IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp17 No. 5 iphe. 6
  • Ngaba Zikhona Iingelosi Ezingcolileyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Zikhona Iingelosi Ezingcolileyo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Iingelosi—Indlela Ezisichaphazela Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Iingelosi—“Oomoya Abasebenzela Uwonke-Wonke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba Iidemon Zikho Ngokwenene?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
wp17 No. 5 iphe. 6
Iingelosi ezingcolileyo, okanye iidemon

INQAKU ELINGUMXHOLO | IINGELOSI​—NGABA ZIKHO NYHANI? KUTHENI IBALULEKILE LOO NTO

Ngaba Zikhona Iingelosi Ezingcolileyo?

Ewe, zikhona. Zivela phi? Khumbula ukuba uThixo wazidala iingelosi zanenkululeko yokuzikhethela. Emva nje kokuba indoda nomfazi wokuqala, uAdam noEva bedaliwe, enye ingelosi yayisebenzisa kakubi inkululeko yayo yokuzikhethela, yaza yakhuthaza ukungathobeli apha emhlabeni. Yakwazi ukwenza uAdam noEva bangamthobeli uThixo. (Genesis 3:1-7; ISityhilelo 12:9) IBhayibhile ayilichazi igama lale ngelosi nesikhundla eyayikuso ngaphambi kokuba iyeke ukuthobela uThixo. Kodwa emva kokuba iyekile ukuthobela uThixo, iBhayibhile iyibiza ngokuba nguSathana, igama elithetha “uMchasi,” nangokuthi uMtyholi, othetha “uMhlebi.”​—Mateyu 4:8-11.

Okubuhlungu kukuba, zikhona nezinye iingelosi ezakhetha ukungamthobeli uThixo. Ngemihla kaNowa, iingelosi elingachazwanga inani lazo, “zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala” kwintsapho kaThixo yasezulwini. Zeza apha emhlabeni, zaza zambatha imizimba yenyama ukuze ziziphathe kakubi, ngokwenza loo nto zayeka ukuphila ngendlela ezazidalelwe ukuba ziphile ngayo.​—Yude 6; Genesis 6:1-4; 1 Petros 3:19, 20.

Kwenzeka ntoni kwezo ngelosi zingcolileyo? Xa uThixo wazisa umkhukula ukuze acoce umhlaba, ezi ngelosi zayikhulula imizimba yenyama zaza zabuyela ezulwini. Sekunjalo, uThixo zange azivumele ukuba zibuyele ‘kwisigxina sazo’ sakuqala. Kunoko kwaba ngathi uzivalele kwindawo ‘emnyama’ thsu ebizwa ngokuba yiTartaro. (Yude 6; 2 Petros 2:4) Ezi demon zazivumela zalawulwa nguSathana uMtyholi obizwa ngokuba ‘ngumlawuli weedemon,’ nozenza ‘ingelosi yokukhanya.’​—Mateyu 12:24; 2 Korinte 11:14.

IBhayibhile ifundisa ukuba uBukumkani BukaThixo obulawulwa nguMesiya, obungurhulumente wasezulwini bamiselwa ngo-1914.a Emva koko, uSathana needemon zakhe bagxothwa ezulwini baza baphoselwa emhlabeni. Izinto ezimbi ezenzekayo nokuziphatha kakubi okukhoyo emhlabeni, zonke zibonisa indlela abanomsindo ngayo, ibe bazimisele ukwenza umonakalo omkhulu.​—ISityhilelo 12:9-12.

Ukwanda kwenkohlakalo nobundlobongela kubonisa ukuba ulawulo olubi lukaSathana needemon zakhe sele luza kuphela. Kungekudala, iingelosi ezingcolileyo ziza kususwa. Emva kokuba uBukumkani BukaThixo bulawule iminyaka eyi-1 000, ezo ngelosi zingcolileyo ziza kuvunyelwa ukuba zivavanye abantu okwethutyana. Emva koko, ziza kutshatyalaliswa zingaphinde zibekho.​—Mateyu 25:41; ISityhilelo 20:1-3, 7-10.

a Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngoBukumkani BukaThixo, funda isahluko 8 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Iyafumaneka naku-www.pr2711.com/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share