Isiprofeto 5 Ukonakaliswa Komhlaba
‘UThixo uya konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISITYHILELO 11:18.
● UMnu. uPirri usebenza kumzi-mveliso wewayini eKpor, eNigeria. Ishishini lakhe liye latshatyalaliswa kukuchitheka kweoli kwiNiger Delta. Uthi: “Ibulala iintlanzi zethu, yonakalisa izikhumba zethu ingcolise nemithombo yethu. Andisenandlela yokuziphilisa.”
ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Ngokutsho kwezinye iingcali, kuchitheka iitoni zenkunkuma ezizizigidi ezisi-6.5 elwandle nyaka ngamnye. Malunga nama-50 ekhulwini aloo nkunkuma yiplastiki iya kuthatha amakhulu eminyaka ngaphambi kokuba ibole. Ukongezelela ekungcoliseni umhlaba, abantu batyhuthula ubuncwane bawo ngesantya esingazange sibonwe ngaphambili. Uphando lubonisa ukuba umhlaba ufuna unyaka oneenyanga ezintlanu ukuze ukwazi ukuphinda uvelise izinto ezisetyenziswa ngabantu ixesha elingangonyaka. Iphephandaba laseOstreliya iSydney Morning Herald lithi: “Ukuba abantu bayaqhubeka besanda yaye besebenzisa ubuncwane bomhlaba ngale ndlela, ngonyaka wowama-2035 kuza kufuneka sibe nemihlaba emibini.”
BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Abantu banamacebo. Sinokuzilungisa ezi ngxaki size siwusindise nomhlaba.
NGABA BANYANISILE? Abantu kwakunye namaqela amaninzi aye alumkisa ngokonakaliswa komhlaba. Nakuba kunjalo, abantu basaqhubeka bewungcolisa umhlaba ngomkhamo omkhulu.
UTHINI WENA? Ngaba kuyimfuneko ngoThixo ukuba angenelele aze awuhlangule umhlaba njengoko ethembisile ukuba uza kwenjenjalo?
Ukongezelela kwezi ziprofeto zihlanu esiye saziqwalasela, iBhayibhile iyathetha nangezinto ezikhuthazayo ezaziza kwenzeka ngemihla yokugqibela. Khawucinge ngalo mzekelo ukwisiprofeto sesithandathu.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
“Ndivakalelwa kukuba bendihlala eparadesi kodwa ngoku ndihlala kwindawo yokulahla inkunkuma.”—UERIN TAMBER, OHLALA KWIGOPHE LASEUNITED STATES, ETHETHA NGEMIPHUMO YOKUCHITHEKA KWEOLI KWIGOPHE LASEMEXICO NGOWAMA-2010.
[Ibhokisi ekwiphepha 8]
Ngaba UThixo Ubekek’ Ityala?
Ekubeni iBhayibhile yazixela kwangaphambili iimeko ezimbi esizibonayo namhlanje, ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo ubekek’ ityala? Ngaba nguye osenza sibandezeleke? Iimpendulo zale mibuzo unokuzifumana kwisahluko 11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 8]
U.S. Coast Guard photo