INQAKU ELIFUNDWAYO 50
“Uza Kuba Nam EParadesi”
“Ndiyakuthembisa namhlanje, uza kuba nam eParadesi.”—LUKA 23:43.
INGOMA 145 UThixo Usithembisa IParadesi
IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa
1. Xa wayesele eza kusweleka, uYesu wathini kutsotsi owayexhonywe naye? (Luka 23:39-43)
UYESU nootsotsi awayexhonywe nabo babesiva iintlungu njengoko babesweleka. (Luka 23:32, 33) Bobabini aba tsotsi babemgezela uYesu, ngoko kucacile ukuba babengengabo abafundi bakhe. (Mat. 27:44; Marko 15:32) Kodwa omnye wabo watshintsha. Wathi: “Yesu, uzundikhumbule xa useBukumkanini bakho.” UYesu wathi kuye: “Ndiyakuthembisa namhlanje, uza kuba nam eParadesi.” (Funda uLuka 23:39-43.) Kungenzeka ukuba lo tsotsi wawuva umyalezo ‘woBukumkani bamazulu’ awayeshumayela ngabo uYesu, kodwa zange ade abe ngumlandeli wakhe. NoYesu zange atsho ukuba lo tsotsi uza kuba seBukumkanini. (Mat. 4:17) Wayethetha ngeParadesi eza kuba semhlabeni. Kutheni sisitsho?
Sinokuthi wayeloluphi uhlanga utsotsi owayethetha noYesu, iyintoni awayeyazi? (Jonga isiqendu 2-3)
2. Yintoni esenza sithi lo tsotsi waguqukayo wayengumYuda?
2 Kubonakala ngathi lo tsotsi waguqukayo wayengumYuda. Kaloku wathi komnye: “Akumoyiki na wena uThixo, ekubeni nawe ufumene isigwebo esifanayo?” (Luka 23:40) AmaYuda ayekhonza uThixo omnye, kodwa abantu ababengengawo babekholelwa kooThixo abaninzi. (Eks. 20:2, 3; 1 Kor. 8:5, 6) Ukuba aba tsotsi babengengawo amaYuda, mhlawumbi lo mbuzo wawunokuthi, “Awuboyiki na wena oothixo?” Enye into, uYesu wayengathunywanga kubantu ababengengawo amaYuda, wayethunywe “kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli kuphela.” (Mat. 15:24) Kaloku kwakuxelelwe amaSirayeli ukuba uThixo uza kuvusa abantu abaswelekileyo. Kusenokwenzeka ukuba nalo tsotsi wayeyazi loo nto, futhi into awayithethayo ibonisa ukuba wayelindele ukuba uYehova amvuse uYesu ukuze alawule kuBukumkani BukaThixo. Kuyabonakala ukuba le ndoda yayinethemba lokuba nayo iza kuvuswa nguThixo.
3. Inoba yintoni eyathi qatha engqondweni yotsotsi owaguqukayo xa uYesu wayethetha ngeParadesi? Cacisa. (Genesis 2:15)
3 Ekubeni lo tsotsi wayengumYuda, umele ukuba wayesazi ngoAdam noEva nangeParadesi uYehova awayebabeke kuyo. Ngoko kungenzeka ukuba wayekholelwa ukuba iParadesi uYesu awayethetha ngayo iza kuba yigadi entle elapha emhlabeni.—Funda iGenesis 2:15.
4. Into eyathethwa nguYesu imele isenze sicinge ngantoni?
4 Into eyathethwa nguYesu kutsotsi imele isenze sicinge ukuba kuza kuba njani eParadesi. Phofu ikhona into esingayifunda ngeParadesi kuxolo olwalukho xa kwakulawula uKumkani uSolomon. IBhayibhile ithi uYesu mkhulu kunoSolomon, ngoko sinokulindela ukuba yena nabantu aza kulawula nabo baza kuncedisana ekwenzeni umhlaba ube yiParadesi. (Mat. 12:42) Siyaqondakala ke isizathu sokuba ezinye izimvu zifune ukwazi ukuba zinokwenza ntoni ukuze ziphile ngonaphakade eParadesi.—Yoh. 10:16.
KUZA KUBA NJANI EPARADESI?
5. Ucinga ukuba kuza kuba njani eParadesi?
5 Ucinga ukuba kuza kuba njani eParadesi? Mhlawumbi ucinga ngepaki entle efana negadi yase-Eden. (Gen. 2:7-9) Usenokuba ucinga ngesiprofeto esikuMika esithi ngamnye kubantu bakaThixo “uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya.” (Mika 4:3, 4) Usenokukhumbula nento ethethwa yiBhayibhile yokuba kuza kubakho ukutya okuninzi. (INdu. 72:16; Isa. 65:21, 22) Usenokuba uzibona uhleli etafileni egcwele ukutya okumnandi kwigadi entle, uphefumla umoya onuka kamnandi wezityalo neeflawa. Kusenokwenzeka ukuba uba nawo nombono wentsapho yakho ihleli nezihlobo nabantu abavusiweyo, kuhlekwa kumnandi. Le nto ayilophupha njee, siqinisekile ukuba iza kwenzeka aph’ emhlabeni. Sekunjalo, eParadesi kuza kubakho nemisebenzi esiza kuyenza sonwabile.
Siza kwenza umsebenzi obalulekileyo wokufundisa abantu abavusiweyo (Jonga isiqendu 6)
6. Yintoni esiza kuyenza eParadesi? (Jonga umfanekiso.)
6 UYehova usidalele ukuba siwonwabele umsebenzi esiwenzayo. (INtshu. 2:24) Siza kuxakeka nyhani kwiMinyaka Eyi-1000 yokuLawula kukaKristu. Abantu abaza kusinda kwintlungu engathethekiyo, nabanye abaninzi abaza kuvuswa baza kudinga ukutya, impahla nendawo yokuhlala. Ukuze bazifumane ezi zinto, kuza kufuneka sisebenze nyhani. Njengokuba uAdam noEva kwakufuneka balime igadi eyayilikhaya labo, nathi kuza kufuneka senze umhlaba ube yiParadesi. Khawucinge indlela ekuza kuba mnandi ngayo ukufundisa abantu abaninzi abavusiweyo, abasweleka bengamazi uYehova nezinto awayefuna ukuzenza, nokubalisela abantu abathembekileyo ababephila ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni izinto ezenzeka emva kokuba beswelekile.
7. Yintoni esinokuqiniseka ngayo? Kutheni?
7 Siqinisekile ukuba eParadesi kuza kubakho uxolo, ucwangco, futhi siza kufumana yonke into esiyidingayo. Yintoni esenza siqiniseke? Kaloku uYehova usikrobisile ukuba siza kuphila njani xa kulawula uNyana wakhe. Usibonise kwindlela uKumkani uSolomon awayelawula ngayo.
ULAWULO LUKAKUMKANI USOLOMON LWALUPHANTSE LUFANE NEPARADESI
8. Yenzeka njani into ethethwa kwiNdumiso 37:10, 11, 29 emva kokuba uKumkani uDavide eyibhalile? (Jonga inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” elikule Mboniselo.)
8 Ukumkani uDavide waphefumlelwa ukuba abhale indlela ekuza kuba yiyo xa kulawula ukumkani olumkileyo nothembekileyo. (Funda iNdumiso 37:10, 11, 29.) Xa sixelela abantu ngeParadesi ezayo, sidla ngokubafundela iNdumiso 37:11. Sinesizathu esivakalayo sokuyenza loo nto kuba kwiNtshumayelo YaseNtabeni, uYesu wasicaphula esi Sibhalo, ebonisa ukuba sithetha ngento eseza kwenzeka. (Mat. 5:5) Kodwa la mazwi kaDavide ayebonisa nokuba kwakuza kuba njani xa kulawula uKumkani uSolomon. Ngelo xesha abantu bakaThixo babehleli ngoxolo futhi befumana yonke into abayidingayo kwilizwe “eligcwele ubisi nobusi.” Kaloku uThixo wayethe: “Ukuba niyaqhubeka niphila ngemiyalelo yam . . . , Ndiza kuzisa uxolo elizweni, niza kulala kungekho mntu unoyikisayo.” (Lev. 20:24; 26:3, 6) Kwenzeka loo nto kanye xa uSolomon wayengukumkani kwaSirayeli. (1 Kron. 22:9; 29:26-28) UYehova wayethembise nokuba abantu abangalunganga ‘babengazukubakho.’ (INdu. 37:10) Ngoko into ethethwa kwiNdumiso 37:10, 11, 29 yenzeka kudala futhi iseza kuphinda yenzeke.
9. Wathini ukumkanikazi waseShebha ngolawulo lukaKumkani uSolomon?
9 Xa kwakulawula uSolomon, ukumkanikazi waseShebha weva ukuba amaSirayeli ahleli ngoxolo futhi akukho nto ayidingayo. Lo kumkanikazi wasuka kwilizwe elikude waya eYerusalem, eyokuzibonela le nto ngawakhe amehlo. (1 Kum. 10:1) Emva kokuba elubonile ulawulo lukaSolomon, wathi: “Khange ndixelelwe yonke into. . . . Bayavuya abantu bakho, bayavuya nabakhonzi bakho abema phambi kwakho rhoqo bamamele ubulumko bakho!” (1 Kum. 10:6-8) Kodwa lo ngumzekelo nje wento uYehova aza kuyenzela abantu xa kulawula uNyana Wakhe uYesu.
10. UYesu umodlula ngantoni uSolomon?
10 UYesu umodlula ngayo yonke into uSolomon. Kaloku uSolomon wayenesono, wenza neempazamo ezininzi ezafaka abantu bakaThixo engxakini. Kanti yena uYesu nguMlawuli ongenasono, ongazenziyo tu iimpazamo. (Luka 1:32; Heb. 4:14, 15) Zange agungqe nangona uSathana wayemlinga ngeendlela ezazinokwenza kube nzima ukuhlala ethembekile. Wazibonakalisa ukuba soze one okanye enze nantoni na enokubafaka engxakini abantu abathembekileyo aza kubalawula. Kuyinyhweba nyhani ukuba noKumkani onguYesu.
11. Ngoobani abaza kulawula noYesu?
11 UYesu nabantu abayi-144 000 aza kulawula nabo baza kuncedisana ukuze bakhathalele abantu, ukuze kwenzeke laa nto uYehova wayefuna yenzeke emhlabeni. (ISityhi. 14:1-3) Aba, baza kuba ngabalawuli ababacingelayo abantu kuba nabo banyamezela iingxaki ezinzima xa babesesemhlabeni. Yintoni kanye kanye eza kwenziwa ngabantu abaza kulawula noYesu?
BAZA KWENZA NTONI ABATHANJISWA?
12. Ngowuphi umsebenzi uYehova aza kuwunika i-144 000?
12 UYesu nabantu aza kulawula nabo baza kwenza umsebenzi omkhulu kunokaSolomon. Kaloku uSolomon wayelawula iimiliyon zabantu abakwilizwe nje elinye. Kodwa abo baza kulawula kuBukumkani BukaThixo baza kukhathalela iibhiliyon zabantu emhlabeni wonke. Yinyhweba enkulu kwi-144 000 ukukhethwa nguYehova ukuba ilawule!
13. Ngowuphi umsebenzi obalulekileyo oza kwenziwa ngabantu abaza kulawula noYesu?
13 I-144 000 iza kuba ngababingeleli nookumkani njengoYesu. (ISityhi. 5:10) KuMthetho owabhalwa nguMoses, ababingeleli babenomsebenzi wokuqiniseka ukuba abantu bahlala besempilweni futhi bangabahlobo bakaYehova. Ekubeni lo Mthetho ‘wawusisithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza,’ kusengqiqweni ukukholelwa ukuba abantu abaza kulawula noYesu baza kunceda abantu bakaThixo bahlale besempilweni futhi babe ngabahlobo Bakhe. (Heb. 10:1) Asazi ukuba aba kumkani nababingeleli baza kuthetha njani nabantu abasemhlabeni. Kodwa into esiqiniseke ngayo kukuba uYehova uza kuyenza indlela yokuba abantu abaza kube bephila eParadesi bayifumane imiyalelo esuka kuye.—ISityhi. 21:3, 4.
‘EZINYE IZIMVU’ ZIMELE ZENZE NTONI UKUZE ZIPHILE EPARADESI?
14. Yintoni emanyanisa ‘ezinye izimvu’ ‘nomhlambi omncinci’?
14 Xa uYesu wayethetha ngabantu aza kulawula nabo wathi ‘ngumhlambi omncinci.’ (Luka 12:32) Wathetha nangelinye iqela awalibiza ngokuba ‘zezinye izimvu.’ (Yoh. 10:16) La maqela mabini angumhlambi omnye omanyeneyo. Ngoku asebenza kunye futhi aseza kuqhubeka esebenza kunye naxa umhlaba usenziwa iParadesi. Ngelo xesha, abo ‘bangumhlambi omncinci’ baza kube besezulwini, zona ‘ezinye izimvu’ ziza kube zinethemba lokuphila kamnandi apha emhlabeni ngonaphakade. Kodwa kukho izinto ezimele zizenze ngoku ukuze zibekho eParadesi.
Singabonisa kwangoku ukuba silungiselela ukuphila eParadesi (Jonga isiqendu 15)b
15. (a) ‘Ezinye izimvu’ zisebenzisana njani nabazalwana bakaKristu? (b) Unokuyilinganisa njani into eyenziwa ngumzalwana oyokuthenga amayeza? (Jonga umfanekiso.)
15 Utsotsi owaguqukayo wasweleka engekayibonisi indlela ambulela ngayo uKristu. Kodwa thina bezinye izimvu sinamathuba amaninzi okubonakalisa ukuba siyamthanda uYesu. Ngokomzekelo, siyibonisa loo nto ngendlela esibaphatha ngayo abazalwana bakhe abathanjiswe ngomoya. Kaloku wathi yiloo nto eza kumenza agqibe ukuba siziigusha okanye asizizo. (Mat. 25:31-40) Abazalwana bakaKristu sibancedisa ngokuwukhuthalela umsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi. (Mat. 28:18-20) Yiloo nto sifuna ukuzisebenzisa izixhobo zokufundisa iBhayibhile abasinika zona, njengencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Ukuba akukho mntu umfundisa iBhayibhile, cela abantu abaninzi kangangoko unako ukuba ubaqhubele isifundo.
16. Sinokwenza ntoni ukuze silungiselele ukuphila eParadesi?
16 Asimele silinde kude kufike iParadesi ukuze sibe luhlobo lwabantu uYehova afuna luphile khona. Kwangoku masisebenzele ukuba izinto esizenzayo nesizithethayo zibonise ukuba singabantu abanenyani, futhi singabaxi xa sisenza izinto. Masithembeke kuYehova, kubantu esitshate nabo nakwamanye amaKristu. Ukuba sizama kwangoku sisekweli hlabathi libi ukuphila ngemithetho kaThixo, kuza kuba lula ukuphila ngayo naseParadesi. Sisenokufunda nokwenza imisebenzi esiza kuyenza eParadesi, sizame ukuba nazo nezinye iimpawu ezintle. Loo nto iza kubonisa ukuba silungiselela ukuphila khona. Jonga inqaku elithi, “Ngaba Sowulindele Ukuba ‘Umhlaba Ube Lilifa Lakho’?” elikule Mboniselo.
17. Ngaba simele sikhathazeke ngenxa yezono esazenzayo? Cacisa.
17 Simele sizame nokuyeka ukuba buhlungu ngenxa yezono ezinzulu esazenzayo. Ewe kona asinakuzimela ngokuba uYesu wasihlawulela kuba sifuna ‘ukona ngabom.’ (Heb. 10:26-31) Kodwa ukuba saguquka kwisono esinzulu esasenzayo, sacela uncedo kubadala saza sayitshintsha nendlela esizenza ngayo izinto masiqiniseke ukuba uYehova usixolele nyhani. (Isa. 55:7; IZe. 3:19) Cinga ngento eyathethwa nguYesu kubaFarisi esithi: “Andizanga kubiza malungisa, ndizokubiza aboni.” (Mat. 9:13) Idini likaYesu linamandla okuzosula zonke izono zethu.
UNGAPHILA NGONAPHAKADE EPARADESI
18. Ziintoni ongathanda ukuzincokola notsotsi owayebethelelwe noYesu?
18 Khawube nombono wakho useParadesi, uncokola nala tsotsi wayethetha noYesu. Ngokuqinisekileyo ningancokola ngendlela enimbulela ngayo uYesu ngokusifela kwakhe. Usenokumcela akubalisele nezinye izinto ezenzekayo ngaphambi kokuba uYesu afe, nendlela awaziva ngayo xa uYesu wathi uza kuyenza into awayemcela ukuba ayenze. Mhlawumbi naye usenokukubuza ukuba bekunjani ukuphila kwimihla yokugqibela yehlabathi likaSathana. Kuza kuba mnandi nyhani ukubafundisa iLizwi LikaThixo abantu abafana nale ndoda.—Efe. 4:22-24.
KwiMinyaka Eliwaka yokulawula kukaKristu umzalwana uvuyiswa kukuba ezama ukuyenza bhetele into ekudala efuna ukuyenza (Jonga isiqendu 19)
19. Kutheni singazudikwa kukuhlala eParadesi? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)
19 Soze sidikwe kukuhlala eParadesi. Siza kudibana nabantu abasonwabisayo, sivuyiswe nangumsebenzi esiwenzayo. Eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba qho ngosuku siza kuya simazi uTata wethu osezulwini, sivuyiswe nazizinto asenzele zona. Kuza kuhlala kukho izinto ezininzi esiza kuzifunda ngaye, sifunde nezinto ezininzi ngendalo yakhe. Ngokuya siphila, siza kuya simthanda kakhulu. Simbulela nyhani uYehova noYesu ngokusithembisa ngobomi obungunaphakade eParadesi!
INGOMA 22 UBukumkani Bumiselwe—Mabuze!
a Ngaba udla ngokucinga ukuba kuza kuba njani eParadesi? Kuyakhuthaza ukwenza loo nto. Xa sihlala sicinga ngezinto uYehova aza kusenzela zona, siza kuya sikuthanda ukufundisa abantu ngehlabathi elitsha. Eli nqaku liza kusinceda siqinis’ ukholo lwethu kwiparadesi ezayo esayithenjiswa nguYesu.
b INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana onethemba lokuba ngomnye wabantu abaza kufundisa abantu abavusiweyo eParadesi sel’ eqalile ukufundisa.