IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 4/1 iphe. 16
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile—Incwadi Eyayenzelwe Ukuba Iqondwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Simphulaphula Njani UThixo?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Ngaba Kukungaqondi Nje?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Kutheni Sifanele Sifunde KuThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 4/1 iphe. 16

IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Ngaba unako ukuyiqonda iBhayibhile?

IBhayibhile liLizwi likaThixo. Ifana neleta evela kutata onothando. (2 Timoti 3:16) EBhayibhileni uThixo uchaza oko sinokukwenza ukuze simvuyise, isizathu sokuba evumele ubungendawo, noko aza kukwenzela uluntu kwikamva. Kodwa ke abefundisi beecawa baye bayigqwetha iBhayibhile; ngenxa yoko abantu abaninzi bacinga ukuba abanakuze bayiqonde.—IZenzo 20:29, 30.

UYehova uThixo ufuna sazi inyaniso ngaye. Kungeso sizathu le nto esinike incwadi enokuqondakala.—1 Timoti 2:3, 4.

Ungenza njani ukuze uyiqonde iBhayibhile?

Ngaphezu kokuba uYehova esinike iBhayibhile, uye wasinceda ukuba siyiqonde. Wathumela uYesu ukuze asifundise. (Luka 4:16-21) UYesu wanceda abaphulaphuli bakhe ukuba baziqonde izibhalo, ecaphula ivesi emva kwenye.—Luka 24:27, 32, 45.

UYesu waseka ibandla lamaKristu ukuze liqhubeke nomsebenzi awayewuqalile. (Mateyu 28:19, 20) Namhlanje abalandeli bakaYesu bokwenyani banceda abantu ukuba bakuqonde oko iBhayibhile ikufundisayo ngoThixo. Ukuba ungathanda ukuqonda iBhayibhile, cela amaNgqina kaYehova akuncede.—IZenzo 8:30, 31.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share