IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w22 Disemba iphe. 14
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova—“UMsindisi” Ngamaxesha Okubhalwa KweBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Thembela Kumoya KaThixo Xa Izinto Ziguquka Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • “Ndifundise Ukwenza Ukuthanda Kwakho”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Masiliphakamise Kunye Igama LikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
w22 Disemba iphe. 14

Imibuzo Evela Kubafundi

KwiNdumiso 61:8 ngaba umdumisi uDavide wayebaxa okanye ethetha into engekhoyo xa wayesithi wayeza kulidumisa “ngonaphakade” igama likaThixo?

UKumkani uDavide uyacula njengoko edlala uhadi.

Wayengabaxi, kodwa wayethetha inyani.

Khawuve into awayibhala kule vesi nakwezinye iivesi ezifana nayo: “Ndiza kulidumisa ngengoma igama lakho ngonaphakade njengoko ndizenza izinto endizifungileyo yonke imihla.” “Ndikudumisa ngentliziyo yam yonke Yehova Thixo wam; ndiza kulizukisa ngonaphakade igama lakho.” “Ndiza kulidumisa ngonaphakade kanaphakade igama lakho.”​—INdu. 61:8; 86:12; 145:1, 2.

UDavide wayengabaxi, ecinga ukuba yena akasoze asweleke. Wayesazi ukuba uYehova wathi umntu uza kufa ngenxa yesono, naye wayezazi ukuba unaso. (Gen. 3:3, 17-19; INdu. 51:4, 5) Enye into awayeyazi kukuba amadoda awayethembekile, uAbraham, uIsake noYakobi nawo asweleka. Wayebona ukuba naye ekugqibeleni uza kusweleka. (INdu. 37:25; 39:4) Into awayithetha kwiNdumiso 61:8 ibonisa ukuba wayefuna, futhi ezimisele ukudumisa uThixo ngonaphakade. Loo nto ithetha ukuthi ngoxa wayesaphila.​—2 Sam. 7:12.

Ezinye izinto uDavide awazibhalayo zenzeka kubomi bakhe, njengoko sibona imibhalo engasentla kwiNdumiso 18, 51, no-52. KwiNdumiso 23 wathi uYehova ngumalusi okhokelayo, ohlaziyayo nokhuselayo. Naye ke uDavide wayengumalusi onjalo nowayefuna ukukhonza uThixo ‘yonke imihla yobomi bakhe.’​—INdu. 23:6.

Khumbula nokuba nguYehova owaphefumlela uDavide ukuba abhale izinto awazibhalayo. Wabhala nangeziprofeto ezaziza kwenzeka. Ngokomzekelo, kwiNdumiso 110 wabhala ngexesha iNkosi eyayiza “kuhlala ngasekunene [kukaThixo]” ezulwini ize ifumane igunya eliphakamileyo. Lokwenza ntoni? Lokoyisa iintshaba zikaThixo ‘nelokugweba iintlanga’ emhlabeni. UDavide wayengukhokho kaMesiya owayeza kulawula esezulwini nowayeza kuba ‘ngumbingeleli ngonaphakade.’ (INdu. 110:1-6) UYesu wathi isiprofeto esikwiNdumiso 110 sasithetha ngaye yaye sasiza kwenzeka kwixesha elizayo.​—Mat. 22:41-45.

UYehova waphefumlela uDavide ukuba abhale ngezinto ezaziza kwenzeka ngexesha lakhe, nezaziza kwenzeka kwixesha elizayo xa evusiwe, evuyela ukumdumisa ngonaphakade. Le nto isinceda sibone ukuba izinto ezikwiNdumiso 37:10, 11, 29 zazisenzeka ngexesha lamaSirayeli, futhi ziseza kwenzeka kumhlaba wonke kwixesha elizayo xa uThixo esenza izinto asithembise zona.—Jonga isiqendu 8 senqaku elikule Mboniselo elithi “Uza Kuba Nam EParadesi.”

Ngoko iNdumiso 61:8 nezinye iivesi ezifana nayo zibonisa ukuba uDavide owayephila ngexesha lamaSirayeli wayefuna ukuzukisa uYehova ade asweleke. Ibonisa nento aza kukwazi ukuyenza kwixesha elizayo xa uYehova emvusile engcwabeni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share