Kutheni Sifanele Sikhokelwe Ngumoya KaThixo?
‘UnguThixo wam. Umoya wakho ulungile; ngamana ungandikhokela.’—INDU. 143:10.
1. Khawenze umzekelo wendlela amandla angabonakaliyo anokumkhokela ngayo umntu.
NGABA wakha wayikhangela indlela ngekhampasi? Ikhampasi sisixhobo nje esingenabucedu-cedu esinosiba nje olunye olushukumayo—inaliti eyalathe emntla. Amandla angabonakaliyo emagnethi, atsalela le naliti yekhampasi apho angakhona. Kangangeenkulungwane, abahloli nabakhenkethi bebesebenzisa ikhampasi ukuze ibakhokele xa behamba emhlabeni naselwandle.
2, 3. (a) Ngawaphi amandla awasetyenziswa nguYehova kwiminyaka emininzi eyadlulayo? (b) Kutheni sifanele silindele ukukhokelwa ngamandla kaThixo angabonakaliyo kubomi bethu namhlanje?
2 Akho namanye amandla angabonakaliyo ekubaluleke ngakumbi ukuba asikhokele. Ngawaphi? Achazwe kwiindinyana zokuqala zeBhayibhile. Ithetha ngoko kwaphunyezwa nguYehova kwiminyaka engenakubaleka eyadlulayo, iGenesis ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” Njengoko wayedala, wathumela umoya onamandla, kuba ingxelo yendalo yongezelela isithi: “Amandla kaThixo asebenzayo ayezula-zula.” (Gen. 1:1, 2) Yintoni le yayisebenza? Ngumoya oyingcwele—amandla awasetyenziswa xa kwakudalwa. Sikho nje kungenxa yokusebenzisa kukaYehova loo moya ukuze uvelise yonke imisebenzi yakhe.—Yobhi 33:4; INdu. 104:30.
3 Njengabantu abadla ubomi, ngaba likho elinye igalelo esinokulindela ukuba amandla kaThixo asebenzayo abe nalo kubomi bethu? UNyana kaThixo, uYesu wayesazi ukuba likho, kuba wathi kubafundi bakhe: “Umoya . . . uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso.” (Yoh. 16:13) Sinokuwuqonda njani lo moya, yaye kutheni sifanele sifune ukukhokelwa nguwo?
Oko Ukuko Umoya Oyingcwele
4, 5. (a) Abantu abakholelwa kuBathathu Emnye baziqhatha ngokucinga ukuba uyintoni umoya oyingcwele? (b) Unokuyichaza njani eyona nto uyiyo umoya oyingcwele?
4 Mhlawumbi abanye abantu othetha nabo entsimini banembono engqubanayo naleyo iseZibhalweni ngomoya oyingcwele. Abantu abakholelwa kuBathathu Emnye baziqhatha ngelithi lo moya ungumntu olingana noThixo uBawo. (1 Kor. 8:6) Kodwa le mfundiso kaBathathu Emnye ichazwa ngokulula njengechaseneyo neZibhalo.
5 Ngoko ke, uyintoni kanye kanye umoya oyingcwele? Kanye njengoko umoya oqhelekileyo ungabonakali kodwa unamandla, ngoko umoya oyingcwele awuyonto inokubanjwa, awungomntu yaye awubonakali, kodwa wenza izinto. Lo moya ungamandla avela kuThixo awafaka ebantwini okanye kwizinto ukuze zenze ukuthanda kwakhe. Ngaba kunzima ukukholelwa ukuba loo mandla amangalisayo avela kuMthombo ongcwele, uThixo uSomandla? Nakanye!—Funda uIsaya 40:12, 13.
6. Sisiphi isibongozo esibalulekileyo esenziwa nguDavide kuYehova?
6 Ngaba uYehova unokuqhubeka esebenzisa umoya wakhe ukuze asikhokele ebomini? Wamthembisa oku umdumisi uDavide: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo.” (INdu. 32:8) Ngaba uDavide wayeyifuna loo nto? Kunjalo, kuba wambongoza wathi uYehova: ‘Ndifundise ukwenza ukuthanda kwakho, kuba wena unguThixo wam. Umoya wakho ulungile; ngamana ungandikhokela.’ (INdu. 143:10) Nathi sifanele sinqwenele okufanayo size sikulungele ukukhokelwa ngumoya kaThixo. Ngoba? Nazi izizathu ezine.
Asikwazi Ukuzikhokela
7, 8. (a) Kutheni singakwazi ukuzikhokela ngaphandle kukaThixo? (b) Khawenze umzekelo obonisa isizathu sokuba singamele sizame ukuzihambela kule nkqubo ingendawo yezinto.
7 Okokuqala, sifanele sifune ukukhokelwa ngumoya kaThixo kuba thina asikwazi ukuzikhokela. “Ukukhokela” kuthetha “ukwalathisa endleleni okanye ukubonisa indlela ekufanele kuhanjwe kuyo.” Kodwa ke, uYehova akazange asidale sibe namandla okuyenza ngokwethu loo nto, ingakumbi njengoko singafezekanga. Umprofeti wakhe uYeremiya wathi: “Owu Nkosi, ndiyaqonda ukuba indlela yomntu ayikho kuye: umntu akanamandla okwalathisa amanyathelo akhe.” (Yer. 10:23, ngokweThe Bible in Basic English) Siyintoni isizathu saloo nto? UYeremiya weva indlela uThixo awasichaza ngayo isizathu sokungakwazi kwethu ukuzikhokela. Ethetha ngomntu esinguye ngaphakathi, uYehova wathi: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?”—Yer. 17:9; Mat. 15:19.
8 Ngaba ayinakuba kukuzibeka esichengeni ngomntu ongenamava ukuba athathe uhambo yedwa, kungekho nto imkhokelayo abe engenayo nekhampasi, esingise kwintlango engafane ihanjwe mntu? Ukungakwazi ukuhlala kwiimeko ezimaxongo zehlathi nokungabi nabuchule bokuya kufika ekhuselekile apho aya khona, bekuya kubeka ubomi bakhe emngciphekweni. Ngokufanayo ke, umntu ocinga ukuba unako ukwalathisa amanyathelo akhe kweli hlabathi lingendawo ngaphandle kokuvumela uThixo ambonise eyona ndlela iyiyo, ubeka ubomi bakhe kweyona yakha yambi ingozi. Ekuphela kwendlela esinokuhamba ngayo sikhuselekile kule nkqubo yezinto kukucela kuYehova into eyacelwa nguDavide, esithi: “Ukunyathela kwam makubambelele emkhondweni wakho, amanyathelo am ngokuqinisekileyo angayi kushukunyiswa kuwo.” (INdu. 17:5; 23:3) Sinokulufumana njani olo khokelo?
9. Njengoko kuboniswe kwiphepha 17, umoya kaThixo unokusalathisa njani ngokuqinisekileyo?
9 Ukuba sithobekile yaye sikulungele ukuthembela kuYehova, uya kusinika umoya wakhe oyingcwele njengesikhokelo esiqinisekileyo samanyathelo ethu. Loo mandla asebenzayo aya kusinceda njani? UYesu wathi kubafundi bakhe: “Umncedi, umoya oyingcwele, lowo uBawo aya kumthumela egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto aze anikhumbuze zonke izinto endinixelele zona.” (Yoh. 14:26) Njengoko silifunda rhoqo iLizwi likaThixo size sithandaze, sifunde nawo onke amazwi awathethwa nguKristu, umoya oyingcwele uya kuyongezelela indlela esibuqonda ngayo ubulumko obunzulu bukaYehova, ukuze sikulandele ngokusondeleyo ukuthanda kwakhe. (1 Kor. 2:10) Ukongezelela, nanini na sidibana nento engalindelekanga kwindlela esa ebomini, lo moya uya kusibonisa indlela esimele sihambe ngayo. Uya kusikhumbuza imigaqo yeBhayibhile esisele siyifundile uze usincede siqonde indlela esinokulalathisa ngayo inyathelo lethu elilandelayo.
UYesu Wayekhokelwa Ngumoya KaThixo
10, 11. Luluphi ulindelo uNyana kaThixo okuphela kozelweyo awayenalo ngokuphathelele umoya oyingcwele, ibe wafumana ntoni?
10 Isizathu sesibini esibangela ukuba sikhokelwe ngumoya oyingcwele kukuba uThixo wakhokela uNyana wakhe ngawo. Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, lo Nyana kaThixo ungokuphela kozelweyo wayesazi ngesiprofeto esithi: “Umoya kaYehova umele uhlale phezu kwalo, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wecebo nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova.” (Isa. 11:2) Khawube nomfanekiso-ngqondweni wendlela uYesu awayekunqwenela ngayo ukufumana lo moya kaThixo xa wayejamelene neemeko zeli hlabathi!
11 Amazwi kaYehova azaliseka. Ingxelo yeVangeli isibonisa oko kwenzeka kanye emva kokuba uYesu ebhaptiziwe: “Ke kaloku uYesu, ezele ngumoya oyingcwele, wemka eYordan, waza wajikeleza entlango eqhutywa ngumoya.” (Luka 4:1) Elapho, ngoxa wayezile ukutya, ethandaza yaye ecamngca, kusenokwenzeka ukuba uYehova wayalela waza wabonisa uNyana wakhe oko kwakuza kwenzeka kuye. Amandla kaThixo asebenza kwingqondo nakwintliziyo kaYesu, esalathisa indlela awayecinga ngayo nezigqibo awayezenza. Ngenxa yoko, uYesu wayekwazi oko amele akwenze kwimeko nganye, ibe wenza kanye oko uYise wayefuna akwenze.
12. Kutheni kubalulekile ukuba sicele umoya kaThixo usikhokele?
12 Esazi indlela owamnceda ngayo umoya kaThixo, uYesu wabethelela kubafundi bakhe ukubaluleka kokuba bawucele baze bakhokelwe nguwo. (Funda uLuka 11:9-13.) Kutheni oku kubalulekile kuthi? Kungenxa yokuba kunokuguqula indlela esicinga ngayo, ukuba ifane nengqondo kaKristu. (Roma 12:2; 1 Kor. 2:16) Ngokuvumela umoya kaThixo ukuba usikhokele, sinako ukucinga njengoKristu size silandele umzekelo wakhe.—1 Pet. 2:21.
Umoya Wehlabathi Unokusenza Siphambuke
13. Uyintoni umoya wehlabathi, yaye uvelisa ntoni?
13 Isizathu sesithathu esibangela ukuba sifune ukukhokelwa ngumoya kaThixo kukuba ngaphandle kwawo sisenokuphambukiswa ngumoya ongacocekanga osebenza kubantu abaninzi namhlanje. Ihlabathi linomoya walo onamandla ophembelela ikhondo elahluke ngokupheleleyo kwelo linokuveliswa ngumoya oyingcwele kuthi. Kunokukhuthaza ingqondo kaKristu ebantwini, umoya wehlabathi ubangela ukuba bacinge baze benze njengoSathana, ongumlawuli wehlabathi. (Funda eyabase-Efese 2:1-3; noTito 3:3.) Xa umntu enikezela kumoya wehlabathi aze aqalise ukwenza imisebenzi yenyama, kubakho imiphumo ebuhlungu, nto leyo emthintelayo ekudleni ilifa uBukumkani bukaThixo.—Gal. 5:19-21.
14, 15. Sinokuphumelela njani ekuxhathiseni umoya wehlabathi?
14 UYehova usixhobisele ukuwuxhathisa umoya wehlabathi. Umpostile uPawulos wathi “qhubekani nizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo . . . ukuze nikwazi ukuxhathisa ngemini embi.” (Efe. 6:10, 13) UYehova uyasomeleza ngomoya wakhe ukuze sikwazi ukuxhathisa imigudu kaSathana yokusilahlekisa. (ISityhi. 12:9) Umoya wehlabathi unamandla, yaye asinakukwazi ukuwuphepha ngokupheleleyo. Noko ke, akunyanzelekanga ukuba sonakaliswe nguwo. Umoya oyingcwele unamandla kunawo, yaye unako ukusinceda!
15 Kwabo bashiya ubuKristu ngenkulungwane yokuqala, umpostile uPetros wathi: “Bawushiyile umendo othe tye, balahlekiswa.” (2 Pet. 2:15) Sinokuba nombulelo ongazenzisiyo kuba siye samkela “kungekhona umoya wehlabathi, kodwa umoya ovela kuThixo!” (1 Kor. 2:12) Xa sincedwa yimpembelelo yawo size siwasebenzise ngokupheleleyo onke amalungiselelo kaYehova okusigcina kumendo ofanelekileyo wokomoya, sinako ukuphumelela ekuxhathiseni umoya kaSathana okule nkqubo ingendawo.—Gal. 5:16.
Umoya Oyingcwele Uvelisa Isiqhamo Esilungileyo
16. Umoya oyingcwele unokuvelisa siphi isiqhamo kuthi?
16 Isizathu sesine sokufuna ukuba umoya kaThixo usebenze kuthi sikukuba uvelisa isiqhamo esifanelekileyo kwabo bakhokelwa nguwo. (Funda eyabaseGalati 5:22, 23.) Ngubani kuthi obengenakuthanda ukuba nothando olungakumbi, uvuyo noxolo? Ngubani kuthi obengenakuthanda ukuzeka kade umsindo, abe nobubele nokulunga okungakumbi? Ngubani kuthi obengayi kungenelwa ngenxa yokuhlakulela ukholo olungakumbi, ubulali nokuzeyisa? Umoya kaThixo uvelisa kuthi iimpawu ezintle ezinceda thina nabo sihlala nesikhonza nabo. Ukuhlakulela esi siqhamo kungumgudu oqhubekayo, ekubeni kungekho mda ubekiweyo kumlinganiselo wesiqhamo somoya esisifunayo nekuvumeleke ukuba sisivelise.
17. Sinokuyihlakulela njani inkalo yesiqhamo somoya ngomkhamo omkhulu?
17 Kuya kuba bubulumko ukuba sizihlole ukuqinisekisa enoba amazwi nezenzo zethu ziyangqina ukuba sikhokelwa ngumoya oyingcwele yaye siyasivelisa isiqhamo sawo kusini na. (2 Kor. 13:5a; Gal. 5:25) Xa siphawula ukuba kufuneka sihlakulele iimpawu ezithile zesiqhamo somoya, sinokusebenzisana nomoya oyingcwele ngomkhamo omkhulu ekuveliseni ezo mpawu. Sinokukwenza oku ngokufunda inkalo nganye njengoko ichazwa eBhayibhileni yaye ixutyushwa kwiimpapasho zamaKristu. Sinokubona indlela esinokusibonisa ngayo isiqhamo somoya kubomi bethu bemihla ngemihla size sisebenzele ukusihlakulela ngomkhamo ongakumbi.a Njengoko sibona imiphumo yokusebenza komoya kaThixo kubomi bethu nobamanye amaKristu, sisibona ngokucacileyo isizathu sokuba sikhokelwe nguwo.
Ngaba Uyaluthobela Ulwalathiso Lomoya KaThixo?
18. UYesu unguwo njani umzekelo wethu wokuthobela ulwalathiso lomoya kaThixo?
18 ‘Njengomsebenzi onobuchule’ kaThixo xa kwakudalwa, uYesu wazi yonke into ngeemagnethi zomhlaba, ezisetyenziswa ngabantu xa behamba emhlabeni. (IMize. 8:30; Yoh. 1:3) Noko ke, abukho ubungqina eBhayibhileni bokuba uYesu wakha wasebenzisa loo mandla ukuze abone indlela ngoxa wayelapha emhlabeni. IBhayibhile inayo ingxelo ebonisa ukuba xa wayelapha, wawabona amandla omoya kaThixo kubomi bakhe. Wavuma ukuphenjelelwa nguwo, yaye xa kwakunyanzelekile wathobela waza wenza ngokuvisisana nolwalathiso lwawo. (Marko 1:12, 13; Luka 4:14) Ngaba nawe unjalo?
19. Yintoni esimele siyenze ukuze sikhokelwe ngamandla omoya oyingcwele?
19 Umoya kaThixo usasebenza kwabo banengqondo neentliziyo ezikulungeleyo ukuqhutywa nokwalathiswa nguwo. Unokuwuvumela njani ukuba usebenze kuwe uze ukukhokelele kwikhondo elifanelekileyo? Thandaza rhoqo kuYehova umcele ukuba akunike umoya wakhe aze akuncede uthobele ulwalathiso lwawo. (Funda eyabase-Efese 3:14-16.) Yenza ngokuvisisana nemithandazo yakho ngokukhangela isiluleko esikwiLizwi likaThixo, iBhayibhile—ephefumlelwe ngomoya oyingcwele. (2 Tim. 3:16, 17) Yithobele imiyalelo yobulumko ekuyo uze uvumele ukwalathiswa ngumoya oyingcwele. Yiba nokholo kumandla kaYehova okukwalathisa ukutyhubela le nkqubo ingendawo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze sibone ukuxutyushwa kwenkalo nganye, sicela ufunde umxholo othi “Fruitage of God’s Spirit” kwanomxholo othi “List by Aspect” kwiiWatch Tower Publications Index.
Ngaba Uzifumene Iingongoma Eziziintloko?
• Umoya oyingcwele unokubuchaphazela njani ubomi bethu?
• Ziziphi izizathu ezine zokuba sifanele sifune ukukhokelwa ngumoya kaThixo?
• Sinokuyenza njani indima yethu ukuze singenelwe ngokupheleleyo kukhokelo lomoya oyingcwele?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UYesu wayekhokelwa ngumoya kaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Umoya kaThixo ushukumisa uze ukhokele iingqondo neentliziyo