Imibuzo Yabafundi . . .
Ngaba Ubomi Obungunaphakade Kumhlaba Oyiparadesi Buya Kukruqula?
▪ IBhayibhile isithembisa ukuba singaphila ngonaphakade kumhlaba oyiParadesi. (INdumiso 37:29; Luka 23:43) Ngaba ukuphila ngonaphakade kwindawo efezekileyo kuya kukruqula?
Lowo ngumbuzo obalulekileyo. Abaphandi baye bafumanisa ukuba xa umntu engonwabanga, unokuxinezeleka, adandatheke okanye atyekele ekubekeni ubomi bakhe emngciphekweni. Abantu abangenanjongo ebomini okanye abadikwe zizinto abasoloko bezenza banokukruquka. Ngaba ubomi babantu abaza kuphila eParadesi abuzi kuba nanjongo? Ngaba izinto eziza kwenziwa imihla ngemihla azizi kubangela mdla?
Okokuqala, khumbula ukuba nguYehova uThixo, uMbhali weBhayibhile, othembisa ngobomi obungunaphakade. (Yohane 3:16; 2 Timoti 3:16) Olona phawu lukaThixo lubalaseleyo luthando. (1 Yohane 4:8) UYehova uyasithanda kakhulu, usinike zonke izinto esizinandiphayo ngoku.—Yakobi 1:17.
UMdali wethu uyazi ukuba ukuze sonwabe, kufuneka senze umsebenzi onenjongo. (INdumiso 139:14-16; INtshumayeli 3:12) EParadesi, abantu abazi kuvakalelwa ngathi basebenza kumzi-mveliso yaye abaxatyiswanga. Umsebenzi wabo uza kuba lulutho kubo nakwabanye abantu. (Isaya 65:22-24) Ukuba umsebenzi owenzayo ububangel’ umdla, ngaba bebuya kukruqula ubomi?
Kwakhona khumbula ukuba uYehova uThixo akayi kuvuma ukuba kuphile nabani na eParadesi. Isipho sobomi obungunaphakade uza kusinika kuphela abo baxelisa uNyana wakhe, uYesu. (Yohane 17:3) Ngoxa wayelapha emhlabeni, uYesu wayekuthanda ukwenza ukuthanda kukaYise. Wafundisa abalandeli bakhe ngamazwi nangomzekelo ukuba ulonwabo lokwenene lufumaneka ngokupha ngaphezu kokwamkela. (IZenzo 20:35) Eparadesi, kuya kuphilwa ngemithetho emibini eyeyona mikhulu—ukuthanda uThixo nommelwane. (Mateyu 22:36-40) Khawufan’ ucinge, xa uphila nabantu abangazingciyo abakuthandayo nabathanda umsebenzi wabo! Ngaba ucinga ukuba ubomi buya kukruqula xa uphila nabantu abanjalo?
Yintoni enye eya kubandakanyeka kubomi baseParadesi? Siza kufunda izinto ezintsha ngoMdali wethu suku ngalunye. Abaphandi baye bafumanisa izinto ezimangalisayo kwindalo kaYehova. (Roma 1:20) Kodwa ke, ukuza kuthi ga ngoku, akukho nto ingako esiyaziyo. Kwiminyaka engamawaka waka eyadlulayo, indoda ethembekileyo uYobhi yakhe yazibuza ukuba yazi kangakanani ngoYehova, isigqibo eyafikelela kuso siyinyaniso. UYobhi wathi: “Ezi zinto yimiphetho yeendlela zakhe [uYehova], yaye kukusebeza kuphela okuviweyo kuvela kuye! Kodwa ngubani onokubonisa ukuyiqonda indudumo yakhe enamandla?”—Yobhi 26:14.
Kungakhathaliseki ukuba siphila ixesha elingakanani, asisoze sazi yonke into ngoYehova nemisebenzi yakhe. IBhayibhile ithi uThixo ufake umnqweno wokuphila ngonaphakade ezintliziyweni zethu. Kodwa iphinde ithi asisoze siwazi “umsebenzi uThixo oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.” (INtshumayeli 3:10, 11) Ngaba ucinga ukuba kuya kukruqula ukufunda izinto ezintsha ngoMdali wakho?
Kwanangoku abantu abenza umsebenzi onceda abanye uze uzukise uThixo abafane bakruquke. Sinokuqiniseka ukuba xa sizixakekisa ngomsebenzi ofanayo, asinakuze sikruquke—nokuba sinokuphila ngonaphakade.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 27]
Earth: Image Science and Analysis Laboratory, NASA-Johnson Space Center; Galaxy: The Hubble Heritage Team (AURA/STScI/NASA)