IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 10/1 iphe. 16
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Likho Ithemba Ngabafileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Liyintoni Ithemba Ngabafi?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Yintoni Uvuko?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 10/1 iphe. 16

IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Ngaba likho ithemba ngabafileyo?

Ukufa kufana nokulala kuba abafileyo abazi nto yaye akukho nto banokuyenza. Sekunjalo, uMdali wobomi unokubavusa ekufeni. Ukuze sikuqonde oku, uThixo wanika uYesu amandla okuvusa abafi.—Funda INtshumayeli 9:5; Yohane 11:11, 43, 44.

Ukufa kufana njani nokulala?

UThixo uthembise ukuba abafileyo abakwinkumbulo yakhe uya kubavusela kwihlabathi elitsha elinoxolo. Abo baza kuvuswa bamele balinde emangcwabeni de uThixo abavusele ebomini kwakhona. UThixo uSomandla uyakulangazelela ukusebenzisa amandla akhe ukuze avuse abafileyo.—Funda uYobhi 14:14, 15.

Luya kuba njani uvuko?

Xa abafileyo bevusiwe, baya kuzazi bona, izihlobo zabo kunye neentsapho zabo. Nangona umzimba womntu ubola, uThixo unokumvusa enomzimba omtsha.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:35, 38.

Bambalwa abantu abavuselwa ezulwini. (ISityhilelo 20:6) Abaninzi baya kuvuselwa kwiparadesi esemhlabeni. Aba baya kuphila ubomi obutsha, benethemba lokuphila ngonaphakade.—Funda INdumiso 37:29; IZenzo 24:15.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 6 nese-7 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Ungazikhuphelela kwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share