Inyaniso Ngesono
NGABA ukophula isixhobo sokuxilonga kuyamphilisa umntu ogulayo? Kakade akunjalo! Nokuphikisa kwabantu abaninzi imbono kaThixo ngesono akuthethi kuthi isono asikho. ILizwi lakhe iBhayibhile linezinto ezininzi elizithethayo ngesono. Lifundisa ntoni kanye kanye ngaso?
Bonke Bayasilela
Kwiminyaka emalunga namawaka amabini eyadlulayo, umpostile uPawulos wayekhathazwa kukuba ‘okulungileyo awayefuna ukukwenza wayengakwenzi, kodwa okubi awayengakuthandi ikuko awayekwenza.’ (Roma 7:19) Ukuba sinyanisekile nathi sifanele sivume ukuba imeko yethu iyafana neyakhe. Kusenokwenzeka ukuba siyafuna ukuphila ngeMithetho Elishumi okanye eminye imithetho kodwa ke siyasilela enoba siyathanda okanye asithandi. Asikuko nokuba senza ngabom kodwa ke sibuthathaka. Ibangelwa yintoni yonke le nto? UPawulos uphendula esithi: “Ukuba oko ndingakunqweneliyo koko ndikwenzayo, lowo ukusebenzayo ayisendim, kodwa sisono esihleli kum.”—Roma 7:20.
NjengoPawulos, bonke abantu bazalwa bebuthathaka nto leyo ebubungqina besono nokungafezeki esikuzuz’ ilifa. Lo mpostile wathi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” Ibangelwa yintoni le meko? UPawulos uhlabela mgama esithi: “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.”—Roma 3:23; 5:12.
Nangona abaninzi beyiphikisa le nto, iBhayibhile ifundisa ukuba isono sabazali bethu bokuqala sasahlukanisa noThixo saza sabangela ukuba singafezeki njengokuba sasidalwe sanjalo. Kodwa ke uYesu wacaphula kwizahluko zokuqala zeGenesis ngaloo ndlela ebonisa ukuba wayelikholelwa ibali lika-Adam noEva.—Genesis 1:27; 2:24; 5:2; Mateyu 19:1-5.
Enye yeemfundiso zeBhayibhile eziphambili kukuba uYesu weza emhlabeni ukuze abahlangule esonweni abantu abanokholo kuye. (Yohane 3:16) Ukuphila kwethu ngonaphakade kuxhomekeke ekwamkeleni indlela uYehova aza kusihlangula ngayo kule ngxaki ingaphaya kwamandla ethu. Kodwa ke asinakuyiqonda size siyixabise indlela aza kusisindisa ngayo uThixo xa singayazi kakuhle imbono yakhe ngesono.
Idini LikaYesu Nesizathu Sokuba Lalifuneka
UYehova wayefuna umntu wokuqala aphile ngonaphakade. UAdam wayeza kuphulukana nelo themba kuphela xa evukela uThixo. UAdam wavukela waza waba ngumoni. (Genesis 2:15-17; 3:6) UAdam wophula umthetho kaThixo ngokungenzi ngendlela efezekileyo waza wonakalisa ubuhlobo bakhe noThixo. Ukophula kwakhe umthetho kaThixo kwabangela ukuba aluphale aze afe. Okulusizi kukuba yonke inzala ka-Adam, kuquka nathi, yazalelwa esonweni yaye yonke iphelela ekufeni ngenxa yaso. Ngoba?
Kaloku isizathu sizicacele. Abazali abangafezekanga abanakuzala abantwana abafezekileyo. Bonke abantwana baka-Adam bazalwa bengaboni yaye “umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa” njengokuba watsho nompostile uPawulos. (Roma 6:23) Inxalenye yesibini yale vesi isinika ithemba kuba ithi: “Kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.” Loo nto ithetha ukuba ngedini lentlawulelo likaYesu, abantu abathobelayo nabanoxabiso banokuhlangulwa kwisono esenziwa nguAdam.a (Mateyu 20:28; 1 Petros 1:18, 19) Ifanele ikwenze uvakalelwe njani loo nto?
Uthando LukaKristu “Luyasinyanzela”
Umpostile uPawulos owayephefumlelwe wachaza indlela ayiphendula ngayo uThixo le mibuzo ingasentla. Wabhala wathi: “Uthando analo uKristu luyasinyanzela, ngenxa yokuba siye sagqiba kwelokuba, umntu omnye wabafela bonke; . . . yaye wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena lowo wabafelayo waza wavuswa.” (2 Korinte 5:14, 15) Umntu oqondayo ukuba idini likaYesu linokumkhulula kwimiphumo yesono nofuna ukubonisa ukuba uyalixabisa, ufanele azabalazele ukuphila ubomi bakhe ngendlela afuna ngayo uThixo. Oku kuquka ukwazi oko kufunwa nguThixo, ukuqeqesha isazela sakhe ngemigaqo yeBhayibhile nokuphila ngaloo migaqo.—Yohane 17:3, 17.
Izono zisixabanisa noYehova uThixo. UKumkani Davide umele ukuba waziva ehlazekile akubuqonda ubunzulu bokukrexeza kwakhe noBatshebha kunye nobokubulala kwakhe umyeni wakhe. Kodwa eyona nto yamkhathaza kakhulu nangakumbi yayikukuba izono zakhe zacaphukisa uThixo. Enentliziyo elihlwili wasivuma isono sakhe kuYehova esithi: “Ndone kuwe, kuwe wedwa, ndenze okubi emehlweni akho.” (INdumiso 51:4) Ngendlela efanayo xa uYosefu walingelwa ukuba akrexeze, isazela sakhe samenza wabuza ukuba: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?”—Genesis 39:9.
Ngoko ke, isono asikokuba neentloni nje kuba siye sahlazeka ngenxa yokubhaqwa sisenza into embi. Asingombandela wokuphendula kubantu kuba siye sasilela kwinkalo ethile. Ukophula umthetho kaThixo ngesondo, ukunyaniseka, intlonelo, unqulo nezinye izinto kusixabanisa naye. Ukuba senza isono ngabom sizenza iintshaba zikaThixo. Le nyaniso ifuna umntu acingisise ngayo.—1 Yohane 3:4, 8.
Ngoko ke kwenzeka ntoni kwisono? Akukho nto yenzekayo kuso. Abantu baqalisa ukusibiza ngamanye amagama kuba befuna singabi namandla kangako. Abaninzi baye abasinanza isazela sabo. Bonke abantu abafuna ukukholisa uThixo bafanele bayixhathise loo nto. Njengoko siye safunda, umvuzo wesono asikokwehlelwa sisidima okanye ukuphoxeka kuphela kodwa kukufa. Isono ngumbandela wokufa nokuphila.
Iindaba ezimnandi kukuba sinokuxolelwa ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu ukuba siguquka ngokunyanisekileyo ezonweni zethu size siziyeke. UPawulos wabhala wathi: “Banoyolo abo bazenzo zabo zokuchas’ umthetho zixolelweyo nabazono zabo zigutyungelweyo.” Waphinda wathi: “Unoyolo umntu osono sakhe uYehova angayi kuze asiqwalasele.”—Roma 4:7, 8.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingcaciso ngendlela ukufa kukaYesu okunokuluhlangula ngayo uluntu oluthobelayo, funda incwadi ethi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? iphepha-47 ukusa kwelama-54, ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 10]
ICawa Iyitshintsha Ngokupheleleyo Imfundiso Yayo
Inkoliso yabantu abahamba icawa yamaKatolika ibisoloko ingayiqondi kakuhle imfundiso yemiphefumlo ebhadula esithubeni. Kwiminyaka yakutshanje ibingasaveli kangako kwiincwadi zamaKatolika kangangokuba ngoku ayisekho. Ngowama-2007 iCawa yamaKatolika yayitshintsha ngokusemthethweni le mfundiso kuxwebhu olwaluchaza “izizathu ezingokwemfundiso yecawa zokuba nethemba lokuba iintsana ezifa zingekaphehlelelwa zinako ukusindiswa zize ziye kuyolo lukanaphakade.”—International Theological Commission.
Kutheni beyityeshele nje le mfundiso? Singathi olu tshintsho lwenza icawa yakhululeka koko umbhali wemihlathi waseFransi uHenri Tincq akubiza ngokuba “yimfundiso eluxanduva eyayifumana ngamaXesha Aphakathi ukuza kwinkulungwane yama-20 kwiCawa eyayisebenzisa ukuze yenze abazali bababhaptize ngokukhawuleza abantwana babo.” Ukutshintshwa kwale mfundiso kubangela eminye imibuzo.
Ngaba Isekelwe Kwisithethe okanye KwiZibhalo? Imbali ithi inkolelo yokubhadula komphefumlo yavela ngenkulungwane ye-12 emva kweengxoxo-mpikiswano ezaziphathelele isihogo. ICawa yamaKatolika yayifundisa ukuba umphefumlo uyasinda emva kokufa, ngenxa yoko kwakufuneka ichaze ukuba iyaphi imiphefumlo yabantwana eyayingenakuya ezulwini ngenxa yokuba bengabhaptizwanga kodwa ke ingafanelanga nokuya esihogweni. Yavela ngaloo ndlela ke imfundiso yokubhadula komphefumlo.
Kodwa ke yona iBhayibhile ayithi umphefumlo uqhubeka uphila emva kokuba umntu efile. Kunokuba ithi umphefumlo awufi, ithi imiphefumlo eyonayo “iyatshatyalaliswa” yaye “iya kufa.” (IZenzo 3:23; Hezekile 18:4 Douay-Rheims Version) Ngoko ke akunakuthiwa umphefumlo uyabhadula kuba imiphefumlo iyafa. Ukongezelela koko, iBhayibhile ithi umntu ofileyo akazi nto yaye ufana nomntu nje oleleyo.—INtshumayeli 9:5, 10; Yohane 11:11-14.
IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uthi bangcwele abantwana abancinane abazalwa ngamaKristu. (1 Korinte 7:14) Kodwa ke loo vesi ibingayi kunceda nganto ukuba bekufuneka iintsana zibhaptizwe ukuze zisindiswe.
Imfundiso yokubhadula kwemiphefumlo yayimnyelisa uThixo, imenza abonakale ngathi sisibhovubhovu esikhohlakeleyo nesohlwaya abantwana abamsulwa kungekhona lo Bawo onothando simazi enguye. (Duteronomi 32:4; Mateyu 5:45; 1 Yohane 4:8) Akumangalisi ke ngoko ukuba amaKristu anyanisekileyo angayiginyisisi ncam le mfundiso ingekho Zibhalweni!
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Ukuthobela iLizwi likaThixo kusenza sithandwe nguThixo size sihlale kakuhle nabanye abantu