Kuseza Amaxesha Amnandi!
“Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INDUMISO 37:10, 11.
NGABA ungathanda ukuba esi siprofeto singasentla sizaliseke? Ngokuqinisekileyo kunjalo. Kukho izizathu ezibambekayo zokukholelwa ukuba siza kuzaliseka ngokukhawuleza.
Amanqaku andulela eli ebexubusha ezinye iziprofeto zeBhayibhile ezibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1-5) UThixo waphefumlela ababhali beBhayibhile ukuba babhale ngezo ziganeko ukuze sibe nethemba. (Roma 15:4) Ukuzaliseka kwezo ziprofeto kuthetha ukuba zonke iinkathazo ezikhoyo ziza kuphela kungekudala.
Yintoni eza kulandela imihla yokugqibela? UBukumkani bukaThixo buza kulawula bonke abantu. (Mateyu 6:9) Makhe sive indlela iBhayibhile eyichaza ngayo imeko yomhlaba ngelo xesha:
● Indlala iya kuphela. “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”—INdumiso 72:16.
● Izigulo ziza kuphela. “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isaya 33:24.
● Umhlaba uya kuhlaziywa. “Iya kuba nemihlali intlango nommandla ongumqwebedu, nethafa eliyinkqantosi liya kuvuya lize lityatyambe njengesafroni.”—Isaya 35:1.
Ezi ziziprofeto nje ezimbalwa zeBhayibhile ezikhuthazayo eziza kuzaliseka kungekudala. Kutheni ungaceli amaNgqina kaYehova akubonise isizathu sokuba aqiniseke ukuba amaxesha amnandi aseza?