IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp25 No. 1 iphe. 3
  • Ububi Beemfazwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ububi Beemfazwe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • AMAJONI
  • ABANTU ABACHATSHAZELWE ZIIMFAZWE
  • Ukufumana Uxolo Nangona Kukho Iimfazwe Nemilo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2025
  • Kuqala Unyaka Wesibini Iqhuba Imfazwe YaseUkraine—Ithembisa Ntoni IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
  • Kusetyenziswe Iitriliyoni Zemali Kwimfazwe—Mkhulu Kangakanani Umonakalo?
    Imixholo Engakumbi
  • Iimfazwe Nemilo Indlela Ezisichaphazela Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2025
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2025
wp25 No. 1 iphe. 3
Collage: 1. Ifoto esikiweyo ebonisa ihafu yobuso bejoni. 2. Ifoto esikiweyo ebonisa ihafu yobuso bomntu ongumama osele ekhulile.

Ububi Beemfazwe

Ukuba semfazweni okanye ukuba kwindawo enayo yeyona nto embi enokwenzeka emntwini nenokumshiya ebuhlungu. Amajoni nabantu abachatshazelwe yimfazwe ngabona bayaziyo indlela embi ngayo.

AMAJONI

“Kwenzeka izinto ezimbi kakhulu. Qho usoloko ubona abantu abafayo nabonzakele kakhulu, yonke le nto yenzeka phambi kwakho. Usoloko uziva ungakhuselekanga.”​—UGary, waseBritain.

“Ndachanwa ziimbumbulu ebusweni nasemqolo, kwaye ndabona abantu abaninzi ababuleweyo, kuquka abantwana nabantu abakhulileyo. Imfazwe ikwenza ungabi naluvelwano ngomntu osezintlungwini okanye ofayo.”​—UWilmar, waseColombia.

“Xa ubona umntu edutyulwa phambi kwakho, loo nto ayilibaleki uhlala ucinga ngayo. Ukukhala kwaloo mntu ube umbona kuye kuhlale kuwe engqondweni. Iba ngumbono ombi lowo ongasoze uwulibale nanini na.”​—UZafirah, waseUnited States.

ABANTU ABACHATSHAZELWE ZIIMFAZWE

“Ndandiziva ingathi andisoze ndiphinde ndonwabe kwakhona. Ndandisoyika ukuba ndizofa kodwa eyona nto ndandiyoyika kakhulu kukufa kwabantu basekhaya nabahlobo bam.”​—UOleksandra, waseUkraine.

“Sasiye sifolele ukutya ukususela ngo-2 wasekuseni ukuyokutsho ngo-11 wasebusuku, ngeloo xesha sasisoyika kuba sasiyazi ukuba nanini na singachanwa yimbumbulu esuka kumlo okufutshane.”​—UDaler,waseTajikistan.

“Imfazwe yandishiya ndingenabazali. Yandenza ndayinkedama, ndandingena mntu oza kundikhathalela noza kundithuthuzela.”​—UMarie, waseRwanda.

Nangona bonke aba bantu baye bachatshazelwa ziimfazwe nemiphumo yazo, baye bakwazi ukufumana uxolo. Kwaye baqinisekile ukuba yonke imilo nazo zonke iimfazwe seziza kupheliswa kungekudala. Le Mboniselo iza kusebenzisa iBhayibhile ukuze icacise ukuba le nto izokwenzeka njani.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share