkani bukaThixo buyeza.
“Iindaba ezilungileyo zobukumkani” zisathuthuzela nanamhla oku. (Mateyu 6:10; 9:35) Ngokomzekelo cinga ngemeko kaRoger noLiliane. NgoJanuwari 1961 baqalisa ukufunda ngethemba lobomi obungunaphakade yaye elo themba lalifana nebhalsam ephilisayo. ULiliane uthi: “Ndavuya ndade ndaxhentsa ndisakuva ngelo themba. Andizange ndikwazi nokuzibamba yimincili.” URoger owayeneminyaka elishumi engumlwelwe ngelo xesha woleka umsundulo esithi: “Ithemba lokuba kuza kubakho uvuko nokuba iintlungu nokugula kuza kuphela landenza ndaphinda ndonwaba ebomini.”—ISityhilelo 21:4.
Ngowe-1970 babhujelwa ngunyana wabo owayeneminyaka eli-11 ubudala. Kodwa abazange balahl’ ithemba. Bazibonela ngokwabo ukuba uYehova “uyabaphilisa abo baphuke intliziyo, uyazibopha iindawo zabo ezibuhlungu.” (INdumiso 147:3) Ithemba ababenalo labathuthuzela. Ngoku sele kumalunga neminyaka engama-50 iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obuzayo zibenza babe noxolo nolwaneliseko.
Ukuphiliswa Okuseza Kwenzeka
Ngaba ikho “ibhalsam yaseGiliyadi” namhlanje? Ewe, nanamhlanje isekho ibhalsam yokuphilisa ukholo. Ithemba eliza neendaba ezilungileyo zoBukumkani lisakwazi ukuzibopha iintliziyo ezaphukileyo. Ngaba nawe uyafuna ukuphiliswa ngale ndlela? Ekuphela kwento ekufuneka uyenze kukuvula iintliziyo yakho uze uvumele iLizwi likaThixo lisebenze ebomini bakho. Bazizigidi abantu abasele beyenzile loo nto.
Ukuphilisa kwale bhalsam kusikrobisa kwisiqabu esikhulu esizayo. Ixesha lokuba uYehova uThixo ‘aphilise iintlanga’ aze azinike ubomi obungunaphakade alifikanga ligalelekile. Ngelo xesha “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” Ewe, isekho “ibhalsam eGiliyadi”!—ISityhilelo 22:2; Isaya 33:24.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zisabathuthuzela nanamhla oku abantu abophuke iintliziyo