IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 10/1 iphe. 14-15
  • Ifuthe Imibala Enalo Kubomi Bethu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ifuthe Imibala Enalo Kubomi Bethu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • OKO IMIBALA IKWENZAYO KWIIMVAKALELO ZETHU
  • IMIBALA ISINCEDA SIKHUMBULE IZINTO
  • Ngaba Unengxaki Yokubona Imibala
    Vukani!—2007
  • Ngaba Uyazibona Iimpawu ZikaThixo Ezingenakubonwa?
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 10/1 iphe. 14-15

Ifuthe Imibala Enalo Kubomi Bethu

Njengoko ulaqaza, amehlo kunye nengqondo yakho ziyasebenzisana ukuze zitolike oko zikubonayo. Ubona isiqhamo, ukhawuleze ucinge ukuba uyafuna na ukusitya. Ujonga isibhakabhaka, ubone ukuba akuzunetha namhlanje. Ujonga la magama uwafundayo, utolike intsingiselo yawo. Eneneni oku kubangelwa ngumbala. Nyhani?

Umbala wesiqhamo obusijongile ukuncede wabona ukuba sivuthiwe waza wasirhalela. Umbala wesibhakabhaka namafu ukunceda wazi imozulu. Njengoko ufunda amagama akweli phepha, amehlo akho ayakwazi ukubona umahluko phakathi kwamagama nephepha abhalwe kulo. Nangona usenokungayiphawuli loo nto, kodwa usoloko usebenzisa umbala ukuze utolike oko ukubonayo. Kodwa ke umbala unefuthe nakwiimvakalelo zakho.

OKO IMIBALA IKWENZAYO KWIIMVAKALELO ZETHU

Njengokuba uhamba evenkileni, ubona iibhokisi, iitoti, iibhegi nezinye izinto ezenzelwe ukutsala amehlo. Enoba ubukwazi oku okanye akunjalo, inyani kukuba abathengisi bakhetha imibala eza kutsala umdla kubantu abakwiminyaka ethile nabesini esithile. Abantu abahombisa izindlu, abathungi beempahla nabazobi, nabo bayazi kakuhle into yokuba imibala inokuxhokonxa iimvakalelo.

Abantu bayichaza ngendlela ezahlukeneyo intsingiselo yemibala, ngokwamasiko nezithethe zeendawo abasuka kuzo. Ngokomzekelo, abanye abantu baseAsiya bathi umbala obomvu umela ithamsanqa nombhiyozo, ngoxa kwezinye iindawo zaseAfrika umbala obomvu umela ukuzila. Enokuba sikhulele phi na, sikhe sivakalelwe ngendlela efanayo ngeminye imibala. Makhe sithethe ngemibala emithathu size sibone indlela enokusenza sivakalelwe ngayo.

UMBALA UBOMVU ugqamile. Kuthiwa uthetha amandla, imfazwe nengozi. Lo mbala wenza isisu sikucole lula ukutya, ukwenze uphefumlele phezulu uze ubangele nehigh blood.

EBhayibhileni, igama lesiHebhere elithetha ukuthi “bomvu” livela kwelithi “igazi.” IBhayibhile isebenzisa umbala obomvu oqaqambileyo okanye ongqombela ukuze sibe nomfanekiso wehenyukazi elibulalayo elinxibe impahla emfusa likhwele ‘irhamncwa elimbala ungqombela, lizele ngamagama onyeliso.’—ISityhilelo 17:1-6.

UMBALA OLUHLAZA wona wahlukile kobomvu, kuba wenza isisu sithathe ixesha ukucola ukutya uze ukwenze uzole. Lo mbala ukwenza uphol’ aph’ entloko. Ingqondo itsho iphole xa ujonge iigadi namathafa aluhlaza. Incwadi ethetha ngendalo iGenesis, ithi uThixo wenzela uluntu ingca notyani oluluhlaza.—Genesis 1:11, 12, 30.

UMBALA OMHLOPHE unxulunyaniswa nokukhanya, ukhuseleko nokucoceka. Ukwanxulunyaniswa nokulunga, ubumsulwa nobunyulu. Ngowona mbala kuthethwa ngawo kakhulu eBhayibhileni. Emibonweni, abantu kunye neengelosi zinxibe iizambatho ezimhlophe, nto leyo ethetha ubulungisa nobuhlobo obuhle noThixo. (Yohane 20:12; ISityhilelo 3:4; 7:9, 13, 14) Amahashe amhlophe nabakhweli abanxibe ezimhlophe nezicocekileyo bafuzisela imfazwe yobulungisa. (ISityhilelo 19:14) UThixo usebenzisa umbala omhlophe ebonisa ukuba ukulungele ukuxolela izono kuba uthi: “Nangona izono zenu zingqombela, ziya kwenziwa mhlophe njengekhephu.”—Isaya 1:18.

IMIBALA ISINCEDA SIKHUMBULE IZINTO

Indlela iBhayibhile ethetha ngayo ngemibala isinceda sibone ukuba uThixo uyayazi into imibala eyenzayo kuthi. Ngokomzekelo, incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo yaprofeta ngezinto ezenzekayo ebomini bethu, ezifana nemfazwe, indlala kunye nokufa okubangelwa yindlala nesibetho. Ukuze sikwazi ukukhumbula esi siprofeto, makhe sifunde ngalo mbono wabakhweli bamahashe angaqhelekanga, anemibala eyahlukeneyo.

Ihashe lokuqala limhlophe qhwa, nto leyo efuzisela imfazwe kaKristu uYesu yobulungisa. Elesibini libumlilorha, nto leyo efuzisela imfazwe eliwa ziintlanga. Eli hashe lilandelwa lelimnyama, elifuzisela indlala. Emva koko sibona “ihashe eliluthuthu; lowo wayehleli phezu kwalo wayenguKufa igama lakhe.” (ISityhilelo 6:1-8) Umbala wehashe ngalinye usenza sicinge ngento efuziselwa lelo hashe. Kulula ukukhumbula imibala yala mahashe nento esifundisa yona kule mihla.

Mininzi imizekelo eBhayibhileni yendlela imibala esetyenziswe ngayo ukuze icacise okuthile. UMdali wokukhanya, umbala kunye namehlo omntu, usebesenzisa umbala njengesixhobo sokufundisa ngendlela eqondakalayo nekulula ukuyikhumbula. Umbala usinceda siziqonde izinto. Unento oyenzayo kwindlela esicinga ngayo. Unokusinceda sikhumbule izinto ezibalulekileyo. Umbala usisipho esihle esivela kuMdali wethu ukuze sinandiphe ubomi.

Emva kokuba uNowa nentsapho yakhe bengene emkhombeni, uThixo wababonisa umnyama omibala-bala njengomqondiso wesithembiso sakhe sokuba akanakuphinda atshabalalise ngamanzi. Loo mfuziselo mhle ungalibalekiyo nonemibala-bala umele ukuba wahlala uthe thaa ezingqondweni zabo.—Genesis 9:12-17.

Abantu abakholelwa kwindaleko basenokumangaliswa kukuba abantu bekwazi ukubona imibala eyahlukeneyo, ekubeni ubomi bungaxhomekekanga kuloo nto. Noko ke, oku sikujonga njengesipho sothando kuba siyazi ukuba uMdali wethu owasinika obu buchule bokubona imibala eyahlukeneyo emihle, wayefuna sinandiphe ubomi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share