Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:
• Kutheni sinokukholelwa ukuba umyezo wase-Eden wawuyindawo yokwenene?
IBhayibhile iwuchaza njengendawo yokwenene, ichaza nendawo owawukuyo. Imilambo emibini echazwe kule ngxelo isekho nanamhlanje. Azidli ngakuba njalo iintsomi. UYesu, elona Ngqina linokuthenjwa, wachaza uAdam noEva njengabantu bokwenene.—1/1, iphepha 5-6, 9.
• Ngaba uThixo wayesazi ukuba uAdam noEva babeza kona?
Akunjalo. UYehova wabanika ingqondo nenkululeko yokuzikhethela, ukuze bakwazi ukukhetha phakathi kokuthobela nokungathobeli. Nangona enamandla okwazi izinto kwangaphambili, uThixo akawasebenzisi nanini na.—1/1, iphepha 13-15.
• Ngaba amaKristu enene asebenzisa igama likaThixo njengekhubalo?
Abanye abantu badla ngokuba nento okanye uphawu abalujonga njengekhubalo elibakhusela ngomlingo, kodwa abantu bakaThixo abajongi igama lakhe ngaloo ndlela. Baba nokholo kuYehova kwaye bazama ukwenza ukuthanda kwakhe, ngaloo ndlela besabela phantsi kwegama lakhe. (Zef. 3:12, 13)—1/15, iphepha 5-6.
• Ngoobani ababencedwa kukubhikica kwaSirayeli?
Wonke umntu wayencedakala. Kwakusenza amahlwempu akhuthale, kuba kwakufuneka abhikice. Nabanye abantu babengenelwa kuba babekhuthazwa ukuba babe nesisa kwaye bakholose ngentsikelelo kaThixo.—2/1, iphepha 15.
• Kwakutheni ukuze uYehova agatye uKumkani uSawule?
USawule wayemele alinde umprofeti kaThixo ukuba enze umbingelelo, kodwa lo kumkani wavukela, wawenza ngokwakhe loo mbingelelo. Kamva, akazange athobele umyalelo wokuba alutshabalalise lonke uhlanga olwalulutshaba.—2/15, iphepha 22-23.
• Sinokubonisa njani ukuba sikuthiyile ukuchas’ umthetho?
Siya kububeka kwindawo yabo utywala, siphephe ukusebenzisa ubugqi, kwaye siphulaphule isilumkiso sikaYesu ngokuziphatha okubi. Ngokomzekelo, siya kukuphepha ukubukela amanyala kunye neminqweno enokubangelwa kuko. (Mat. 5:27, 28) Kwakhona asiyi kubuthelana nabantu abasusiweyo kubudlelane.—2/15, iphepha 29-32.
• Yintoni ephawulekayo ngesisele seenyosi sakudala esiye safunyanwa ngabembi bezinto zakudala kuSirayeli wale mihla?
Abembi bezinto zakudala bafumene izisele ezingaphezu kwama-30, ibe abaphengululi baqikelela ukuba zazivelisa isiqingatha setoni yobusi ngonyaka. Loo nto ibonisa ukuba iinyosi zazifuywa kwilizwe uThixo awayethe laliya “kuqukuqela ubisi nobusi.” (Eks. 3:8)—3/1, iphepha 15.
• Yiyiphi indlela uYeremiya awafana ngayo nomthi “otyalwe ngasemanzini, othumela iingcambu zawo ngasemfuleni”? (Yer. 17:7, 8)
Akazange ayeke ukuvelisa isiqhamo; engazange kananjalo avume ukuphenjelelwa ngabagxeki. Kunoko, wanamathela kuMthombo wamanzi obomi, waza wenza konke oko uThixo awayemxelele kona.—3/15, iphepha 14.
• Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi kuMarta zizinto ezimbalwa ezifunekayo okanye inye kuphela? (Luka 10:41, 42)
Wayengathethi kuthi wayethanda izinto eziphathekayo ngokulungiselela iintlobo ezahlukeneyo zokutya; kananjalo wayengakusingeli phantsi ukubulaleka kwakhe. Kunoko wayechaza izinto ezazifanele zize kuqala. UMarta wayephoswa lithuba elikhethekileyo lokuqinisa ukholo lwakhe.—4/1, iphepha 12-13.
• Yiyiphi imigaqo yomthetho eyaphulwayo xa kwakuchotshelwe ityala likaYesu?
Akazange anikwe ithuba lokuzithethelela. Kwafunwa abantu ababeza kunikela ubungqina bobuxoki. Ityala lachotshelwa ebusuku. Ityala laqala laza laphela ngosuku olunye.—4/1, iphepha 20.