Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Nembeko
IQHALO lamaJamani lithi: “Xa wothule umnqwazi, unokungena naphi na.” Kwindawo ezininzi, indoda eyothula umnqwazi xa ingena ekhayeni lomnye umntu okanye ibulisa yayigqalwa njengenembeko yaye ihlonelwa. Ngenxa yoko, intsingiselo yeli qhalo lingasentla kukuba abantu babaphatha ngobubele yaye bayabathanda abantu abanembeko.
Kuhlaziya ngokwenene ukubona abantwana abanesimilo! Omnye umveleli wesiphaluka waseHonduras oye ahambe nabavakalisi abakubudala obahlukahlukeneyo kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu uthi, “Ndidla ngokufumanisa ukuba umntwana oqeqeshwe kakuhle nonembeko ngoyena wenza umninimzi achukumiseke kunoko mna ndikuthethayo.”
Kule mihla izaliswe kukungabi nantlonelo, kuyanceda yaye kuyingenelo ukwazi indlela yokuphatha abantu. Ngaphezu koko, iZibhalo zisibongoza ukuba ‘siziphathe ngendlela ezifaneleyo iindaba ezilungileyo ezingoKristu.’ (Fil. 1:27; 2 Tim. 3:1-5) Kubalulekile ke ngoko ukuba sifundise abantwana bethu ukuhlonela abanye. Sinokubafundisa njani ukuba banganeli nje ukubonakala benembeko kodwa babe nentlonelo yenene?a
Abantwana Bafunda Ukuba Nembeko Ngokuyibona
Abantwana bafunda ngokuxelisa imizekelo abayibonayo. Ngoko ke, eyona ndlela ibalulekileyo abazali abanokufundisa ngayo abantwana babo ukuba nentlonelo kukuba nabo babe nayo. (Dut. 6:6, 7) Kubalulekile ukukhuthaza abantwana bakho ukuba babe nembeko, kodwa kufuneka wenze okungakumbi. Ukongezelela ekubakhumbuzeni ukuba babe nayo, ukumisela umzekelo omhle yeyona nto ibalulekileyo.
Cinga ngoPaula,b owakhuliswa ngumzali ongumKristu ongatshatanga. Ukuba nembeko kubantu bonke kwaba yinxalenye yobuntu bakhe. Ngoba? Uphendula athi, “UMama wayesimisela umzekelo, ibe loo nto yabangela ukuba kube lula ngathi bantwana ukuba nembeko.” UmKristu ogama linguWalter wafundisa oonyana bakhe ukuba bahlonele unina ongengomKristu. Uthi, “Ndafundisa oonyana bam ukuba bahlonele unina ngokumisela umzekelo, andizange ndakha ndayinyemba inkosikazi yam.” UWalter waqhubeka efundisa oonyana bakhe iLizwi likaThixo yaye wathandazela uncedo lukaYehova. Ngoku omnye wabo ukhonza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ukanti omnye unguvulindlela. Oonyana bakhe bayabathanda abazali babo yaye babahlonela bobabini.
IBhayibhile ithi: “UThixo unguThixo, kungekhona owesidubedube, kodwa owoxolo.” (1 Kor. 14:33) UYehova wenza yonke into ngocwangco. AmaKristu afanele azame ukuxelisa olu phawu lukaThixo aze agcine izinto zilungelelene emakhayeni awo. Abanye abazali baye bafundisa abantwana babo ukondlula iibhedi zabo yonke imihla ngaphambi kokuba baye esikolweni, ukuqoqosha iimpahla zabo nokuncedisa kwimisebenzi yekhaya. Ukuba abantwana bayabona ukuba ikhaya ligcinwa ngendlela elungeleleneyo yaye licocekile nabo baya kugcina amagumbi abo nezinto zabo zicocekile.
Abantwana bakho bakujonga njani oko bakufundiswa esikolweni? Ngaba bayababulela na ootitshala babo ngoko babenzela kona? Njengomzali, ngaba uye ubabulele? Abantwana bakho baya kuba nesimo sengqondo esifana nesakho kwindlela abawujonga ngayo umsebenzi wabo wesikolo nootitshala babo. Kutheni ungabakhuthazi ukuba bahlale bebabulela ootitshala babo? Ukubulela ngento oyenzelweyo yeyona ndlela ibalaseleyo yokubonisa intlonelo, enoba kukutitshala, kugqirha, kumntu osebenza evenkileni okanye nakubani na. (Luka 17:15, 16) AmaKristu aselula abonakala ahlukile kwabo afunda nabo ngenxa yokuba nembeko nentlonelo, afanele anconywe.
Amalungu ebandla lamaKristu afanele amisele umzekelo omhle ekubeni nembeko. Kuhle ukubona ulutsha olusebandleni lubonisa imbeko ngokuthi “ndiyacela” nangokuthi “enkosi”! Xa abantu abadala bebonisa intlonelo kuYehova ngokuphulaphula imiyalelo esiyinikwa kwiintlanganiso, abaselula nabo baye baxelise loo mzekelo. Abantwana banokufunda ukuba nesimilo kubamelwane babo ngokubona imizekelo emihle yokuba nembeko kwiHolo yoBukumkani. Ngokomzekelo, uAndrew oneminyaka emine ubudala sele efunde ukuthi, “Uxolo,” xa ecela ukudlula kubantu abadala.
Yiyiphi enye into enokwenziwa ngabazali ukunceda abantwana babo bayazi indlela ekulindeleke ukuba baziphathe ngayo? Abazali bafanele babe nexesha lokufundisa abantwana babo ngemizekelo emininzi efumaneka kwiLizwi likaThixo.—Roma 15:4.
Bafundise Ngemizekelo EseBhayibhileni
Kusenokwenzeka ukuba unina kaSamuweli wafundisa unyana wakhe ukuba aqubude phambi koMbingeleli Omkhulu uEli. Xa wasa uSamuweli emnqubeni, kusenokwenzeka ukuba wayeneminyaka emithathu okanye emine ubudala. (1 Sam. 1:28) Kutheni ungafundisi umntwana wakho indlela efanelekileyo yokubulisa? NjengoSamuweli oselula, abantwana bakho nabo banako ‘ukuthandeka kokubini kuYehova nakubantu.’—1 Sam. 2:26.
Kutheni ungasebenzisi iingxelo eziseBhayibhileni ukubalaselisa umahluko phakathi kokuba nembeko nokungabi nayo? Ngokomzekelo, xa uKumkani wakwaSirayeli owayengathembekanga uAhaziya wayefuna ukubona umprofeti uEliya, wathumela ‘intloko yabangamashumi amahlanu kunye namadoda ayo angamashumi amahlanu’ ukuba aye kumbiza. Eli gosa lanyanzelisa lo mprofeti ukuba ahambe nalo. Le yayingeyondlela efanelekileyo yokuthetha nomntu owayengummeli kaThixo. Wathini uEliya? Wathi: “Eneneni, ukuba ndiyindoda yakwaThixo, makuhle umlilo emazulwini ukudle ukugqibe wena namashumi amahlanu akho.” Ibe kwenzeka kanye oko. “Kwehla umlilo emazulwini wayidla wayigqiba namashumi amahlanu ayo.”—2 Kum. 1:9, 10.
Kwathunyelwa intloko yabangama-50 yesibini ukuba iye kulanda uEliya. Nayo yazama ukumnyanzela ukuba ahambe nayo. Kwakhona, kwehla umlilo ovela ezulwini. Kodwa emva koko, kweza intloko yabangama-50 yesithathu ize kulanda uEliya. Le ndoda yaba nentlonelo. Kunokuba inyanzelise uEliya, yaguqa ngamadolo yaza yambongoza isithi: “Mntu kaThixo oyinyaniso, ndiyacela, umphefumlo wam nemiphefumlo yaba bakhonzi bakho bangamashumi amahlanu mayixabiseke emehlweni akho. Yabona kuhle umlilo emazulwini waza wazidla iintloko ezimbini zabangamashumi amahlanu kunye namashumi amahlanu azo, kodwa ke owam umphefumlo mawuxabiseke emehlweni akho.” Ngaba umprofeti kaThixo wayeza kubiza umlilo uhle phezu komntu ekusenokwenzeka ukuba wayesoyika kodwa owathetha naye ngentlonelo engako? Unotshe! Kunoko, ingelosi kaYehova yaxelela uEliya ukuba ahambe neli gosa. (2 Kum. 1:11-15) Ngaba oko akugxininisi ukubaluleka kokuba nentlonelo?
Xa umpostile uPawulos wabanjwa ngamajoni amaRoma etempileni, akazange agqibe ekubeni unelungelo lokuthetha. Ngentlonelo wabuza igosa eliphetheyo: “Ndivumelekile na ukutsho okuthile kuwe?” Ngenxa yoko, uPawulos wanikwa ithuba lokuzithethelela.—IZe. 21:37-40.
Xa kwakuxoxwa ityala lakhe, uYesu wampakazwa ebusweni. Noko ke, wakhalaza ngendlela efanelekileyo esithi: “Ukuba ndithethe kakubi, nikela ubungqina ngokuphathelele ububi obo; kodwa ukuba ndithethe ngokufanelekileyo, kutheni undibetha nje?” Akukho mntu owabona isiphoso kwindlela uYesu awathetha ngayo.—Yoh. 18:22, 23.
ILizwi likaThixo likwanemizekelo yendlela esinokusabela ngayo xa silulekwa ngokuqatha nendlela yokuvuma iziphoso esizenzileyo okanye ukungakhathali. (Gen. 41:9-13; IZe. 8:20-24) Ngokomzekelo, uAbhigali wamcelela uxolo umyeni wakhe, uNabhali owaphatha uDavide ngokusa. Ukongezelela ekuceleni uxolo, wanika uDavide ukutya okuninzi. UDavide wachukumiseka koko kwenziwa nguAbhigali kangangokuba emva kokufa kukaNabhali wamthabatha ukuba abe ngumfazi wakhe.—1 Sam. 25:23-41.
Kubalulekile ukufundisa abantwana bakho ukuba babe nentlonelo, enoba ubafundisa ukuba babe nembeko phantsi kweemeko ezinzima okanye ubafundisa nje ukuba nesimilo. ‘Ukukhanyisa ukhanyiselo lwethu phambi kwabantu’ ngale ndlela ‘kuzukisa uBawo osemazulwini.’—Mat. 5:16.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kakade ke, abazali bafanele bancede abantwana babo babone umahluko phakathi kokuba nembeko kubantu abadala nokuthobela abantu abanokubenzakalisa. Funda uVukani! kaOktobha 2007, iphepha 3-11.
b Amanye amagama atshintshiwe.