Funda KwiLizwi LikaThixo
Kutheni Sifanele Sifunde KuThixo?
Eli nqaku lishukuxa imibuzo ekusenokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iindawo onokuzifumana kuzo iimpendulo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukukuphendulela le mibuzo.
1. Kutheni sifanele sifunde kuThixo?
UThixo uluphathele iindaba ezilungileyo uluntu. Usixelela ngazo eBhayibhileni. IBhayibhile injengeleta esiyibhalelwe nguBawo wethu wasezulwini osithandayo.—Funda uYeremiya 29:11.
2. Ziyintoni iindaba ezilungileyo?
Abantu bafuna urhulumente olungileyo. Akakho umntu owakhe waphelisa ugonyamelo, okungekho sikweni, izifo okanye ukufa. Kodwa zikho iindaba ezilungileyo. UThixo uza kunika uluntu urhulumente olungileyo oza kukhulula abantu kuzo zonke izinto ezibakhathazayo.—Funda uDaniyeli 2:44.
3. Kutheni kubalulekile ukufunda kuThixo?
Kungekudala, uThixo uza kubatshabalalisa abantu ababangela ukuba abanye abantu babandezeleke. Okwangoku, ufundisa izigidi zabantu abalulamileyo ukuba bathandane ukuze banandiphe ubomi. ILizwi likaThixo, lifundisa abantu indlela yokujamelana neengxaki zobomi, indlela yokufumana ulonwabo lokwenene nendlela yokukholisa uThixo.—Funda uZefaniya 2:3.
4. Ngubani uMbhali weBhayibhile?
IBhayibhile yenziwe ziincwadi ezingama-66. Zabhalwa ngamadoda angama-40. Incwadi ezintlanu zokuqala zabhalwa nguMoses malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo. Eyokugqibela yabhalwa ngumpostile uYohane kwiminyaka engaphezu kwe-1 900 eyadlulayo. Kodwa ababhali beBhayibhile babhala iingcinga zikaThixo kungekhona ezabo. Ngaloo ndlela nguThixo uMbhali weBhayibhile.—Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16; eyesi-2 kaPetros 1:21.
Siyazi ukuba iBhayibhile yekaThixo kuba ilichaza ngokuchanileyo ngokweenkcukacha ikamva. Akakho umntu onokukwazi ukuyenza loo nto. (Isaya 46:9, 10) Kwakhona, iBhayibhile isibonisa ubuntu obunothando bukaThixo. Iyakwazi ukutshintsha ubomi babantu. Ezi zibakala zeyisela izigidi zabantu ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo.—Funda uYoshuwa 23:14; eyoku-1 Tesalonika 2:13.
5. Unokuyiqonda njani iBhayibhile?
UYesu wayedume ngokuba ngumfundisi weLizwi likaThixo. Nangona abantu abaninzi awayethetha nabo babeqhelene neBhayibhile, kwakufuneka bancedwe ukuze bayiqonde. Ukuze abancede, uYesu wabhekisela eBhayibhileni ukuze achaze “intsingiselo yeZibhalo.” Kulo mxholo, othi “Funda KwiLizwi LikaThixo,” kuza kusetyenziswa indlela efanayo yokukunceda.—Funda uLuka 24:27, 45.
Zimbalwa izinto ezichukumisa njengokufunda ngenjongo yobomi kuThixo. Kodwa abanye abantu basenokungakuthandi ukufunda kwakho iBhayibhile. Ungatyhafi. Ithemba lakho lokufumana ubomi obungunaphakade lixhomekeke ekwazini kwakho uThixo.—Funda uMateyu 5:10-12; noYohane 17:3.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 2 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.