INQAKU ELIFUNDWAYO 38
INGOMA 120 Masithobeke NjengoKristu
Bahloniphe Abanye Abantu
“Ukuhlonitshwa kubhetele kunesilivere negolide.”—IMIZE. 22:1.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Siza kufunda ukuba kutheni kufuneka sibahloniphe abanye abantu, nokuba sinokwenza ntoni xa kunzima ukubahlonipha.
1. Kutheni abantu bevuya xa behlonitshwa? (IMizekeliso 22:1)
UZIVA njani xa abantu bekuhlonipha? Ngokuqinisekileyo uye uvuye. Ukuhlonitshwa yinto abayidingayo bonke abantu. Kuthi ngcoo ngaphakathi xa umntu ekuhlonipha. Yiloo nto iBhayibhile isithi “ukuhlonitshwa kubhetele kunesilivere negolide”!—Funda iMizekeliso 22:1.
2-3. Kutheni kungasoloko kulula ukubahlonipha abantu? Siza kufunda ntoni kweli nqaku?
2 Kusenokungasoloko kulula ukubahlonipha abanye abantu. Kaloku siyababona xa besenza iimpazamo. Nakwixesha esiphila kulo iqhelekile into yokuba abantu bangabahloniphi abanye abantu. Kodwa thina simele singafani nabo. Ngoba? Kaloku uYehova ufuna sibe nembeko “kumntu wonke.”—1 Pet. 2:17.
3 Kunokusinceda ukubona ukuba kuthetha ukuthini ukuhlonipha abanye abantu, nokuba sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha (1) abantu basekhaya, (2) abazalwana noodade, (3) nabantu abangengomaNgqina. Eyona nto siza kuthetha ngayo kukuba sinokuyibonisa njani intlonipho xa kunzima.
KUTHETHA UKUTHINI UKUHLONIPHA ABANTU?
4. Kuthetha ukuthini ukuhlonipha abantu?
4 Unokuthi yintoni intlonipho? Kwezinye iilwimi, igama elithi “intlonipho” nelithi “imbeko” aphantse athethe into enye. Njani? Eyona nto ithethwa ligama elithi “intlonipho” yindlela omjonga ngayo umntu. Sihlonipha abantu kuba sibona kufanelekile ukubahlonipha ngenxa yokuba sicinga mhlawumbi ngeempawu zabo, izinto abaye bakwazi ukuzenza okanye izikhundla zabo. Kodwa lona elithi “imbeko” lithetha indlela esimphatha ngayo umntu. Xa sinembeko ebantwini, sibaphatha ngendlela ebenza bazive bexabisekile futhi benesidima. Kodwa imbeko yokwenene imele isuke entliziyweni.—Mat. 15:8.
5. Yintoni enokusinceda sibahloniphe abantu?
5 UYehova ufuna sibahloniphe abantu; ngokomzekelo, usixelela ukuba sihloniphe “abasemagunyeni.” (Roma 13:1, 7) Kodwa abanye basenokuthi, “Ndingabahlonipha abantu, ukuba nje benza izinto ezifanele intlonipho.” Ngaba leyo yindlela esimele sicinge ngayo? Thina bakhonzi bakaYehova siyazi ukuba abantu asimelanga sibahloniphe kuphela ngenxa ezinto abazenzayo. Eyona nto isenza sibahloniphe kukuba sithanda uYehova futhi sifuna ukumvuyisa.—Yosh. 4:14; 1 Pet. 3:15.
6. Ngaba ungakwazi ukuhlonipha umntu ongakuhloniphiyo wena? Cacisa. (Jonga ongaphandle.)
6 Abanye basenokuzibuza, ‘Ngaba nyhani ungakwazi ukumhlonipha umntu ongakuhloniphiyo wena?’ Ewe. Nantsi imizekelo. UKumkani uSawule wamhlaza phambi kwabantu unyana wakhe uYonatan. (1 Sam. 20:30-34) Sekunjalo, uYonatan wamhlonipha utata wakhe, emxhasa ezimfazweni, de utata wakhe wasweleka. (Eks. 20:12; 2 Sam. 1:23) UMbingeleli Omkhulu uEli watyhola uHana esithi unxilile. (1 Sam. 1:12-14) Kodwa uHana wathetha noEli ngendlela eyayibonisa ukuba uyamhlonipha, nangona onke amaSirayeli ayesazi ukuba ungutata nombingeleli omkhulu ongazenzi kakuhle izinto. (1 Sam. 1:15-18; 2:22-24) Namadoda aseAthene amgezela umpostile uPawulos esithi ‘uyaloqa.’ (IZe. 17:18) Nangona kunjalo, uPawulos wathetha nawo ngendlela eyayibonisa ukuba uyawahlonipha. (IZe. 17:22) Le mizekelo ibonisa ukuba, ukumthanda nyhani uYehova nokoyika ukumkhathaza, kunokusenza sibahloniphe abantu nokuba kulula okanye kunzima. Makhe sithethe ngabantu esimele sibahloniphe, nokuba kutheni simele sibahloniphe.
Ngoxa utata wakhe owayengukumkani wayemhlazile, uYonatan zange ayeke ukumxhasa (Jonga isiqendu 6)
BAHLONIPHE ABANTU BAKOWENU
7. Ziintoni ezinokwenza kube nzima kuthi ukubahlonipha abantu emakhayeni ethu?
7 Ingxaki. Umntu uchitha ixesha elininzi nabantu bakowabo. Loo nto imenza azi izinto ezintle abazenzayo neempazamo zabo. Abanye basenokugula zizinto ezenza kungabi lula ukuba sibahoye, kanti abanye baba nexhala okanye boyike kakhulu (anxiety). Abanye basenokuthetha okanye benze izinto ezisikhathazayo. Endaweni yokuba benze ikhaya ibe yindawo yokuphumla nenoxolo, abanye benza kube kubi ngokungabahloniphi abantu bakowabo. Loo nto yenza kungabikho ntsebenziswano ekhaya. Njengesifo samathambo esenza amalungu omzimba angasebenzisani kakuhle, ukungahloniphani kwenza usapho lungakwazi ukusebenzisana. Kodwa ngokungafaniyo nesifo samathambo esingenakukwazi ukusinyanga, thina ekhaya sinokuyeka ukungahloniphani ukuze sikwazi ukusebenzisana kakuhle.
8. Kutheni kubalulekile ukubahlonipha abantu basekhaya? (1 Timoti 5:4, 8)
8 Isizathu sokuba sibahloniphe. (Funda u-1 Timoti 5:4, 8.) Kwileta yokuqala eya kuTimoti, uPawulos wathetha ngendlela abamele bahoyane ngayo abantu entsatsheni. Wachaza nokuba asimelanga sibe nembeko kubantu basekhaya kuba nje leyo iyinto esimele siyenze, kodwa esona sizathu simele sibe kukuba ‘sizinikele kuThixo.’ Le nto ithetha ukuba sibaphatha ngembeko kuba sithanda uThixo, futhi le yenye yeendlela esimkhonza ngazo. Intsapho yabakho ngenxa kaYehova. (Efe. 3:14, 15) Ngenxa yaloo nto, xa sihlonipha umntu wasekhaya, sihlonipha uYehova, lowo zabakho ngenxa yakhe iintsapho. Esi sesona sizathu sibalulekileyo esisenza sibahloniphe abantu basekhaya.
9. Umyeni nenkosikazi yakhe banokubonisa njani ukuba bayahloniphana? (Jonga nemifanekiso.)
9 Sinokubahlonipha njani? Umyeni oyiphatha ngembeko inkosikazi yakhe, uyiphatha ngendlela ebonisa ukuba uyayithanda, xa kukho abantu naxa bebodwa. (IMize. 31:28; 1 Pet. 3:7) Akasoze ayibethe, ayihlaze, okanye ayenze izive ngathi ayibalulekanga. UAriel,a ohlala eArgentina uthi: “Inkosikazi yam iyagula, ngoko ikhe ithethe izinto ezindikhathazayo. Xa kusenzeka le nto ndiye ndizikhumbuze ukuba le nto iyithethayo ayiyondlela eziva ngayo. Xa kukubi, ndiye ndikhumbule ama-1 Korinte 13:5, andikhuthaza ukuba ndingathethi nayo ndinomsindo, kodwa ndithethe ngendlela ebonisa ukuba ndiyayihlonipha.” (IMize. 19:11) Inkosikazi ehlonipha umyeni wayo ithetha kakuhle ngaye kwabanye abantu. (Efe. 5:33) Ayimphoxi, ayimgezeli, ingambizi nangamagama; kuba iyaqonda ukuba ezo zinto zingawumosha umtshato wabo. (IMize. 14:1) Udade waseItaly onomyeni onengxaki yokuba nexhala nokoyika kakhulu (anxiety) uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndicinge ukuba umyeni wam uyazibaxa izinto. Ubuso bam nezinto endandizithetha zazikade zibonisa ukuba andimhloniphi. Kodwa ndifumanisa ukuba ngokuya ndivana nabantu abathetha kakuhle ngabanye, ndiya ndimhlonipha umyeni wam.”
Xa sihlonipha abantu basekhaya, sihlonipha iNtloko yentsapho yethu, uYehova (Jonga isiqendu 9)
10. Abantu abasebatsha banokubonisa njani ukuba bayabahlonipha abazali babo?
10 Bantu abasebatsha, yithobeleni imithetho yabazali benu. (Efe. 6:1-3) Bonisani ukuba niyabahlonipha xa nithetha nabo. (Eks. 21:17) Ngokuya bekhula, basenokuya bekudinga ukuhoywa. Yenzani yonke into eninokukwazi ukuyenza ukuze nibahoye. Khawuve into eyenziwa nguMaría, onotata ongeloNgqina LikaYehova. Xa utata wakhe wayegula, wayedla ngokuthetha izinto ezimkhathaza kakhulu uMaría, nto leyo eyayisenza kube nzima ukuba amonge. Uthi: “Zange ndithandazele nje ukumhlonipha utata, kodwa ndathandazela nokuyibonisa loo nto. Ndandizixelela le nto: Ukuba uYehova uthi mandibahloniphe abazali bam, ndicinga ukuba uza kundinika amandla okwenza loo nto. Ekuhambeni kwexesha ndaye ndabona ukuba akufunekanga utata atshintshe indlela enza ngayo ukuze ndimhloniphe.” Xa sibonisa ukuba siyabahlonipha abantu basekhaya ngoxa besenza iimpazamo, sibonisa ukuba sihlonipha uYehova, owenza kwabakho iintsapho.
HLONIPHA ABAZALWANA NOODADE
11. Yintoni enokwenza kube nzima ukubahlonipha abantu esikhonza nabo?
11 Ingxaki. Abantu esikhonza nabo baphila ngemigaqo yeBhayibhile; kodwa ngamanye amaxesha abanye babo basenokungabi nobubele, basigwebe okanye basidike. Ukuba umzalwana okanye udade usinika ‘isizathu sokumkhalazela,’ kusenokuba nzima ukuqhubeka simhlonipha. (Kol. 3:13) Yintoni enokusinceda?
12. Kutheni kubalulekile ukuhlonipha abazalwana noodade? (2 Petros 2:9-12)
12 Isizathu sokuba sibahloniphe. (Funda u-2 Petros 2:9-12.) Kwileta yakhe yesibini ephefumlelweyo, uPetros wathetha ngabanye bebandla lamaKristu okuqala, ababethetha izinto ezazibonisa ukuba ababahloniphi abo “banikwe uzuko,” abadala bebandla. Iingelosi ezithembekileyo ezaziyibona into eyayisenzeka zenza ntoni? “Kuba zihlonipha uYehova,” zange zithethe nenye into embi ngabo bantu babesenza izinto ezimbi. Khawufane ucinge nje! Iingelosi ezingenasono zange zifune ukuthetha kakubi ngaloo madoda ayenekratshi. Kunokuba zenze loo nto, zayekela kuYehova ukuba awagwebe aze awakhalimele. (Roma 14:10-12; thelekisa uYuda 9.) Ikhona into esinokuyifunda kwezi ngelosi? Ukuba sifanele sihloniphe abantu abangasifuniyo, sifanele sibahloniphe kakhulu ke abo sikhonza nabo. Simele sibe ngabokuqala ‘ukubahlonipha.’ (Roma 12:10) Xa sisenza loo nto sibonisa ukuba siyamhlonipha uYehova.
13-14. Sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha abazalwana noodade? Yenza imizekelo. (Jonga nemifanekiso.)
13 Sinokubahlonipha njani? Badala, xa nifundisa abantu, zamani ukusoloko niyenza ngothando loo nto. (Filem. 8, 9) Ukuba kufuneka niluleke umntu, yibani nobubele, ningamluleki nicaphuka. Nina boodade, ninokubanceda abazalwana noodade ebandleni bahlale behloniphana ngokungathethi kakubi ngabantu okanye nihlebe. (Tito 2:3-5) Sonke sinokubonisa ukuba siyabahlonipha abadala ngokusebenzisana nabo, nangokubabulela ngomsebenzi onzima abawenzayo, wokuqhuba iintlanganiso, wokukhokela kumsebenzi wokushumayela nowokunceda abo baye benza “into engalunganga.”—Gal. 6:1; 1 Tim. 5:17.
14 Kwakunzima kudade onguRocío ukuhlonipha umdala owayemcebisile. Uthi: “Ndandicinga ukuba zange athethe nam kakuhle. Ekhaya ndandingathethi kakuhle ngaye, nangona ndandizama ukuzifihla, ngaphakathi ndandizibuza ukuba ufuna nyhani na ukundinceda, ndaza ndazixelela ukuba andizukulimamela icebiso lakhe.” Yintoni eyanceda uRocío? Uthi: “Xa ndandifunda iBhayibhile, ndafunda ama-1 Tesalonika 5:12, 13. Ndathi ndakubona ukuba ndandingamhloniphi lo mzalwana, ndatyiwa sisazela. Ndathandaza ndaza ndaphanda kwiincwadi zethu ukuze ndifumane into eyayiza kundinceda nditshintshe indlela endandicinga ngayo. Loo nto yandinceda ndabona ukuba eyona ngxaki yayingenguye lo mzalwana, yayilikratshi endandinalo. Ngoku ndiyaqonda ukuba ukuze ndikwazi ukubahlonipha abantu, kufuneka ndithobeke. Ndisasebenza nzima ukuze ndikwazi ukubahlonipha abantu, kodwa ndicinga ukuba njengokuba ndizama, uYehova uyavuya.”
Sonke sinokubonisa ukuba siyabahlonipha abadala ngokusebenzisana nabo nokubabulela ngomsebenzi onzima abawenzayo (Jonga isiqendu 13-14)
BAHLONIPHE ABO BANGENGOMANGQINA
15. Ziintoni ezisenokwenza kube nzima ukubahlonipha abantu abangengomaNgqina?
15 Ingxaki. Entsimini sidla ngokudibana nabantu abangayithandiyo inyaniso eseBhayibhileni. (Efe. 4:18) Abanye abafuni kusimamela ngenxa yendlela abakhuliswe ngayo. Kusenokufuneka sinyamezele abaqeshi okanye ootitshala ekungekho lula ukubavuyisa, okanye abantu esisebenza nabo nesifunda nabo ekungekho lula ukusebenzisana nabo. Ngokuya ixesha lihamba, sisenokuya siyeka ukubahlonipha, singabaphathi nangendlela ebesingathanda ukuphathwa ngayo.
16. Kutheni kubalulekile ukubahlonipha abantu abangekamkhonzi uYehova? (1 Petros 2:12; 3:15)
16 Isizathu sokuba sibahloniphe. Khumbula ukuba uYehova uyijongile indlela esibaphatha ngayo abantu abangamkhonziyo. Umpostile uPetros wakhumbuza amaKristu ukuba ngenxa yendlela aziphethe ngayo, abantu ‘banokumzukisa uThixo.’ Ngoko wawakhuthaza ukuba athethelele ukholo lwawo “ngomoya ophantsi nangembeko.” (Funda u-1 Petros 2:12; 3:15.) Nokuba ayethethelela ukholo lwawo ezinkundleni okanye kwabanye abantu, amaKristu ayemele abaphathe ngendlela awayenokubaphatha ngayo phambi koThixo. UYehova uhleli esibona futhi eyiva into esiyithethayo nendlela esiyithetha ngayo. Esi sesona sizathu sibalulekileyo esisenza sibahloniphe abantu abangengomaNgqina.
17. Ziintoni esinokuzenza ezibonisa ukuba siyabahlonipha abantu abangamkhonziyo uThixo?
17 Sinokubahlonipha njani? Xa sishumayela asifuni ibe ngathi sibajongela phantsi abantu abangayazi kangako iBhayibhile okanye abangayaziyo tu. Endaweni yaloo nto, sifuna ukubajonga abantu njengabaxabisekileyo kuThixo nababhetele kunathi. (Hag. 2:7; Fil. 2:3) Ukuba umntu uthetha kakubi nawe ngenxa yezinto ozikholelwayo, kulumkele ukuphindisa mhlawumbi ngokuthetha izinto ezikwenza ubonakale ukleva, nezimenza yena azive esisidenge. (1 Pet. 2:23) Ukuba uthethe into ozisolayo ngayo, khawuleza ucele uxolo. Unokubonisa njani ukuba uyabahlonipha abantu osebenza nabo? Zimisele emsebenzini, uze uzame ukubajonga ngendlela efanelekileyo abantu osebenza nabo nabaqeshi bakho. (Tito 2:9, 10) Xa ungumsebenzi onyanisekileyo, okhutheleyo nowenza ngentliziyo yakhe yonke umsebenzi, usenokubavuyisa abantu okanye ungabavuyisi, kodwa ngokuqinisekileyo uza kumvuyisa yena uThixo.—Kol. 3:22, 23.
18. Kutheni singasoze sizisole ngokuhlonipha abantu?
18 Sinezizathu ezifanelekileyo zokubahlonipha abantu. Sifundile ukuba xa sihlonipha abantu basekhaya, sihlonipha iNtloko yentsapho yethu, uYehova. Ngendlela efanayo, xa sihlonipha abazalwana noodade, sihlonipha uTata wethu osezulwini. Naxa sihlonipha abo bangengomaNgqina, senza kube lula ukuba ngenye imini bamzukise okanye bamhloniphe uThixo wethu omkhulu. Nokuba abanye abantu abasihloniphi, soze sizisole thina ngokubahlonipha. Ngoba? Ngenxa yokuba uYehova uza kusisikelela. Nantsi into asithembisa yona: “Ndiza kubazukisa abo bandihloniphayo.”—1 Sam. 2:30.
INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela
a Amanye amagama atshintshiwe.