IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb12 iphe. 164-255
  • IRwanda

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IRwanda
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2012
  • Imixholwana
  • AMAXESHA OBUNZIMA
  • AMALINGE OKUQALISA UKUSHUMAYELA
  • UKUBUYA KWENZALELWANE
  • ABANTU BASERWANDA BAMKELA INYANISO
  • ABATHUNYWA BEVANGELI ABAVUNYELWA UKUBA BANGENE
  • “BABEZIBHOKOXA”
  • IMIGUDU YOKWAMKELWA NGOKUSEMTHETHWENI
  • UBOMI ENTOLONGWENI
  • INTSHUTSHISO IYA ISIBA KRAKRA
  • “UTYELELO” LOMVELELI WESIPHALUKA ENTOLONGWENI
  • AKUYEKWANGA UKUSHUMAYELA NGAPHANDLE KWENTOLONGO
  • IIMFAZWE NOKUNGAZINZI KWEZOPOLITIKO
  • EKUGQIBELENI BAMKELWA NGOKWASEMTHETHWENI!
  • INDIBANO EKHETHEKE NGOKWENENE!
  • AMALUNGISELELO OKUVULA IOFISI
  • KUQALISA IMBUBHISO ENKULU!
  • SASINDISWA NGUMTHANDAZO WENTWAZANA ENCINANE
  • IMEKO IYA ISIBA MANDUNDU
  • UKUJAMELANA NEMFAZWE NOKUFA
  • IBALI LIKAJEAN NOCHANTAL
  • SAZIMELA KANGANGEENTSUKU EZINGAMA-75!
  • UMNCEDI UYANCEDWA
  • AMAWAKAWAKA AYASABA
  • KUQHAMBUKA IKHOLERA
  • UBOMI KWIINKAMPU ZEEMBACU
  • UKUBUYELA ERWANDA
  • “KWAKUNGATHI KUSELUVUKWENI!”
  • UMSEBENZI UTHATH’ UNYAWO KWAKHONA
  • UNYANA WABO OWAYELAHLEKILE WAFUNYANWA!
  • UKUNGANQABISEKI EMANTLA
  • ISIBINI ESASINESIBINDI
  • UKWAKHIWA KWEHOLO YENDIBANO
  • KUDUBULA INTABA-MLILO EMPUMA CONGO
  • IZIGANEKO EZIBALULEKILEYO KUMSEBENZI WAMANGQINA KAYEHOVA
  • KUVELA IINGXAKI NGENXA YOKUNGAKHETHI CALA
  • IKAMVA ELIQAQAMBILEYO
  • EZINYE IIMBALASANE ZASERWANDA
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2012
yb12 iphe. 164-255

IRwanda

IRWANDA lelinye lawona mazwe mancinane eAfrika. Ikwalelinye lawona mahle. Eli lizwe laziwa njengeLizwe LeeNduli Eziliwaka lizaliswe ziintaba, amahlathi, amachibi neengxangxasi kunye nezityalo nezilwanyana ezininzi. Lo mmandla uxhagwe ziiNtaba zeVirunga ezisusela entshona ngakumda weDemocratic Republic of the Congoa zanaba zaya kutsho emantla eUganda. Eyona ntaba iphakamileyo neziimitha ezingama-4 480 ukuphakama, iKarisimbi, yayifudula iyintaba-mlilo eyayisoloko imhlophe ngaphezulu ngenxa yeliqhwa nesichotho. Amaxethuka angezantsi kwezi ntaba azaliswe luqalo namahlathi ashinyeneyo, apho kukho uhlobo lweenkawu olusengozini yokubhanga noluthand’ ukujinga kumasebe emithi. Obona buncwane baseRwanda, igorila yentaba, bufumaneka kwakulo mmandla uphandl’ amehlo.

Izityalo ezimibala-bala nohlaza oluchumileyo lunabela kufutshane neChibi iKivu namaHlathi eNyungwe. Kweli hlathi kuhlala iichimpanzee, iinkawu ezimnyama nezimhlophe kunye nezinye izilwanyana ezingaphezu kwama-70. Kukho nemithi eyahlukahlukeneyo emalunga nama-270 kunye neentlobo-ntlobo zeentaka ezimalunga nama-300. Amabhabhathane neeorchid ezininzi nezixhaphakileyo kulo mmandla zandisa ubuhle bawo.

Phakathi kwiHlathi leNyungwe kukho umsinga wamanzi oya ngasempuma. Udibana neminye imisinga nemilambo de uye kungena kwiChibi iVictoria. Ukusuka apho, la manzi eza ngamandla aze aye ngasemantla edlula e-Ethiopia, eSudan, aye kungena eYiputa, aze aginywe luLwandle iMeditera. Lo mlambo umNayile, nosuka kwiinduli ezikumbindi Afrika, uhamba iikhilomitha ezingama-6 825, nto leyo ewenza ube ngomnye weyona milambo mide emhlabeni.

AMAXESHA OBUNZIMA

Okubuhlungu kukuba, kweli lizwana laseRwanda kuye kwabakho ugonyamelo oluhlasimlis’ umzimba. Amakhulu amawaka amadoda, abafazi nabantwana baye babulawa ngenye yezona ndlela zibuhlungu embalini. Izenzo ezothusayo zogonyamelo olungalawulekiyo zazisasazwa ehlabathini lonke, nto leyo eyabangela ukuba abaninzi bashiyeke bebamb’ ongezantsi ngenxa yenkohlakalo yabantu.—INtshu. 8:9.

Abakhonzi bakaYehova abathembekileyo banyamezela njani kuloo maxesha neminyaka eyalandelayo? Kanye njengokuba umsinga wamanzi omncinane osuka kwiHlathi leNyungwe utyhubela ilanga eligqats’ ubhobhoyi laseAfrika uze ekugqibeleni ube ngowona mlambo mkhulu, nabantu bakaYehova eRwanda baye banyamezela izinto ezininzi ekukhonzeni kwabo uThixo. Baye bamelana nentshutshiso ekrakra neengxaki ezinkulu yaye baye balukhuthazo kubazalwana noodade ehlabathini lonke. Ibali laseRwanda liza kukuchukumisa njengoko ufunda ngothando, ukholo nokunyaniseka kwabazalwana. Siyathemba ukuba le ngxelo iza kukukhuthaza uluxabise ngakumbi ulwalamano lwakho noYehova uze ubathande abazalwana bakho abangamaKristu.

AMALINGE OKUQALISA UKUSHUMAYELA

Ingxelo yokuqala yokushumayela iindaba ezilungileyo eRwanda yafakwa kwIncwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowe-1971. Yathi: “NgoMatshi walo nyaka [we-1970] oovulindlela abakhethekileyo ababini baye bakwazi ukufika eRwanda baze baqalisa umsebenzi wokushumayela kwikomkhulu iKigali. Bafikela ebantwini abanobubele nababenomdla kwisigidimi soBukumkani, yaye omnye umntu obenomdla uye waqalisa ukuya entsimini. Aba vulindlela sele beqalise ukuqhuba izifundo ezilishumi ezithetha isiSwahili. Ngoku bazama ukufunda isiKinyarwanda ukuze bakwazi ukushumayela kubantu abaninzi.”

Aba vulindlela bakhethekileyo babini ekuthethwa ngabo nguOden Mwaisoba nomkakhe uEnea baseTanzania. Ngenxa yokuba babengalwazi ulwimi oluthethwa ekuhlaleni, isiKinyarwanda, baqalisa ngokuya kubantu abathetha isiSwahili, uninzi lwabo olwalusuka eCongo okanye eTanzania. NgoFebruwari 1971, kwakukho abavakalisi abane, kodwa sasingenazo iimpapasho zesiKinyarwanda, ibe ingxaki yokungalwazi ulwimi yabangela ukuba kungabikho lwando.

UStanley Makumba, umveleli wesiphaluka owayenesibindi nowayekhonza eKenya, waya eRwanda okokuqala ngowe-1974. Uthi: “Zazimbalwa iibhasi ezisuka kumda weUganda neRwanda eziya eRuhengeri, eRwanda. Kwakufuneka ndime ngenyawo kwilori ndingakwazi nokushukuma. Umfazi wam wayehleli ngaphambili nomqhubi. Xa sifika apho besisiya khona wayengandazi kuba ubuso nentloko zazigcwele luthuli. Umqolo wam wawubuhlungu kakhulu ngenxa yolo hambo kangangokuba kwiveki engaphambi kwendibano yesiphaluka nakwindibano kwafuneka ndinikele iintetho ndihleli phantsi. Xa ndiza kutyelela abazalwana, ndandingakwazi ukubaxelela ukuba ndiza kufika nini kuba sasingazi ukuba siza kuhamba ngantoni!”

UKUBUYA KWENZALELWANE

UGaspard Rwakabubu, oyinzalelwane yaseRwanda wayesebenza kwimigodi yobhedu eCongo. Uthi: “Ngowe-1974, ndaya kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani eKolwezi. Omnye umzalwana owayesifundisa, uMichael Pottage, wathi iofisi yesebe yaseKinshasa ifuna umdala waseRwanda ongathanda ukubuyela kwilizwe lakowabo ukuze ancedise kumsebenzi wokushumayela. Wabuza enoba ndingathanda kusini na ukuya. Ndathi ndiza kukhe ndithethe nomfazi wam uMelanie.

“Ngelo xesha umphathi wam emgodini wayesandul’ ukundicela ukuba ndiye kuqeqeshwa eJamani. Ndandisebenza kakuhle, yaye umvuzo wam wawusiya usithi chatha. Sekunjalo, zange silibazise. Ndaxelela uMzalwan’ uPottage ukuba sikulungele ukubuyela eRwanda. Umphathi wam wayengasiqondi esi sigqibo ndisenzileyo. Wandibuza wathi, ‘Kutheni ungenakuba liNgqina likaYehova apha? Kutheni umele ubuyele eRwanda?’ Kwanabazalwana abaneminqweno emihle bazama ukundinqanda. Bathi: ‘Unabantwana abane. Funda uLuka 14:28-30, uhlale phantsi ukhe uyicingisise le nto.’ Sekunjalo, asizange sijike.

“Umphathi wam wasihlawulela zonke iindleko zokubuyela eRwanda. Ukufika kwethu eKigali ngoMeyi 1975, saqesha indlu eyakhiwe ngezitena zodaka nenomgangatho wodaka, neyayahluke mpela kwindlu esasinayo ngoxa ndandisebenza emgodini. Noko ke, leyo yinto esasiyilindele yaye sasizimisele ukuphumelela.”

Ekubeni oovulindlela abakhethekileyo abasuka kwamanye amazwe babesebenzisa isiSwahili, abantu abaninzi babecinga ukuba baze kufundisa abantu olo lwimi. Bayitshintsha loo ndlela babecinga ngayo xa kwafika uGaspard nentsapho yakhe, kuba babefundisa abantu inyaniso engoBukumkani besebenzisa iBhayibhile yesiKinyarwanda.

Ukongezelela, uMzalwan’ uRwakabubu waguqulela incwadana enamaphepha angama-32 ethi “Ezi Ndaba Zilungileyo ZoBukumkani” kwisiKinyarwanda. Yapapashwa ngowe-1976 ibe abantu abaninzi baba nomdla kuyo. Babeyifunda ezibhasini nasezitratweni. Ukusetyenziswa kwegama elithi Yehova kwabangela iingxubusho ezininzi.

ABANTU BASERWANDA BAMKELA INYANISO

Ngelo xesha kwakukho abavakalisi abamalunga ne-11 kuphela kweli lizwe, uninzi lwabo ingabasemzini. Omnye wabemi baseRwanda bokuqala ukufunda inyaniso yayinguJustin Rwagatore. Waqala ukufunda noovulindlela abakhethekileyo baseTanzania ngesiSwahili, kuba babengasazi isiFrentshi nesiKinyarwanda. Wayengumntu wabantu, yaye wabhaptizwa ngowe-1976 ehlala eSave, apho ukumkani waseRwanda wayeqale wavumela abavangeli bamaKatolika ukuba benze umsebenzi wabo wobuvangeli ngowe-1900. UJustin uthi abantu babenomdla wokwazi oko kufundiswa yiBhayibhile. Noko ke, abefundisi babethetha kakubi ngamaNgqina kaYehova, bengafuni nokuba amarhamente abo awaphulaphule okanye amkele uncwadi lwawo.

UFerdinand Mugarura, umzalwana owayeyimela inyaniso, ngomnye wabantu bokuqala abamkela inyaniso eRwanda. Ngowe-1969, ngoxa wayehlala kwimpuma yeCongo, wafumana incwadi yesiSwahili ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade. Kamva, akuva apho ahlala khona amaNgqina akufutshane, yena nabanye ababini babehamba umgama oziikhilomitha ezingama-80 rhoqo ngoLwezihlanu besiya kwiintlanganiso, baqhutyelwe isifundo seBhayibhile, baze bagoduke ngeenyawo ngeMivulo. Ngowe-1975 uFerdinand wabhaptizwa ngemini enye nesifundo sakhe seBhayibhile. Ngowe-1977, waya kuba nguvulindlela okhethekileyo eRwanda, ibe ukhumbula ukuba kunyaka wangaphambi koko, indibano yesiphaluka yayikwaRwakabubu, apho kwakukho abantu angama-34 kwaza kwabhaptizwa abathathu.

ABATHUNYWA BEVANGELI ABAVUNYELWA UKUBA BANGENE

IQumrhu Elilawulayo, elisoloko liziphaphele izinto ezifuneka kwintsimi yehlabathi, lalisele lithumele abathunywa bevangeli eRwanda. Ngowe-1969, kwathunyelwa abavangeli abane ababephumelele kwiklasi yama-47 yeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower saseGiliyadi.

UNicholas Fone uthi: “Ngasekupheleni kukaJanuwari, uMzalwan’ uKnorr wanika abafundi izabelo zabo. Samva exelela uPaul noMarilyn Evans ukuba baza kuya eRwanda. Emva koko wathi kum nomkam: ‘Niza kuhamba nabo!’ Sasivuya kakhulu, yaye emva kwaloo ntlanganiso saya kwithala leencwadi laseGiliyadi sakhangela iRwanda kwincwadi yemaphu enkulu. Noko ke, kamva, safumana ileta ethi abazalwana abayifumananga imvume yokuba singene eRwanda. Yasityhafisa loo nto kodwa sakwamkela ukutshintshelwa eCongo kunye noPaul noMarilyn.”

Ngowe-1976, ezinye izibini ezibini ezaziphumelele iklasi yaseGiliyadi yama-60 zathunyelwa eRwanda. Zona zayifumana imvume yokungena kweli lizwe, zafika zahlala kwindlu eqeshiweyo, zashumayela ngesibindi, zaza zafunda isiKinyarwanda. Emva kweenyanga ezintathu aphelelwa loo maphepha-mvume abo, laza iSebe Labandwendweli alavuma ukuwahlaziya. Ngenxa yoko basiwa eBukavu ekwimpuma yeCongo.

“BABEZIBHOKOXA”

Kwiminyaka ye-1970, oovulindlela abakhethekileyo baseTanzania naseCongo bemka eRwanda ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo. Ngelo xesha, abazalwana balapho babeqalisa ukuba ngoovulindlela nokwandisa umsebenzi wokushumayela kulo lonke elo. Ngowe-1978, kwaguqulelwa incwadi ethi Inyaniso kunye neentlobo ezimbini zamaphecana ngesiKinyarwanda. Ukongezelela, kwabakho IMboniselo ephuma nyanga nganye. Ezo mpapasho zanceda abantu bamkela inyaniso. Ethetha ngoovulindlela baloo maxesha, umshumayeli wevangeli uManfred Tonak wathi: “Babezibhokoxa emsebenzini, yaye ixesha labo elininzi babeba sentsimini. Nabantu abatsha enyanisweni balandela emanyathelweni abo.”

UGaspard Niyongira ubalisa indlela ezazisasazwa ngayo iindaba ezilungileyo ngaloo mihla. “Xa ndandibhaptizwa ngowe-1978, abefundisi babesoyikiswa kukubona abantu abaninzi besiza entlanganweni. Kwiindibano zethu kwakusiza amakhulukhulu abantu. Xa sisiya entsimini, sasiba ngathi silibubu leenkumbi. Ngokufuthi kwakubakho abavakalisi abamalunga nama-20 abasuka kwiziko ledolophu iKigali ngezikaTshiwo, besiya kushumayela eKanombe, ekumgama omalunga neekhilomitha ezisithoba. Babesima ukuze bafumane isidlo sasemini, baze emva koko bahambe umgama oziikhilomitha ezisixhenxe ukuya eMasaka ngaphambi kokuba babuyele eKigali ngebhasi ngorhatya. Namanye amaqela abavakalisi ayesenza okufanayo kweminye imimandla yeli lizwe. Ngoko le ndlela babeshumayela ngayo yabangela ukuba abantu bacinge ukuba kukho amawakawaka amaNgqina kaYehova eRwanda. Ngenxa yoko, abantu baqalisa ukusikrokrela, bephembelela abasemagunyeni ukuba bangasamkeli ngokusemthethweni.”

Inzondelelo ababenayo abazalwana baseRwanda yabangela ukuba bafune ukunandipha unxulumano kunye nabazalwana bamanye amazwe. Ngoko, ngoDisemba 1978, abazalwana noodade abangama-37 baseRwanda, kuquka abantwana, batyhubela iUganda besiya eNairobi eKenya—ekumgama ongaphezu kweekhilomitha ezili-1 200—besiya kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe ‘Yokholo Olweyisayo.’ Olo hambo lwalunamagingxi-gingxi. Izinto zokuhamba zazingathembekanga yaye zazisoloko zisonakala endleleni. Ukongezelela, imeko yezopolitiko yayingazinzanga eUganda. Xa aba bazalwana bafika kumda waseKenya, amagosa omda waseUganda abatyhola ngokuthi ngoontamnani, abakhonkxa aza abasa kwikomkhulu lezomkhosi eKampala, eUganda. Bancinwa nguIdi Amin, owayengumongameli waseUganda ngelo xesha. Waneliseka ziimpendulo ababemnika zona, waza wayalela ukuba bakhululwe. Nangona bengazange balufumane usuku lokuqala lwendibano eNairobi, abo bazalwana abazange bakwazi ukuzibamba iinyembezi zovuyo bakubona amawakawaka abazalwana beentlanga ngeentlanga bemanyene ngoxolo.

IMIGUDU YOKWAMKELWA NGOKUSEMTHETHWENI

Asingabo bonke abantu ababeyithanda inyaniso yeBhayibhile nemilinganiselo yokuziphatha emihle eyayifundiswa ngamaNgqina. Ngokukodwa abefundisi, ayizange yehle kamnandi kubo into yokubona abantu abaninzi besamkela inyaniso. Umzalwan’ uRwakabubu uthi: “Abaninzi ababengamaKatolika, amaProtestanti namaSabatha akhutheleyo bathumela iileta zokurhoxa kwezo cawa zabo. Omnye umzalwana wathi imiphumo yomsebenzi wokushumayela yayifana nomlilo otshabalalisa zonke iicawa ezisemthethweni kwelo. Kungekudala, inani labo baya kwiBandla laseKigali landa laya kutsho kuma-200. Ekuqaleni, abefundisi babengasikhathalelanga kangako kuba sasiliqaqobana nje. Noko ke, sathi sakuba baninzi abanye babo basityhola ngelithi siyingozi kweli lizwe. Kuphawuleka ukuba kanye malunga neli xesha ibhishophu weCawa yamaKatolika eRwanda, uVincent Nsengiyumva, waba lilungu lekomiti lebhunga elilawula kwiqela eliphetheyo lezopolitiko.

Ekubeni sasisanda ngokukhawuleza, kwafuneka saziswe ngokwasemthethweni ukuze sikwazi ukungenisa abathunywa bevangeli, sakhe iiHolo zoBukumkani size sibe neendibano ezinkulu. Isebe laseKenya lacela uErnest Heuse waseBelgium ukuba aye kuthetha nabaphathiswa baseburhulumenteni ecela ukuba samkelwe ngokusemthethweni, kodwa imigudu yakhe yatsho phantsi. Kamva ngowe-1982, iofisi yesebe yaseKenya yasicebisa ukuba sibhale iileta eziya kuMphathiswa Wezobulungisa kunye noWezangaphakathi, sicele ukwamkelwa ngokusemthethweni. Esi sicelo satyobelwa ndim nabanye oovulindlela abakhethekileyo ababini, kodwa asizange siphendulwe.”

Ngelo xesha, inkcaso yayisanda okomlilo wedobo. UAntoine Rugwiza, umzalwana ongathethi kakhulu nonesidima uthi, ethetha kusasazo lukanomathotholo, umongameli wathi akayi kubanyamezela abantu abanyelisa “iicawa ezisemthethweni zaseRwanda.” Wonke umntu waqonda ukuba uthetha ngamaNgqina kaYehova. Kungekudala emva koko, abazalwana babengavunyelwa ukuba bahlanganisane. Kwavakala amarhe okuba baza kubanjwa. Umzalwan’ uRwakabubu waya kuncinwa kabini ligosa likaRhulumente lezokhuseleko.

Kwandula ke ngoNovemba 1982, uKiala Mwango kunye nomkakhe uElaine, ababesuka eNairobi bathunyelwa ukuba baye kuvelela iindibano zesiphaluka eButare, eGisenyi naseKigali. UMzalwan’ uRwakabubu wayengusihlalo wezi ndibano. Kwakusandul’ ukuphela indibano yaseKigali xa waya kuncinwa okwesithathu ngumongameli. Ngesi sihlandlo akazange abuye! Kwiintsuku nje ezine emva koko, kwavalelwa abanye oovulindlela abakhethekileyo ababetyobele isicelo sokwamkelwa ngokusemthethweni. Bobathathu aba bazalwana bavalelwa bengakhange banikwe thuba lokuzithethelela. Kwavalelwa abaninzi emva koko. IHolo yoBukumkani yavalwa zaza iingcango zatshixwa. Ileta eyabhalwa nguMphathiswa Wezobulungisa isiya kumagosa aziintloko yabangela ukuba amaNgqina kaYehova avalwe umlomo.

Ekugqibeleni, ngo-Oktobha 1983 ityala laba bazalwana bathathu ababetyobele isicelo semvume engokwasemthethweni lachotshelwa. Inkundla yabatyhola ngokukhohlisa abantu—sityholo eso esasingenasihlahla. Elo tyala lachotshelwa kungekho nalinye ingqina okanye uxwebhu olubhaliweyo. Sekunjalo, aba bazalwana bathathu bagwetywa iminyaka emibini entolongweni. Xa kwaxolelwa amabanjwa angababulali aza akhululwa, akuzange kucingwe nokucingwa ngaba bazalwana bathembekileyo. EGisenyi, amanye amaNgqina amahlanu avalelwa iminyaka ephantse ibe mibini ngaphandle kwesigwebo okanye umyalelo ocacileyo wenkundla.

UBOMI ENTOLONGWENI

Ukuphila entolongweni kwakunzima. Sasinikwa ukutya kanye ngemini, icassava neembotyi. Inyama sasiyifumana kanye ngenyanga. Iibhedi zazineencukuthu, kodwa ngenxa yokuba sasibaninzi kakhulu, amanye amabanjwa ayelala phantsi. Kwakunqabe namanzi la okuhlamba. Abazalwana babehlala nezaphuli-mthetho eziziindlobongela. Abalindi bentolongo babesoloko bengqwabalala, nangona omnye wabo, uJean Fataki, wayenobubele kubazalwana. Wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, waza waba liNgqina likaYehova, yaye ube nguvulindlela othembekileyo ukuza kuthi ga ngoku.

Umzalwan’ uRwakububu uthi: “Ngoxa sasisentolongweni, ubhishophu wenza uMthendeleko. Waxelela abaphulaphuli bakhe ukuba bawalumkele amaNgqina kaYehova. Emva koko, amanye amaKatolika awayelapho asibuza isizathu sokuba lo bhishophu athethe ngolo hlobo, kuba wona ayabona ukuba amaNgqina kaYehova akayongozi.”

Ngelo xesha, eKigali kwafika uRoger noNoella Poels bevela eBelgium. URoger wayeze kuphangela. Aba bazalwana bathathu babesesentolongweni, ngoko uRoger wacela intlanganiso noMphathiswa Wezobulungisa ukuze amcacisele ngeenkolelo zethu aze ngobuchule azame ukuqonda ingxaki anayo urhulumente ngamaNgqina kaYehova. Lo mphathiswa wayenza mfutshane le ntlanganiso ngokuthi: “Mnumzana Poels, akusekho nto ndifuna ukuyiva kuwe! Ndikubuyisela eBrussels. Phum’ uphele kweli!”

Ekubeni aba bazalwana bathathu bema ngokuqinileyo bengoyikiswa nto, kwafuneka bagqibe isigwebo sabo seminyaka emibini, nangona kunyaka wesibini bathunyelwa kwintolongo apho iimeko zazibhetele kakhulu. Bakhululwa ngoNovemba 1984.

INTSHUTSHISO IYA ISIBA KRAKRA

Inkcaso ayizange ibuye ngamva. Kunomathotholo kwabhengezwa ukuba amaNgqina kaYehova akalunganga yaye ayazibaxa izinto. NgoMatshi 1986, kwaye kwavalelwa amaNgqina amaninzi kulo lonke eli. Phakathi kwawo kwakukho uAugustin Murayi, owagxothwa kwisikhundla sakhe sokuba ngumlawuli jikelele kwiSebe loMphathiswa Wemfundo Yabasaqalayo Nabakumabanga Aphakamileyo ngenxa yokungathathi cala kwakhe. Wayegculelwa ngamaphephandaba nakumajelo kanomathotholo.

Kulo lonke eli lizwe kwabanjwa nabanye abazalwana noodade, nkqu noodade abakhulelweyo nabaneemveku. Ngasekupheleni kowe-1986, bathunyelwa kwintolongo eseKigali beye kulindela ukuthethwa kwetyala. Ngenxa yokuba abazalwana bengazange bacule iingoma zokuthand’ izwe, banxibe iibheji ezinomongameli, yaye bengazange bathenge amakhadi eqela lezopolitiko, abantu bacinga ukuba amaNgqina kaYehova akamfuni urhulumente yaye afuna ukumbhukuqa.

Encumile uPhocas Hakizumwami uthi: “Abazalwana abaqala bavalelwa ngabebandla laseNyabisindu. Ekubeni sonke sasilindele ukuba siza kuvalelwa kungekudala, saqonda ukuba sele siza kufumana intsimi entolongweni. Ngoko sagqiba kwelokuba sizibhokoxe ekushumayeleni kule ntsimi ‘ingaphandle’ kwentolongo kuqala. Saya kwiindawo zentengiso saza sahambisa amaphephancwadi amaninzi neencwadi. Sathandazela ukuba uYehova asincede sigubungele intsimi yethu ngaphambi kokuba sisiwe entolongweni. UYehova wakwenza oko kuba intsimi yethu sayigubungela ngo-Oktobha 1, 1985. Kwiintsuku ezisixhenxe kamva, sabanjwa.”

Kunyaka olandelayo, uPalatin Nsanzurwimo nomfazi wakhe uFatuma babanjwa ligosa likaRhulumente lezokhuseleko. Emva kokuba bencinwe iiyure ezisibhozo kwaza kwagqogqwa umzi wabo, basiwa entolongweni kunye nabantwana babo abathathu. Endleleni eya entolongweni, umninawa kaPalatin, owayelandela emva kwabo, wathabatha unyana wabo oneminyaka emihlanu ubudala nentombi yabo eneminyaka emine ubudala, waya kubanyamekela. UPalatin noFatuma baya kuvalelwa kunye nemveku yabo eneenyanga ezili-14 ubudala. Kamva uFatuma waya kuvalelwa kwenye intolongo kangangeenyanga ezisithoba.

Ngelo xesha, abantwana abane bakaJean Tshiteya bagxothwa esikolweni. Kwisithuba esingephi emva koko, wathi xa egoduka wafumana indlu yakhe igqogqiwe nomkakhe ebanjiwe, abantwana besele bodwa. Esajonge leyo, waza kuthathwa ngamapolisa amsa kwintolongo yaseButare, apho wafikela kumkakhe nabanye abazalwana. Emva koko, bonke abazalwana ababeseButare batshintshelwa kwintolongo enkulu eKigali. Ngelo xesha, abantwana bakaMzalwan’ uTshiteya babenyanyekelwa ngabazalwana baseKigali.

UMzalwan’ uTshiteya uthi: “Njengoko kule ntolongo kwakufika abazalwana noodade abasuka kwezinye iintolongo, babebulisana bevuya besithi, ‘Komera!’ gama elo elithetha ukuthi ‘Yibani nesibindi!’ Omnye woonogada wathi akuva indlela ababulisana ngayo wacaphuka waza wathi: ‘Nimkelwe ziingqondo nina! Abantu bangaba nesibindi njani entolongweni?’”

Nakubeni babevalelwa ngolo hlobo, abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo abazange batyhafe, yaye intshutshiso yayisoloko isiba nemiphumo encumisayo. Phakathi kwabaninzi abavalelwayo ngelo xesha kwakukho uOdette Mukandekezi, udade odlamkileyo nothand’ abantu. Uthi: “Ngexesha lentshutshiso, abazalwana babebanjwa baze babethwe. Ngenye imini sadlula kwenye intombazana egama linguJosephine neyayisalusa iinkomo. Yayiphethe iBhayibhile ibe kuyo yayifunde ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala anyeliswa, atshutshiswa, abethwa kabuhlungu aza avalelwa ezintolongweni. Ekubeni yayisazi ukuba amaNgqina ayetshutshiswa, yagqiba kwelokuba amele ukuba lunqulo oluyinyaniso, yaza yacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ngoku ingudade obhaptiziweyo.”

Ngoxa umsebenzi wawuvaliwe, uGaspard Niyongira wayengumqhubi weelori, yaye umsebenzi wakhe wawusoloko umsa eNairobi, eKenya. Xa ebuyela eRwanda wayethubelezisa iimpapasho ezifakwe kwibhokisi eselorini yakhe. Kule bhokisi kwakunokungena iibhokisi zoncwadi ezintandathu. Kwangaxeshanye uHenry Ssenyonga, ohlala kwiNtshona yeUganda wayesoloko ewela umda ngesithuthuthu esinamaphephancwadi.

Iintlanganiso zebandla kwakufuneka ziqhutywe ngamaqela amancinane. Xa abasemagunyeni bekrokrela ukuba amaNgqina kaYehova ebeneentlanganiso, ayegqogqa. UMzalwan’ uNiyongira uthi: “Iintlanganiso sasiziqhuba ngokufihlakeleyo kwigumbi endandilixokomezelele kwindlu yam. Iincwadi zethu sazifihla kwiingxowa zeplastiki esasizigquma ngamalahle.”

Njengoko kwakuqalisa ukubanjwa kwabantu abaninzi, uJean-Marie Mutezintare, owayesandul’ ukubhaptizwa, wakwazi ukuya kwiNdibano ekhethekileyo yezizwe ngezizwe ‘Yabagcini Bengqibelelo’ eNairobi ngoDisemba 1985. Ekubuyeni kwakhe, yena noIsaie Sibomana bathabatha amaphephancwadi kubazalwana abakwintshona yeUganda ababesiya eRwanda. Bakufika kumda, amagosa abona loo maphephancwadi, abakhonkxa abazalwana, aya kubancina aza abalalisa kwisisele esibandayo. Kungekudala bathunyelwa kwintolongo enkulu yaseKigali. Apho bafika kukho abazalwana noodade abamalunga ne-140 ababebanjiwe, abakuvuyela ngokwenene ukuva iindaba ezingendibano yaseNairobi. Zazikhuthaza ngokwenene ezo ndaba yaye zabomeleza abazalwana!

Aba bazalwana basentolongweni babeqhuba iintlanganiso yaye beshumayela. Babengashumayeli nje kuphela, kodwa babefundisa amabanjwa ukufunda nokubhala. Ngaphezu koko, babeqhubela abantu abanomdla izifundo zeBhayibhile baze bancede abavakalisi abatsha ukuba babhaptizwe. Abanye babeqhutyelwa isifundo ngaphambi kokuba babanjwe yaye abanye bafunda inyaniso ngaphaya kwezitshixo.

“UTYELELO” LOMVELELI WESIPHALUKA ENTOLONGWENI

Omnye umzalwana uzichaza ngolu hlobo iziganeko ezazisenzeka kwintolongo yaseKigali ngowe-1986: “Babebaninzi abazalwana ababelapho. Sasihlanganisana ukuze sibone indlela esinokubanceda ngayo abazalwana abangekho sentolongweni. Sagqiba kwelokuba sibabhalele ileta ebakhuthazayo. Sabaxelela ukuba siza kubuyela ekhaya sakuyigubungela intsimi yasentolongweni. Sawashumayeza onke amabanjwa yaye siqhuba izifundo zeBhayibhile. Kamva, sathi sakuva ukuba amabandla angaphandle aza kutyelelwa ngumveleli wesiphaluka, nathi salunqwenela olo tyelelo, ngoko sakuthandazela oko. Kungekudala emva koko, uMzalwan’ uRwakabubu, owayengumveleli wesiphaluka, wavalelwa entolongweni okwesibini. Leyo yaba ngathi yindlela yokuba nathi sityelelwe ngumveleli wesiphaluka.”

Ngexesha lentshutshiso, mnye kuphela umzalwana owanikezelayo. Wathi akunxiba ibheji yezopolitiko, amabanjwa angengomaNgqina ambetha, amkhaba, emthuka nokumthuka, esithi uligwala. Umfazi wakhe, owayefunda iBhayibhile, wambuza isizathu sokuba engazange ahlale enyanisekile. Kamva wabhalela iijaji ileta, ezixelela ukuba wenze impazamo nokuba usengomnye wamaNgqina kaYehova. Wabhalela neofisi yesebe yaseKenya ecela uxolo. Sithetha nje, ukhonza uYehova ngokunyanisekileyo kwakhona.

AKUYEKWANGA UKUSHUMAYELA NGAPHANDLE KWENTOLONGO

Abo babengabanjwanga baqhubeka beshumayela ngenzondelelo, umntu ngamnye eshumayela iiyure ezimalunga nama-20. UAlfred Semali, omnye wabazalwana ababengekho ntolongweni, uthi: “Nangona ndandingazange ndibanjwe, ndandikulindele ukubanjwa yaye ndikulungele. IHolo yoBukumkani yayivaliwe, ngoko sasidibana singamaqela amancinane yaye saqhubeka sishumayela. Ndandidla ngokufaka amaphephancwadi kwimvulophu enombala omdaka, ndiye edolophini ngokungathi ndifuna umsebenzi ndize ndikhangele amathuba okunika abantu amaphephancwadi nokuncokola ngeBhayibhile.

“Ngowe-1986 abazalwana nabanye ababenomdla bavalelwa entolongweni, nditsho nabo babesandul’ ukuqalisa ukufundelwa iBhayibhile. Abazalwana nabo babenomdla baba nenkalipho emangalisayo. Kanye ngelo xesha, amaNgqina akumazwe amaninzi ayebhalela umongameli waseRwanda ngenxa yale mpatho ingqwabalala yaye abasasazi boonomathotholo babesithi ufumana amakhulu eeleta suku ngalunye. Oku kwaba nemiphumo emihle, kwaye ngonyaka olandelayo umongameli wayalela ukuba abazalwana noodadewethu nabo babenomdla bakhululwe. Sasizaliswe yimincili.” Bakuba bekhululwe, abadala balungiselela ukuba kubhaptizwe abantu eKigali, apho kwabhaptizwa abangama-36, yaye ngoko nangoko abangama-34 kubo baba ngoovulindlela abangabancedani!

Ngowe-1986, kanye xa intshutshiso yayiqatsele, kwakukho abavakalisi abamalunga nama-435; kweli nani yayingabazalwana noodade abamalunga ne-140 ababevalelwe entolongweni. La maNgqina ayeziintsika zentlangano kaYehova eRwanda. Ukholo lwabo ‘lwaluvavanyiwe.’—Yak. 1:3.

Ekugqibeleni, emva kweminyaka ye-1980 eyayizaliswe zizidubedube, kwabakho uxolo nolwando kumabandla aseRwanda ikamva lalibaphathele ntoni? Abaninzi bayamkela inyaniso. Ngaba abo batsha enyanisweni babeza kuzingqina bomelele? (1 Kor. 3:10-15) Ngaba ukholo lwabo lwaluza kuma nxamnye neentshutshiso ababeza kuzifumana? Kwakuza kubonakala ethubeni.

IIMFAZWE NOKUNGAZINZI KWEZOPOLITIKO

Ngowe-1990, kwakukho abavakalisi abamalunga ne-1 000 abakhutheleyo eRwanda. Noko ke, ezopolitiko zazingazinzanga yaye ngo-Oktobha, imikhosi yeRwandan Patriotic Front (RPF) yahlasela kummandla okumntla weRwanda isuka eUganda.

Xa kwakuqalisa olu hlaselo, uFerdinand Mugarura, umzalwana onenkalipho owayebanjelwe ukholo izihlandlo ezibini, wayehlala eRuhengeri. Uthi: “Inzondo nobuhlanga zazisiya zixhaphaka. Sekunjalo, amaNgqina kaYehova ahlala engathathi cala kwezopolitiko nakwezobuhlanga. Ngenxa yoko, abanye abazalwana kwafuneka bashiye amakhaya abo, kanti abanye bagxothwa emisebenzini.”

Omnye udade owayengutitshalakazi nomhlolokazi onabantwana abathathu, akazange avume ukukhupha iminikelo yomkhosi. Ngenxa yoko, umphathi wootitshala wamxela kumagunya asemkhosini waza wavalelwa isihlandlo sesibini, emva kokuba wayekhe wavalelwa kwiminyaka ye-1980. Xa lo mkhosi wahlasela idolophu awayevalelwe kuyo, intolongo yavuleka aza onke amabanjwa aqhwesha. Noko ke, lo dade akazange abaleke. Wathi akurhoxa umkhosi, lo dade waphinda wabanjwa waza wathunyelwa kwintolongo enkulu eseKigali. Elapho, wathandazela ukwazi usuku lweSikhumbuzo, kuba wayengafuni simphose. Akazange akholelwe xa ekhululwa kanye ngosuku lweSikhumbuzo! Ngenxa yokungathathi cala kwakhe kwezopolitiko, waphulukana nendlu yakhe nomsebenzi wakhe, kodwa waba nguvulindlela okhutheleyo.

Ngenxa yokungenelela kwamanye amazwe, iUganda yayeka ukuhlasela okwethutyana. Ngowe-1991, kwaqalisa ukubakho amaqela ezopolitiko akhuphisanayo. Kwasekwa amaqela ahlukahlukeneyo aphambili kunye namanye amancinane, nto leyo eyabangela ukuba kucalucalulwane ngokweengingqi kuze kubekho nobuhlanga. Amanye amaqela ayeneembono ezisengqiqweni, kodwa amanye ayengoophuma-silwe. Kwaqalisa ukwamkelwa ukungakhethi cala kwamaNgqina kaYehova. Ngenxa yokungathath’ icala kwiingxabano zezopolitiko nezobuhlanga, ayengasajongwa njengeentshaba ngurhulumente nangabantu ngokubanzi.

NgoSeptemba we-1991, kwafika abazalwana abasuka kumazwe ahlukahlukeneyo behamba nabazalwana ababini baseRwanda, uGaspard Rwakabubu noTharcisse Seminega, batyelela abaphathiswa bakarhulumente waseKigali. Aba bazalwana bathetha noMphathiswa wezoBulungisa, owabaphulaphula ngenyameko. Abazalwana bambulela kakhulu ngezinto ezintle awayesele ezenzile kwaye bamkhuthaza ukuba aqhubeke esinika inkululeko yonqulo.

NgoJanuwari 1992, ngaphambi kokuba abazalwana bavunyelwe ngokwasemthethweni, baba nendibano yesithili eKigali. UGodfrey noJennie Bint basasikhumbula kakuhle eso sihlandlo: “Sasikhonza eUganda ngelo xesha yaye sothuswa kukufumana ileta evela kwiofisi yesebe yaseKenya, isicela ukuba siye eRwanda siye kuncedisa kumalungiselelo endibano nasekurekhodweni komdlalo weBhayibhile kangangeeveki ezintathu. Abazalwana baba nobubele ngendlela engathethekiyo, kangangokuba sasimenywa kwikhaya elahlukileyo suku ngalunye. Kwaqeshwa ibala lebhola yaye safika sele eqalisiwe amalungiselelo. Abazalwana babesele bekulungiselele ukurekhodwa komdlalo yaye wahamba kakuhle, nakuba babengenazixhobo zaneleyo. Nangona abazalwana abasuka emantla elizwe babengawafumananga amaphepha-mvume okuhamba yaye imida yaseBurundi naseUganda ivaliwe, ngeCawa kwafika abangama-2 079 kwaza kwabhaptizwa abangama-75.”

EKUGQIBELENI BAMKELWA NGOKWASEMTHETHWENI!

Kwiinyanga ezimbalwa kamva, ngoAprili 13, 1992, umsebenzi wamaNgqina kaYehova—okwesihlandlo sokuqala eRwanda—ekugqibeleni wabhaliswa ngokwasemthethweni. Ubunzima ababejamelene nabo bokushumayela iindaba ezilungileyo ngenxa yokuvalwa komsebenzi, ukutshutshiswa nokuvalelwa entolongweni babuphelile. Abazalwana babekhangele phambili kulwando lwentlangano kaThixo.

IQumrhu Elilawulayo lakhawuleza lathumela abathunywa bevangeli kweli lizwe. UHenk van Bussel, owayekhe wakhonza eCentral African Republic naseChad, noGodfrey noJennie Bint, owayekhonza eZaire (ngoku eyiDemocratic Republic of Congo) naseUganda, babengabathunywa bevangeli bokuqala abafumana amaphepha-mvume okuhlala eRwanda. Kwamiselwa iKomiti yeLizwe ukuze ivelele umsebenzi wokushumayela.

UMzalwan’ uBint ubalisa into eyenzekayo xa wayefika noHenk van Bussel: “Safumana indlu efanelekileyo eyaba likhaya labathunywa bevangeli kufutshane neHolo yoBukumkani. Sazijul’ ijacu ekufundeni isiKinyarwanda yaye kwakunzima, njengokuba kwakunjalo nakoovulindlela abakhethekileyo ababekho ngowe-1970. Enye yeencwadi zolo lwimi yathi: ‘Oonobumba ababini uC noW xa bedibene bakhupha isandi esithi TCHKW!’ Sikhumbula nokuba omnye udade owayesifundisa wathi: “Awunakumbiza kakuhle u-“shy” okwigama elithi “isi nshya” [umhlaba omtsha], ungancumanga!’”

Ngasekupheleni kwaloo nyaka, kwafikelelwa incopho entsha yabavakalisi abali-1 665 yaye ngoJanuwari 1993, kwabakho enye indibano yesithili eKigali. Ngesi sihlandlo kweza abantu abangama-4 498, kwabhaptizwa abali-182. UKiala Mwango weza esuka kwisebe laseKenya. Akakho umntu owayenokuyicinga into yokuba ngowama-2006, kwakuza kwakhiwa iofisi yesebe kwisiza esijongene nebala lezemidlalo esasingenela kulo indibano.

Nakuba abantu basemantla baphinda bahlasela, abavakalisi abazange bayeke ukushumayela. Ngowe-1993 kwakusele iikhilomitha ezimbalwa ukuba umkhosi ohlaselayo ufike eKigali. Umda waseUganda wahlala uvaliwe yaye kwakuvakala oombayimbayi ngaphaya kweentaba zedolophu. Abantu abahlala kumantla abamalunga nesigidi babesele bebhacile. Eli nani laliquka abazalwana noodade abangama-381, ababenyanyekelwa ngabazalwana abaseKigali nakwiindawo eziyingqongileyo. Noko ke, eArusha, eTanzania yapheliswa imfazwe waza urhulumente wavuma ukwabelana ngegunya nomkhosi ohlaselayo kunye namaqela amakhulu namancinane ezopolitiko.

INDIBANO EKHETHEKE NGOKWENENE!

Kwakulungiselelwe ukuba kubekho indibano ekhethekileyo ngaloo nyaka kwiKigali Regional Stadium. Noko ke, kwangosuku lwendibano, abaphathi beli bala bavuma ukuba kubekho umdlalo webhola ngentsimbi yesi-3 emva kwemini. Abazalwana banandipha ucwangciso lwakusasa, kodwa ngaphambi kokuqalisa kocwangciso lwasemini, abalandeli bebhola bagaleleka—amapolisa engakwazi ukubanqanda. Umphathi webala wathi umdlalo uza kuphela ngentsimbi yesi-6 emva kwemini. Abazalwana bahamba, babuya baza kugqibezela ucwangciso ngentsimbi yesi-6 emva kwemini.

Oku kwabaxhalabisa kuba urhulumente wayemisele ixesha lokuba abantu babe sele besezindlwini. Iimoto kwakungafuneki zibe sendleleni emva kwentsimbi yesi-6 yaye abantu kwakufuneka babe sezindlwini ngeyesi-9 ebusuku. Noko ke, malunga nentsimbi yesi-7 ebusuku, kwasasazwa kunomathotholo ukuba ixesha abamele babesezindlwini ngalo litshintshiwe laba yeye-11 ebusuku. Ukongezelela, kwakungekho siqinisekiso sokuba uza kuba khona umbane. Ekubeni abaphathi bebala bengazange benze ngokwendlela ababevumelene ngayo nabazalwana, usodolophu waseKigali wenza amalungiselelo okuba abazalwana bafumane umbane. Wada walungiselela ukuba abazalwana bagoduswe simahla. Abazalwana bakwazi ukunandipha yonke loo ndibano. Unokuyithelekelela indlela abothuka ngayo xa bephuma kwelo bala belindwe ziibhasi eziliqela!

UGünter Reschke ukhumbula ukuba waphinda watyelela eRwanda ekupheleni kukaSeptemba 1993. Uthi: “Ndathunywa yiofisi yesebe yaseKenya ukuba ndiye kuqhuba iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani noMzalwan’ uRwakabubu eKigali. Ngelo xesha, kwakukho abadala abangama-63 kuphela, nangona abavakalisi banda baba li-1 881. Ngoko iimeko zazingentle kwelo lizwe, yaye kwakuvakala amarhe okuba kuyaliwa emantla. Kakade ke, abazalwana babengazi ukuba ingomso libaphathele ntoni, kodwa esi sikolo sabanika ukutya ngexesha elifanelekileyo. Someleza ukholo lwabadala, sabaxhobisa njengabalusi nto leyo eyaba lulutho kwixesha lemfazwe elalandelayo.”

AMALUNGISELELO OKUVULA IOFISI

Ngasekupheleni kukaMatshi 1994, uLeonard Ellis nomfazi wakhe uNancy beza kuncedisa kwiindibano ezikhethekileyo nakwiofisi yokuguqulela besuka eNairobi. Isebe laseNairobi lacebisa ukuba ikhaya labathunywa bevangeli lidityaniswe neofisi yokuguqulela eseRwanda. NgoMvulo, ngoAprili 4, kwiSifundo seMboniselo, kwakukho intsapho yaseBheteli, iqela lokuguqulela, iKomiti yeLizwe, abathunywa bevangeli kunye noMzalwana noDade Ellis. Yayilixesha elibangel’ imincili—kuqalisa ukwandiswa kwezakhiwo.

Bakuba bewugqibile umsebenzi wabo, uMzalwana noDade Ellis bahamba ngenqwelo-moya ekwakubonakala iyeyokugqibela kwezaziphuma eKigali kangangeenyanga eziliqela. Ngemva kwemini elandelayo, uMzalwan’ uRwakabubu wafowunela ikhaya labathunywa bevangeli ebaxelela ukuba iOfisi kanozakuzaku waseRashiya isiyekile isiza somhlaba esasifuna ukwakha iofisi yelizwe kuso. Ngoku sasinokufunyanwa ngamaNgqina kaYehova, yaye sasiza kudibana ngentsasa elandelayo, ngoLwesine, ngoAprili 7. Akuzange kudityanwe.

KUQALISA IMBUBHISO ENKULU!

Ngengokuhlwa yangoLwesithathu, ngoAprili 6, kwadutyulwa inqwelo-moya yaza yaqhushumba kufuphi naseKigali. Abantu ababekhwele kuyo yayinguMongameli waseRwanda nowaseBurundi. Akuzange kubekho usindayo. Bambalwa abantu ababesazi ngaloo ngozi; akuzange kuphume nesaziso kunomathotholo ngaloo ngokuhlwa.

Abathunywa bevangeli abathathu—abakwaBint nowakwaHenk—abanakuze bazilibale iintsuku ezalandelayo. UMzalwan’ uBint uthi: “Ngonyezi lwangoAprili 7, savuswa zizithonga zemipu nezokudubula kweziqhushumbisi. Le yayiyinto eqhelekileyo kuba kwiinyanga zakutshanje imeko yezopolitiko kweli lizwe yayingazinzanga. Sathi sisalungisa isidlo sakusasa, kwangena ifowuni. UEmmanuel Ngirente owayekwiofisi yokuguqulela, wasixelela ukuba kunomathotholo kubhengezwe ukufa koomongameli ababini engozini yenqwelo-moya. ISebe Lezokhuseleko lalumkisa wonke umntu eKigali ukuba ahlale ekhayeni lakhe.

“Malunga nentsimbi yethoba kusasa, seva abaphangi beqhekezela ummelwane wethu. Beba imoto yaloo ntsapho baza babulala nomama walapho.

“Kungekudala abo baphangi bagaleleka ekhayeni lethu kunye namajoni, badlikidla isango befuna ukungena. Sathi tu asaphuma. Asazi ukuba kwakutheni, kodwa abazange bazame ukuwisa isango, basuka baya kwenye indlu. Kwakuvakala oombayimbayi neziqhushumbisi kuyo yonke indawo; sasingenandlela yakuphuma. Zazisiya zisondela izithonga zemipu, ngoko sazimela epasejini, eyona ndawo sasinokuhlala kuyo ukuze sikhuseleke kwiimbumbulu. Sabona ukuba le meko yayingekazukuphela, ngoko sagqiba kwelokuba sitye kanye ngosuku. Ngosuku olulandelayo, emva nje kokuba sitye isidlo sasemini siphulaphule neendaba kunomathotholo, uHenk wathi, ‘Nabo betsiba ucingo, bayeza!’

“Kwakungekho xesha lokucinga. Sangena kwigumbi langasese saza satshixa. Sathandaza kuYehova, simcela ukuba asincede sinyamezele nantoni na enokwenzeka. Sathi sisathandaza, seva amajoni nabaphangi besophula iifestile neminyango bezama ukungena. Kungekudala babesele bengaphakathi, bekhwaza yaye bebhukuqa ifanitshala. Yayingabaphangi abamalunga nama-40—amadoda, abafazi nabantwana—kunye namajoni. Seva izithonga zemipu njengoko abantu babexhwithana ngezinto abazifumeneyo.

“Emva kwemizuzu emalunga nama-40 neyayivakala ingathi ayipheli, bazama ukungena kwigumbi langasese. Bazama ukuqhekeza umnyango kuba wawutshixiwe. Sabona ukuba masiphume. La madoda ayenxile ziziyobisi. Basigrogrisa ngezinkempe neemela. UJennie wayethandaza kuYehova ngokuvakalayo. Enye indoda yabetha uHenk ngecala lesinkempe entanyeni. UHenk wawela ebhafini. Kwathi kanti kukho imali ekhoyo, ndayinika la madoda. Alwa ngayo.

“Sabona omnye umfana esithe ntsho ngamehlo. Nangona sasingamazi, wayesazi yena, mhlawumbi esazela entsimini. Wasityhalela kwigumbi langasese, wathi masivale umnyango. Wathi uza kusisindisa.

“Ingxolo yaqhubeka kangangesithuba semizuzu engama-30, ekuhambeni kwethuba, kwathi cwaka. Ekugqibeleni umfana wabuya ezokusixelela ukuba masikhawuleze siphume. Asizange sibe nalo nexesha lokuthatha nantoni na. Sothuswa kukubona izidumbu zabamelwane bethu. Amalungu amabini akhusela umongameli asibalekisela komnye umzi wejoni okufutshane. Elo joni lasisa kwihotele iMille Collines, apho kwakukho abantu abaninzi abaziimbacu. Ekugqibeleni, ngoAprili 11, sasiwa eKenya, emva kweeyure ezininzi sibambe imizimba yaye sigxagxanyiswa ngamajoni awayesithuthela kwisikhululo seenqwelo-moya. Safika kwigumbi lokwamkela iindwendwe kwiBheteli yaseNairobi, iinwele zidlakadlaka neempahla esizinxibileyo zimdaka. UHenk, owahlukaniswa nathi xa sasisiya eKenya, wafika emva kweeyure ezimbalwa kamva. Sachukumiseka gqitha sakufika kwikhaya laseBheteli, apho saphathwa ngobubele.”

SASINDISWA NGUMTHANDAZO WENTWAZANA ENCINANE

Ngosuku lwasemva kwengozi yenqwelo-moya eyabulala umongameli waseRwanda nowaseBurundi, amajoni amathandathu karhulumente aya ekhayeni likaMzalwan’ uRwakabubu. Amehlo awo ayebomvu, enuka utywala, ebonakala ngathi atshaye iziyobisi. Ayefuna sikhuphe izixhobo ngenkani. Umzalwan’ uRwakabubu wawaxelela ukuba yena nosapho lwakhe ngamaNgqina kaYehova yaye abanazixhobo.

La majoni ayesazi ukuba amaNgqina kaYehova awathathi cala kwezopolitiko, akafunanga ukuxhasa urhulumente kwaye akazange axhase nomkhosi. Oku kwawenza alugcwabevu ngumsindo. UGaspard noMelanie Rwakabubu abangomaTutsi, kodwa amajoni amaHutu i-Interahamwe ayebulala kungekuphela nje amaTutsi kodwa namaHutu angondelanga nzulu kwiinkolelo zamaHutu, ingakumbi lawo kucingelwa ukuba akhusela amaTutsi okanye umkhosi ohlaselayo.

Amajoni akatsa uGaspard noMelanie aza abathatha kunye nabantwana babo abahlanu abasa kwigumbi lokulala. Akhupha amashiti ezibhedini aza abagquma ngawo. Amanye ayephethe iziqhushumbisi eziphoswayo, ngoko kwakucacile ukuba afuna ukubabulala. UGaspard wabuza, “Singathandaza?”

Elinye ijoni lathi unotshe. Emva kokuba ethethile, la majoni avumelana kwelokuba bangathandaza. Athi, “Thandazani ke, kodwa imizuzu nje emibini.”

Bathandazela ngaphakathi, kodwa uDeborah Rwakabubu, owayeneminyaka emithandathu ubudala, wathandaza ngokuvakalayo esithi: “Yehova, bafuna ukusibulala, kodwa siza kubuyela njani kubantu ebesishumayela kubo noTata, apho ndihambise amaphephancwadi amahlanu? Basilindile ukuba sibuye, yaye bafuna ukwazi inyaniso. Ndiyakuthembisa, ukuba sisindile, ndiza kuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, ndibhaptizwe, ndize ndibe nguvulindlela! Yehova, sisindise!”

Athi akuva lo mthandazo, amajoni amangaliswa. Ekugqibeleni, omnye wawo wathi: “Ngenxa yomthandazo wale ntwazana, asizukunibulala. Ukuba amanye amajoni ayeza, waxeleleni ukuba sele sisuka.”b

IMEKO IYA ISIBA MANDUNDU

Ngokuthe ngcembe, imfazwe yaya ithabath’ unyawo njengoko umkhosi (iRwandan Patriotic Front) wawusiya uhlasela ngamandla kwikomkhulu iKigali. Oku kwabangela ukuba amajoni eInterahamwe awayenxanelw’ igazi abulale abantu abangakumbi.

Iindlela zazivalwe ngumkhosi namajoni eInterahamwe bencediswa ngabahlali ababevale zonke iindlela eziphumayo nezingenayo. Onke amadoda omeleleyo ayenyanzelwa ukuba abe kunye namajoni eInterahamwe, ubusuku nemini. Injongo yokuvalwa kwezi ndlela yayikukubona nokubulala amaTutsi.

Njengoko kwakuqhubeka le mbubhiso kulo lonke eli, amawaka-waka abemi baseRwanda awashiya amakhaya. Uninzi lwabo, kuquka amaNgqina kaYehova, abhacela eCongo naseTanzania.

UKUJAMELANA NEMFAZWE NOKUFA

Ezi ngxelo zabazalwana noodade zilandelayo zibonisa iziganeko ezingaginyisi mathe ezabehlelayo. Khumbula ukuba amaNgqina kaYehova aseRwanda atyhubela iimvavanyo ezimanyumnyezi kwiminyaka ye-1980, ezalomelezayo zaza zalusulungekisa ukholo nenkalipho yawo. Ukholo lwawo lwawanceda ‘akabi yonxalenye yehlabathi’ kuba ala ukuba nenxaxheba kunyulo nakwiingxwabangxwaba zezopolitiko, nasemkhosini. (Yoh. 15:19) Isibindi ababenaso sabanceda bakwazi ukujamelana nemiphumo yokungabi nanxaxheba kwabo—ukugculelwa, ukuvalelwa entolongweni, intshutshiso nokufa. Ezo mpawu zawo zivavanyiweyo, kunye nokuthanda kwawo uThixo nommelwane, zanceda amaNgqina kaYehova ukuba angapheleli nje ekungabini nenxaxheba kwimbubhiso eyayikwelo lizwe kodwa abeke ubomi bawo esichengeni ukuze akhuselane.

Kukhankanywe nje amava ambalwa. Inkoliso yabazalwana ingakhetha ukuzibeka kwelokulibala ezi nkcukacha zingaginyisi mathe, ekubeni ingafuni kubuyisa zitya. Sinethemba lokuba ibali lokholo lwabo lingasichukumisa sonke ukuba silubonakalise ngokuphelele nangakumbi uthando olubonisa ukuba singabafundi bokwenene bakaYesu Kristu.—Yoh. 13:34, 35.

IBALI LIKAJEAN NOCHANTAL

UJean de Dieu (uJohn) Mugabo, umzalwana oliqhakra-qhakra nonobubele, waqalisa ukufunda namaNgqina kaYehova ngowe-1982. Ngaphambi kokuba abhaptizwe ngowe-1984, wayesele ebanjwe izihlandlo ezithathu ngenxa yokuba eliNgqina likaYehova. Nomfazi wakhe, uChantal, wabhaptizwa ngowe-1984, baza batshata ngowe-1987. Imbubhiso yaqalisa benabantwana abangamantombazana abathathu. Ababini abadala babehlala notatomkhulu nomakhulu wabo, uJohn noChantal behlala nephelo labo elineenyanga ezintandathu.

Ngosuku eyaqalisa ngalo imbubhiso, ngoAprili 7, 1994, umkhosi namajoni eInterahamwe aqalisa ukuhlasela imizi yawo onke amaTutsi. UJohn wabanjwa waza wabethwa ngeenduku; kodwa wakwazi ukubaleka nomnye umzalwana baya kwiHolo yoBukumkani ekufuphi. Ngelo xesha, engazi ukuba kwenzeke ntoni kumyeni wakhe, uChantal wazama ukubaleka nosana lwakhe kuloo dolophu waya kuhlala nabanye abantwana babo ababini.

UJohn uchaza okwenzeka kuye: “Le Holo yoBukumkani yayifudula iyivenkile ethengisa izinto ezibhakiweyo, ngoko isenetshimini enkulu. Mna nalo mzalwana sazimela eHolweni yoBukumkani kangangeveki, yaye kwakukho udade ongumHutu owayesiphathela ukutya xa kuvela ithuba. Kamva, kwafuneka sizimele phakathi kophahla nesilingi, apho lalisigqatsa ngokwenene ilanga emini. Sasifuna eyona ndawo ifihlakeleyo esinokuzimela kuyo, ngoko sasusa izitena ezimbalwa kwitshimini saza sazimela kuyo sizisongile isithuba esingaphezu kwenyanga.

“Indlela ekufuphi yayivaliwe, yaye amajoni eInterahamwe ayesoloko esiza kuncokola eHolweni yoBukumkani okanye abalekele kuyo xa kusiza imvula. Sasibeva xa bethetha. Yena udade wayesoloko esiphathela ukutya xa kuvela ithuba. Maxa wambi ndandifun’ ukunikezela, kodwa sasithandaza ukuze sikwazi ukunyamezela. Ekugqibeleni, ngoMeyi 16, lo dade weza kusixelela ukuba eli cala ledolophu lilawulwa yiRwandan Patriotic Front yaye ngoku singaphuma.”

Wayephi yena umfazi kaJohn, uChantal? Uthi: “NgoAprili 8 ndabaleka nosana lwethu. Ndadibana noodade ababini, uImmaculée, owayenekhadi elibonisa ukuba ngumHutu, noSuzanne ongumTutsi. Sasifuna ukuya eBugesera, idolophu ekumgama oziikhilomitha ezingama-50, apho babehlala khona abazali bam nabanye abantwana bethu ababini. Noko ke, seva ukuba zivalwe zonke iindlela eziphumayo edolophini, ngoko saya kwilali ekufutshane ekumaphandle aseKigali, apho kwakukho isizalwane sikaImmaculée, uGahizi, naye owayeliNgqina likaYehova. Samkelwa nguGahizi, umHutu, nakubeni wayegrogriswa ngabamelwane, wenza konke okusemandleni ezama ukusinceda. Umkhosi karhulumente namajoni eInterahamwe weva ukuba uGahizi ukhusela amaTutsi, ngoko wadutyulwa.

“Emva kokuba ebulele uGahizi, la majoni asisa emlanjeni esiya kusibulala. Singcangcazela kukoyika, sasilindele nje ukubulawa. Ngequbuliso, la majoni aphikisana, elinye lisithi: ‘Ningawabulali amabhinqa. Siya kuba namashwa. Abona bantu emasibabulale ngamadoda.’ Ngoko ke, omnye wabazalwana owayesilandela nowayesandul’ ukubhaptizwa kwiveki ephelileyo, uAndré Twahirwa, wasisa kwikhaya lakhe nakubeni abamelwane babengayifuni loo nto. Kusuku olulandelayo, wasikhapha sabuyela eKigali, apho wayecinga ukuba siza kufumana indawo esiza kukhuseleka kuyo. Wasinceda sadlula kwiindlela ezigadwe ngamajoni anobundlobongela. Umntwana wam wayekuImmaculée, ukuze enoba simisiwe, umntwana asinde. Mna noSuzanne sasikrazule amakhadi ethu ukuze singaziwa.

“Kwenye yezi ndlela zivaliweyo, amajoni eInterahamwe abetha uImmaculée, embuza oku, ‘Kutheni uhamba nala maTutsi nje?’ Babengavumi ukuba mna noSuzanne sidlule. Ngoko uImmaculée noAndré baya kwaMzalwan’ uRwakabubu. Bebek’ ubomi babo esichengeni, uAndré nabanye abazalwana ababini, uSimon noMathias, basinceda sakwazi ukudlula kwindlela yokugqibela kwezo zazivalwe ngamajoni baza basisa emzini kaMzalwan’ uRwakabubu, ngoxa uSuzanne waya emzini wesalamane sakhe.

“Noko ke, ngoku kwakuyingozi kakhulu ukuba ndihlale emzini kaMzalwan’ uRwakabubu, ngoko abazalwana benza umgudu wokuba ndiye kufika kwiHolo yoBukumkani, apho amanye amaNgqina ayefihlwe khona. Ndafika kukho abazalwana noodade abalishumi abangamaTutsi kunye nabanye ababalekayo. UImmaculée wayethembeke ngokwenene kangangokuba akazange afune ukundishiya. Wathi, ‘Ukuba bayakubulala ndize mna ndisinde, ndiza kukukhulisela umntwana wakho.’”c

Umzalwana owayehlala kufuphi, uVédaste Bimenyimana, owayenenkosikazi engumTutsi, wayesandul’ ukusa intsapho yakhe kwindawo ekhuselekileyo. Emva koko, wabuyela kwabo babekwiHolo yoBukumkani, wabanceda bafumana iindawo ezikhuselekileyo. Okuvuyisayo kukuba bonke basinda.

Emva kwembubhiso, uJohn noChantal, bafumanisa ukuba abazali babo babulewe kunye neentombi zabo ezimbini, eneminyaka emibini neneminyaka emihlanu, ezazihlala nomakhulu kunye notatomkhulu wazo kuquka nezinye izalamane zabo ezimalunga ne-100. Bavakalelwa njani bakuva ezo ndaba? UChantal uthi, “Ekuqaleni, le ntlungu yayinganyamezeleki. Sasindongondongo. Awekho amazwi anokuchaza intlungu yokufelwa. Yonke loo ntlungu sayiphosa kuYehova, sinethemba eliqinisekileyo lokubabona eluvukweni abantwana bethu.”

SAZIMELA KANGANGEENTSUKU EZINGAMA-75!

UTharcisse Seminega wabhaptizwa eCongo ngowe-1983. Ngexesha lembubhiso, wayehlala eButare, eRwanda, ekummandla omalunga neekhilomitha ezili-120 ukusuka eKigali. Uthi: “Emva kokuba kuqhushumbe inqwelo-moya eyayikhwele umongameli eKigali, kwavakala amarhe okuba kuza kubulawa onke amaTutsi. Abazalwana ababini bazama icebo lokuba siqhweshe ngendlela enqumla eBurundi, kodwa zonke iindlela zazigadwe ngamajoni eInterahamwe.

“Sasingamabanjwa kwindlu yethu, singazi apho simele siye khona. Umzi wethu wawugadwe ngamajoni amane, yaye elinye lalijolise umbayimbayi kumgama omalunga neemitha ezili-180 ukusuka emzini wethu. Ndathandaza kuYehova ndisithi: ‘Yehova, asikwazi ukuzisindisa. Sisindise!’ Kwathi xa kuza kurhatyela, kwafika omnye umzalwana owayecinga ukuba sifile. Amajoni amvumela ukuba angene aze ahlale imizuzwana nje embalwa. Zathi xibilili izibilini akubona ukuba sisaphila, waza wagoduka nabantwana bethu ababini. Emva koko waxelela abazalwana ababini, uJustin Rwagatore noJoseph Nduwayezu ukuba intsapho yam izimele kwaye sifuna uncedo olukhawulezileyo. Bengalibazisanga bafika ngobo busuku; yaye nakubeni kwakunzima, bathatha usapho lwethu balusa emzini kaJustin.

“Asizange sihlale thuba lide kwaJustin kuba kwathi kusisa babe abantu besazi ukuba sizimele apho. Kwangolo suku, indoda egama linguVincent yeza kusilumkisa isithi i-Interahamwe ifuna ukusibulala. Le ndoda yenye yezifundo zikaJustin, engazange iyimele inyaniso. UVincent wacebisa ukuba siqale sizimele kwityholo elikufuphi nakwaJustin. Ebusuku wasisa endlwini yakhe. Wasifihla kurontawuli owawuhlala iibhokhwe. Iindonga zazenziwe ngodaka, naphantsi iludaka, kufulelwe ngengca yaye kungekho zifestile.

“Sahlala ixesha elide kuloo ndlu, yayikufuphi neendlela ezinqamlezileyo ezazingekude kangako kweyona marike iphithizelayo. Sasisiva abantu abadlulayo bencokola ngezinto abazenzileyo, njengabantu abababuleleyo nezinto abasafuna ukuzenza. Le nto yasenza soyika ngakumbi, saza sahlala sithandaza ukuze singabulawa.

“UVincent wenza konke okusemandleni akhe ukuze asinyamekele. Sahlala inyanga nje kuphela apho kwaza ngasekupheleni kukaMeyi, ukuhlala apho kwabeka ubomi bethu esichengeni ngenxa yokufika kwamajoni eInterahamwe awayebaleke eKigali. Abazalwana basisa kumzi womnye umzalwana owayenegumbi elincinane elingaphantsi komhlaba. Apho wayesele efihle abazalwana abathathu. Sabetha ngezikaTshiwo ebusuku iiyure ezine ezinesiqingatha ukuya apho. Kwawa izantyalantyala zemvula ngobo busuku, yaye oko kwasinceda kuba ababulali abazange basibone.

“Lo mngxuma sasizimele kuwo wawumalunga nemitha enesiqingatha ukuya ezantsi, uvalwe ngeplanga. Sasingena ngeleli kuwo size sihambe ngamadolo kwitonela elisisa kwigumbi elimalunga nezikwemitha ezimbini. Kwakunuka ukungunda, yaye okuphela kokukhanya esasikufumana kwakungena ngothanda olwaluseludongeni. Abantu ababehlala apho yayindim, umfazi wam uChantal, abantwana bethu abahlanu kunye nabanye abathathu. Sahlala iiveki ezintandathu kuloo mngxuma, sinesifuthufuthu. Sasingafuni nokukhanyisa ikhandlela, kuba loo nto yayiza kusibhaqisa. Noko ke, kuzo zonke ezo meko zinzima, uYehova wasixhasa. Abazalwana babeka ubomi babo esichengeni, basiphathela ukutya, amayeza namazwi athuthuzelayo. Ngamany’ amaxesha sasikhanyisa ikhandlela libe linye emini, ukuze sifunde iBhayibhile, iMboniselo okanye itekisi yosuku.

UTharcisse uhlabela mgama esithi: “Akukho bali lingenasiphelo. Isiphelo seli ibali sabakho ngoJulayi 5, 1994. UVincent wasixelela ukuba iButare ithinjwe ngumkhosi ohlaselayo. Ukuphuma kwethu kweso sisele, abanye abantu babengazi nokuba singabaseRwanda, kuba ulusu lwethu lwalungathi luyakhanya ngenxa yokuba singafumani langa. Ngaphezu koko, kangangeeveki, sazibona sele singakwazi ukuthethela phezulu; sasisebeza.

“Zonke ezi zinto zayitshintsha indlela umfazi wam acinga ngayo, kuba kangangeminyaka elishumi, wayengafuni nokuva ngokuqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Kodwa ngoku wavuma ukuqhutyelwa isifundo. Xa ebuzwa isizathu soko, uthi: ‘Ndachukunyiswa luthando olwaboniswa ngabazalwana kunye nendlela abazincama ngayo ukuze sisinde. Ndabona nendlela uYehova anamandla ngayo, kuba wasisindisa ekubulaweni ngezinkempe.’ Wazinikezela kuYehova waza wabhaptizwa kwindibano yokuqala emva kwemfazwe.

“Siziva sibatyala okuthile bonke abazalwana noodade ngezinto abazenzayo ukuze sisinde nemithandazo yabo esuk’ entliziyweni. Siye salubona uthando lwabo olungazenzisiyo, kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi uhlanga.”

UMNCEDI UYANCEDWA

Kamva, uJustin Rwagatore, omnye wabazalwana owasindisa intsapho kaMzalwan’ uSeminega, naye wafuna ukuncedwa. Ngowe-1986 wavalelwa entolongweni ngenxa yokungafuni ukukheth’ icala kwezopolitiko. Kwiminyaka emva kokukhusela intsapho kaMzalwan’ uSeminega, uJustin nabanye abazalwana baphinda bavalelwa entolongweni ngenxa yokungafuni ukukheth’ icala kwezopolitiko. UMzalwan’ uSeminega wayengomnye wabazalwana ababethunyelwe kubaphathi basekuhlaleni ukuba aye kucacisa ukuma kwamaNgqina kaYehova kwezopolitiko. Wabaxelela ukuba uJustin wasindisa intsapho yakhe. Ngenxa yoko, bakhululwa bonke abazalwana ababesentolongweni.

Umzekelo wabazalwana bethu ngexesha lembubhiso wabangela ukuba abantu bamkele inyaniso. USuzanne Lizinde, umKatolika owayekwiminyaka engama-60 ubudala, wabona indlela icawa yakhe eyayiyixhasa ngayo le mbubhiso. Indlela ayeziphethe ngayo amaNgqina kaYehova asekuhlaleni nendlela ayethandana ngayo yamnceda wenza inkqubela ekhawulezileyo. USuzanne wabhaptizwa ngoJanuwari 1998 yaye akazange aphoswe nakanye ziintlanganiso zebandla, nangona wayehamba iikhilomitha ezintlanu ngezikaTshiwo enqumla iinduli. Wanceda nentsapho yakhe yafunda inyaniso. Sithethanje, omnye woonyana bakhe ngumdala webandla yaye omnye wabazukulwana bakhe sisicaka solungiselelo.

AMAWAKAWAKA AYASABA

Emva kokuba bebalekisiwe eKenya basiwa eRwanda ngoAprili 1994, uHenk van Bussel, umthunywa wevangeli owayethunyelwe eRwanda ngowe-1992, waya eGoma, kwimpuma yeCongo, eye kunceda iimbacu zaseRwanda. Kumda waseCongo, kwakumi abazalwana ababephethe uncwadi lweBhayibhile, becula iingoma zoBukumkani ngamazwi okanye ngomlozi ukuze amaNgqina avela eRwanda ababone abazalwana.

Wonk’ umntu wayexhalabile. Njengoko umkhosi karhulumente wawusilwa neRwandan Patriotic Front, amawakawaka abantu ayebalekela eCongo naseTanzania. Abazalwana ababeza kubalekela eGoma badibana eHolweni yoBukumkani. Kamva kwamiswa inkampu yeembacu ngaphandle kwedolophu, eyayiza kuhlala abantu abangaphezu kwama-2 000—ngokukhethekileyo amaNgqina kaYehova, abantwana bawo kunye nabantu abanomdla. Abazalwana bamisa ezinye iinkampu kwezinye iinxalenye zempuma yeCongo.

Nakuba abantu abasabayo babengamaHutu oyika imvukelo, abazalwana ababalekayo yayingamaHutu namaTutsi. AmaTutsi ayesabulawa, ngoko kwakuza kuba yingozi ukuwangenisa eGoma. Ngaxa lithile, ukubalekisa umzalwana ongumTutsi kwakubiza imali engangee-R690.

Ukufika kwabo eCongo, abazalwana bafuna ukuhlala ndawonye. Babengafuni nto yakwenza namajoni eInterahamwe awayesebenza kwiinkampu zeUnited Nations. Ukongezelela, inkoliso yeembacu ezazingengomaNgqina yayinovelwano ngorhulumente owayebhukuqwa. Zazingawathandi amaNgqina kaYehova, engathandwa nangamajoni e-Interahamwe, kuba awazange awathelele. Abazalwana babefuna ukuhlala bodwa ukuze bakhusele abazalwana abangamaTutsi.

Ekubeni abo babalekela eRwanda babeshiye izinto zabo, babefuna uncedo. AmaNgqina kaYehova aseBelgium, eCongo, eFransi, eKenya, naseSwitzerland, athumela imali, amayeza, ukutya neempahla, kwaza kwafika oogqirha nabongikazi. Enye yeenqwelo-moya zokuqala yeza neentente ezincinane ezazithunyelwe lisebe laseFransi. Kamva isebe laseBelgium lathumela iintente ezinkulu, ezazinokuhlala usapho lonke. Kwathunyelwa neebhedi ezisongwayo nezimpontshwayo. Lona isebe laseKenya lathumela iitoni ezingaphezu kwezimbini zeempahla neengubo ezingaphezu kwama-2 000.

KUQHAMBUKA IKHOLERA

AmaNgqina abaleka eRwanda angaphezu kwe-1 000 kunye nabantu abanomdla babehlala kwiHolo yoBukumkani yaseGoma nakwisiza esimelene nayo. Okulusizi kukuba, ngenxa yokwanda kweembacu, kwaqhambuka ikholera eGoma. Isebe laseCongo (eKinshasa) lakhawuleza lathumela amayeza okunyanga lo bhubhani, yaye uMzalwan’ uVan Bussel wakhwela inqwelo-moya esuka eNairobi esiya eGoma neebhokisi ezingama-60 zamayeza. Ngelo xesha iHolo yoBukumkani yayisetyenziswa njengesibhedlele, kwaza kwazanywa ukuba abagulayo bahlale bodwa. ULoic Domalain nomnye umzalwana, abangoogqirha, noAimable Habimana waseRwanda, owayencedisa oogqirha, babezibhokoxa ekuncedeni abantu. UMzalwan’ uHamel waseFransi nabanye abazalwana noodade abanamava kwezonyango baba luncedo kakhulu kweli xesha lobunzima.

Nakubeni kwakusenziwa zonke ezi nzame, esi sifo sosulela abazalwana nabantu abanomdla abangaphezu kwe-150, kwaza kwafa abamalunga nama-40 ngaphambi kokuba sinyangwe. Kamva, kwaqeshwa isiza esikhulu esasiza kuba yinkampu yeembacu ezingamaNgqina kaYehova. Kwamiswa amakhulu eentente, kwaza kwathunyelwa intente enkulu eyayivela eKenya neyayiza kuba sisibhedlele. Kwatyelela abantu baseMerika abasebenza kwezonyango yaye bayithanda indlela ekucoceke nekulungelelene ngayo kule nkampu.

Ekuqaleni kuka-Agasti 1994, ikomiti yokunceda yaseGoma yayinyamekela iimbacu ezingama-2 274—amaNgqina, abantwana kunye nabantu abanomdla. Kwangaxeshanye, babebaninzi nabanye abazalwana abaziimbacu eBukavu naseUvira, esempuma Congo naseBurundi. Abanye abangama-230 babekwinkampu yeembacu eTanzania.

Xa kwafuneka abazalwana abasuka kwiofisi yokuguqulela eKigali babalekele eGoma, baqesha indlu ukuze baqhubeke nomsebenzi wabo wokuguqulela. Abazalwana bakwazi ukuwenza lo msebenzi kuba ngexesha lemfazwe eKigali babaleka neekhompyutha nomatshini wokuphehla umbane bazisa eGoma.

EGoma kwakunzima kakhulu ukufumana iifowuni nokuposa. Sekunjalo, bencedwa ngamaNgqina asebenza kwisikhululo seenqwelo-moya, abazalwana babethumela umsebenzi wabo nezinye izinto veki nganye ngenqwelo-moya esuka eGoma isiya eNairobi. Abazalwana abakwisebe laseKenya babeyithumela ngendlela efanayo iposi eGoma.

UEmmanuel Ngirente nabanye abaguquleli ababini bazibhokoxa emsebenzini wabo, naxa kwakunzima. Babenamanqaku eMboniselo abangawaguquleliyo ngenxa yemfazwe baze bawaguqulele kamva kumaphephancwadi anemifanekiso akhethekileyo awayefundwa kwiSifundo Sencwadi Sebandla.

UBOMI KWIINKAMPU ZEEMBACU

Ngoxa abantu abaninzi babebaleka eKigali, uFrancine, owayebalekele eGoma emva kokubulawa komyeni wakhe, uAnanie, wathunyelwa kwenye yeenkampu zamaNgqina. Ethetha ngobomi obabuphilwa kwezo nkampu, uthi: “Suku ngalunye ukutya kwakulungiselelwa ngabazalwana noodade abahlukahlukeneyo. Kusasa sasipheka isidudu. Sasipheka nesidlo sasemini. Ukugqiba kwethu ukusebenza, sasisiya entsimini. Sasidla ngokushumayela kwiintsapho zethu nakwabo babehlala ngaphandle kwenkampu yethu. Noko ke, ethubeni amajoni eInterahamwe awayehlala kwezinye iinkampu acaphuka xa ebona amaNgqina ehlala kwinkampu yawo odwa, kwaza oko kwenza kwanzima ukushumayela.”

NgoNovemba 1994, kwabonakala ukuba abazalwana banokubuyela eRwanda. Enyanisweni, kwakucebiseka ukuba bahambe ngenxa yeengozi ezinokubangelwa ngabantu abangengomaNgqina kwiinkampu zaseCongo. Kodwa kwakuza kuba nzima ukubuyela eRwanda. Amajoni eInterahamwe ayeceba ukuphinda ahlasele eRwanda yaye nabani na owayebuyela eRwanda esuka eCongo wayejongwa njengomngcatshi.

Abazalwana bazisa urhulumente waseRwanda ukuba amaNgqina kaYehova, awayengazange akhethe cala emfazweni yaye aza awabandakanyeka kwimbubhiso yamaTutsi, ayefuna ukubuyela kwilizwe lawo. Urhulumente wacebisa ukuba abazalwana bathethe neUnited Nations High Commission for Refugees (iUNHCR), eyayinezithuthi zokubuyisela abantu kwilizwe labo. Noko ke, ekubeni amajoni ayengazi kubavumela ukuba babuyele eRwanda, kwafuneka abazalwana bacing’ icebo.

Abazalwana benza isaziso sokuba kuza kubakho indibano ekhethekileyo yosuku olunye eGoma, yaye benza iibhodi zokuyibhengeza. Emva koko, babiza amaNgqina baza bawaxelela ngamalungiselelo okubuyela eRwanda. Ukuze bangarhanelwa, abazalwana bayalelwa ukuba bashiye zonke iimpahla zabo ngasemva baze baphathe iiBhayibhile namaculo abo kuphela, ngokungathi baya kwindibano.

UFrancine ukhumbula ukuba bahamba iiyure baza ekugqibeleni bafika belindwe ziilori ezaziza kubasa kumda. Kumda waseRwanda, iUNHCR yenza amalungiselelo okuba basiwe eKigali, emva koko bagoduswe. Inkoliso yabazalwana neentsapho zabo kunye nabanye abanomdla yabuyiselwa eRwanda ngoDisemba 1994. Iphephandaba laseBelgium iLe Soir likaDisemba 3, 1994, lathi: “Iimbacu zaseRwanda ezili-1 500 ziye zemka eZaire [eCongo] ngenxa yokuziva zingakhuselekanga. ZingamaNgqina kaYehova aye azimisela inkampu yawo entla kwenkampu yaseKatale. AmaNgqina kaYehova atshutshiswa ngurhulumente owandulela okhoyo ngenxa yokuba ayengavumi ukuphatha izixhobo nokuya kwiintlanganiso zezopolitiko.”

Ukubuya kwakhe eRwanda, uFrancine waya kwindibano yesithili eyayiseNairobi. Yathi yakwehla intlungu yokufelwa ngumyeni wakhe, ekhuthazwa nakukunxulumana nabanye abazalwana noodade, uFrancine wabuyela kwiofisi yokuguqulela eyaphinda yamiselwa eKigali. Kamva, watshata noEmmanuel Ngirente, baza baqhubeka besebenza kwiofisi yesebe.

Wayevakalelwa njani uFrancine ebudeni bemfazwe? Sagqiba ekubeni singasoloko sicinga ngezinto ezibuhlungu ezenzekayo. Ndikhumbula ndithuthuzelwa ngumbhalo kaHabhakuki 3:17-19, othetha ngokuvuya ngamaxesha anzima. Ndakhuthazwa kakhulu ngabazalwana noodade. Abanye bandibhalela iileta. Oku kwandinceda ndahlala ndicinga ngezinto zokomoya. Ndandisazi ukuba uSathana unamaqhinga. Ukuba sihlala sicinga ngeengxaki, siya kuzibona sele sigaxeleka kwezinye. Ukuba asilumkanga, singazibhaqa sibuthathaka ngandlel’ ithile.”

UKUBUYELA ERWANDA

UMzalwan’ uVan Bussel wabanceda kakhulu abazalwana ababebuyela ekhaya. Uthi: “Kwenziwa ilungiselelo lokunceda abazalwana emva kwemfazwe, kuquka abo bangazange bemke eRwanda nabaphulukana nayo yonke into. Kwamiselwa abazalwana abaza kutyelela onke amabandla behlola iimeko. Kwalungiselelwa ukuba iintsapho nomntu ngamnye bafumane izinto zokubaxhasa ngokweemfuno zabo. Abazalwana babesazi ukuba emva kweenyanga ezintathu kwakuza kufuneka bazinyamekele.”

Kakade ke, abazalwana babenyanyekelwa nangokomoya. Iqela labaguquleli labuyela kwiofisi yalo eseKigali. UMzalwan’ uVan Bussel uthi indlu esasiyisebenzisa njengeofisi yayidlakazwe ziimbumbulu, kodwa inkoliso yeencwadi yayisekho. Kwiinyanga emva koko bafumana iimbumbulu kwiibhokisi zeencwadi. Omnye umguquleli wafumana isiqhushumbisi egadini! Kunyaka olandelayo, malunga nenyanga kaOktobha 1995, abaguquleli bafudukela kwisakhiwo esikhulu kwelinye icala ledolophu. Esi sakhiwo siqeshiweyo sasetyenziswa njengeofisi nendawo yokuhlala de kwakhiwa iofisi yesebe entsha ngowama-2006.

“KWAKUNGATHI KUSELUVUKWENI!”

NgoDisemba 1994 inkoliso yabazalwana yabuyela eCongo kanye ngexesha lendibano yesithili eyayinomxholo othi, “Ukoyika UThixo.” Yayiza kubanjelwa kwelinye lamabala eHolo YoBukumkani eKigali. Kweza abazalwana baseFransi, eKenya naseUganda. Ngentsasa yangoLwesihlanu, loo mabala ayezele ephuphuma ngabazalwana. Omnye udade ukhumbula oku: “Kwakuchukumisa ukubona abazalwana noodade besangana beneenyembezi zovuyo. Babeqala ukubonana ukususela oko kwaqala imfazwe. Babebona abantu ababecinga ukuba bafile!” Omnye wathi: “Kwakungathi kuseluvukweni!”

UGünter Reschke wayengomnye wabazalwana ababesuka eKenya. Uthi: “Kwakuyimincili ukuphinda sibonane nabo basindayo kobo bunzima! Noko ke, yayisekho ingxaki. Abasemagunyeni babengakuginyi ncam ukuhlanganisana kwesihlwele esikhulu ngolo hlobo. Emva kwemini kwafika amajoni axhobileyo esithi indibano ayisekho ngenxa yokuba kwakuxhalatyelwe ukhuseleko. Kwafuneka sihambe ngoko nangoko. Saqala sakhuthaza abazalwana kodwa ekugqibeleni kwafuneka sibuyele eNairobi, siphoxekile kuba abazalwana bengalufumenanga ucwangciso. Noko ke, siphoxeke sinjalo, sasisazi ukuba sibakhuthazile abazalwana ukuze bomelele elukholweni, yaye saqiniseka ukuba bazimisele ukwenjenjalo.”

Ngoku, ekubeni kwaphinda kwazola kweli lizwe, abemi abaninzi bomthonyama ababehlala kwamanye amazwe babuya. Kwabuya nabanye ababezalelwe kwamanye amazwe emva kokuba abazali babo babaleka eRwanda ngenxa yezidubedube zezopolitiko nezobuhlanga ekupheleni kweminyaka ye-1950 neye-1960. Kwafika nabanye abantu ababefunde inyaniso kwamanye amazwe. Ngokomzekelo, uJames Munyaburanga nentsapho yakhe bamkela inyaniso behlala kwiCentral African Republic. Ekubeni urhulumente omtsha waseRwanda wayefuna ukunika abantu ababuyela kwilizwe labo umsebenzi wempangelo, uMzalwan’ uMunyaburanga wawufumana. Noko ke, emva kokubuyela eRwanda, wagculelwa zizalamane nabantu aphangela nabo kuba ekhethe ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile. Ekugqibeleni, wakhawuleza wathath’ umhlala phantsi waza waba nguvulindlela othe ngxi. Ngoku ngummeli wentlangano kwezomthetho.

UNgirabakunzi Mashariki wafunda inyaniso empuma Congo. Wathi: “Ekubeni ndingumTutsi, ndagculelwa kangangeminyaka. Ukudibana kwam namaNgqina kaYehova, kwaba ngathi ndikwelinye ilizwe! Yayingummangaliso kum ukunxulumana nabantu abaziphilayo izinto abazifundileyo. Olu thando lwabonakala ngakumbi ngexesha lokubhujiswa kwamaTutsi ngowe-1994. Abazalwana bayifihla intsapho yam baza basikhusela. Ndabizwa eBheteli ngowe-1998 yaye ndikhonza khona nomfazi wam, uEmerance. Ndililinde ngamehlw’ abomvu ihlabathi elitsha, apho ikhethe nocalucalulo ziya kuphela uze umhlaba uzaliswe ngabantu ababiza egameni likaYehova nabamanyeneyo.”

UMSEBENZI UTHATH’ UNYAWO KWAKHONA

NgoMatshi 1994, ngaphambi nje kwemfazwe, kwakukho abavakalisi abangama-2 500 eRwanda. NgoMeyi 1995, kwafikelelwa incopho yabavakalisi abangama-2 807, nakuba abaninzi babulawa kwimbubhiso. Abantu abanyanisekileyo bangena bethontelana kwintlangano kaYehova. Ngokomzekelo, omnye udade onguvulindlela okhethekileyo, wayeqhuba izifundo ezingaphezu kwama-22, kusekho nabanye abamlindileyo! Omnye umveleli wesiphaluka wathi, “Le mfazwe yenza abantu babona ukuba ukufuna izinto eziphathekayo kulilize.”

NgoJanuwari 1996, abazalwana baqhuba iNdibano yeSithili enomxholo othi “Abadumisi Abanovuyo.” Loo ndibano yayimnandi ngokwenene! Ekubeni ingazange ibekho indibano kunyaka ngaphambili, le yayiyindibano yokuqala emva kwemfazwe. Omnye umakhi-mkhanya wathi, “Kwakusangiwana, kulilwa, yaye kwakumnandi ukubona abazalwana noodade abangamaHutu namaTutsi besangana.” Abantu ababekuloo ndibano babengama-4 424 kwaza kwabhaptizwa abangama-285. UMzalwan’ uReschke uthi: “Kwakuchukumisa ukuva abaza kubhaptizwa bephendula imibuzo yobhaptizo ngokuthi ‘Yego!’ (ewe). Bema ebaleni lemidlalo belinde ukubhaptizwa, banetha bamanzi toxo sisichotho. Yayingabakhathazi naleyo. Babesithi, ‘Sihleli siza kuba manzi kakade!’”

UHenk van Bussel wabuyela eRwanda; waza uGünter Reschke, owayeze kuncedisa wayalelwa ukuba ahlale. Kungekudala emva koko, uGodfrey noJennie Bint babuyela eRwanda.

UNYANA WABO OWAYELAHLEKILE WAFUNYANWA!

Kwiminyaka emva kwemfazwe, iintsapho ezazahluliwe zaphinda zadibana. Ngokomzekelo, ngowe-1994 ngoxa idabi elaliphakathi kwemikhosi emibini lwaluthabath’ unyawo eKigali, babaleka bonke abantu, yaye ngenxa yokoyika, uOreste Murinda wahlukana nomfazi wakhe wabaleka nonyana wakhe uGitarama owayeneminyaka emibini enesiqingatha. Xa uOreste wayeye kufuna okusiwa phantsi kwempumlo, waqala phantsi umlo, waza kuloo mbhodamo wahlukana nonyana wakhe.

Emva kwemfazwe, uOreste waphinda wabonana nomkakhe, kodwa yena unyana wabo wayengekabonakali. Bazixelela ukuba ubulewe. Noko ke, kwiminyaka engaphezu kwemibini kamva, kwafika indoda engeloNgqina eyayisuka ezilalini ize kusebenza eKigali. Yadibana nabanye abazalwana yaza yabaxelela ukuba intsapho yommelwane wayo eGisenyi yalahlekelwa ngabantwana bayo emfazweni kodwa yayikhulisa inkedama. Lo mntwana wayelikhumbula igama likayise yaye wathi abazali bakhe ngamaNgqina kaYehova. Ngenxa yokuba abazalwana belazi eli gama, baqhagamshelana nabo bazali, ababonisa le ndoda iifoto zonyana wabo. Kwathi kanti nguye! Engalibazisanga uOreste waya kumlanda, baza badibana nonyana wabo emva kweminyaka emibini enesiqingatha! Sithethanje loo nyana wabo ngumvakalisi obhaptiziweyo.

Kuyaphawuleka ukuba abazalwana babanyamekela bonke abantwana abasindayo xa kwakubulawa abazali babo abangamaNgqina. Akukho namnye kubo owagcinwa kwikhaya leenkedama. Maxa wambi abazalwana babede banyamekele neenkedama zabamelwane babo okanye ezezinye iintsapho. Esinye isibini esasinabantwana abalishumi, sakhulisa iinkedama ezilishumi.

UKUNGANQABISEKI EMANTLA

Ngasekupheleni kowe-1996, imfazwe yamakhaya eyayiseCongo yabangela ukuba zingakhuseleki ngakumbi iinkampu zeembacu, apho kwakuhlala iimbacu zaseRwanda ezingaphezu kwesigidi. NgoNovemba, iimbacu zanyanzelwa ukuba zibuyele eRwanda okanye zibalekele kumahlathi aneemvula aseCongo. Inkoliso yazo yabuya, kuquka nabazalwana ababengazange babuye ngoDisemba 1994. Yayingenakuphum’ ezingqondweni into yokubona inkungu nelanga yabantu, abadala nabancinane, behamba bethwele imigodlo kwezo zitrato zaseKigali ngeempahla ezigcwel’ uthuli lomhlaba waseAfrika. Zonke ezi mbacu kwakufuneka ziphinde ziye kubhalisa kwimimandla yakowazo. Kangangexesha elithile, ezokhuseleko zaziluqilima.

Ngelishwa, iimbacu zabuyela nabantu abakhohlakeleyo, abanye ingamajoni eInterahamwe, awayezama ukuqhubeka nemisebenzi yawo emibi kummandla ongakumntla-ntshona welizwe. Kwathunyelwa umkhosi ukuba uye kukhusela apho. Uninzi lwabazalwana bethu lwaluhlala kulo mmandla, yaye kwakunzima ngokwenene ukungabi nacala. Phakathi kowe-1997 nowe-1998, kwafa abavakalisi abangaphezu kwe-100, abaninzi babo ngenxa yokungakhethi cala kwezopolitiko. Maxa wambi kwakuba yingozi ukuba umveleli wesiphaluka atyelele amabandla rhoqo.

ISIBINI ESASINESIBINDI

Omnye wabaveleli besiphaluka abambalwa owakwaziyo ukutyelela amabandla kuloo mmandla wawungakhuselekanga nguThéobald Munyampundu nomkakhe uBerancille. Babeqhelene neengozi. UThéobald wabhaptizwa ngowe-1984, yaye kwiminyaka emibini kamva waba ngomnye wabazalwana noodade abavalelwa entolongweni, apho wabethwa kanobom. Yena nomkakhe babeka ubomi babo esichengeni ngokufihla abanye ngexesha lembubhiso yamaTutsi. Emva kokuba besindise ubomi bomnye umfana owayekwishumi elivisayo nomama wakhe owabulawa ngexesha lembubhiso, baya eTanzania. Apho uThéobald waya kukhuthaza abazalwana ababekwiinkampu zeembacu ezimbini ezaziseBenaco naseKaragwe, nangona ukuhamba kwezo nkampu kwakuyingozi ngenxa yezihange.

Ukubuyela kwabo eRwanda, uThéobald nomkakhe baphinda babeka ubomi babo esichengeni ngokutyelela amaNgqina awayekummandla okumntla-ntshona weli lizwe lisebugxwayibeni. UThéobald uthi: “Amanye amabandla esasiwatyelela ayeqelelene. Ngenxa yokuba kwakungakhuselekanga sasingalali kwezo ndawo. Ndikhumbula ukuba kolunye utyelelo kwakufuneka suku ngalunye, sihambe iiyure ezine ebusuku kwizantyalantyala zemvula sityelela abazalwana size sibuyele kwiindawo esilala kuzo.”

Ethetha ngomnye umzalwana awadibana naye ngoxa wayetyelele iqela elikwanti, uThéobald uthi: “UJean-Pierre yimfama, kodwa ndothuswa kukumbona esiya kwenza ufundo lweBhayibhile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, ezazi ngentloko zonke ezo ndinyana yaye ezifunda ngokutyibilikayo! Wacela umzalwana ofunda kakuhle ukuba amfundele ezo ndinyana ukuze azicengceleze. Ukuzimisela kwakhe kwandikhuthaza ngokwenene.”

Ethetha ngobomi awayebuphila obabumbek’ engozini maxa wambi, uThéobald uthi: “Kuwo onke la maxesha anzima, sathembela kuYehova yaye sasisoloko sicinga ngala mazwi akumaHebhere 13:6: ‘UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?’” Emva kokukhonza ngokuthembeka kumsebenzi wesiphaluka nowesithili, yena nomkakhe bangoovulindlela abakhethekileyo nakubeni bekhathazwa yimpilo.

UKWAKHIWA KWEHOLO YENDIBANO

Njengoko amaNgqina ayesanda, kwakusiba nzima ukufumana iindawo ezifanelekileyo zendibano eKigali. Ngokomzekelo, amanzi amdaka aphuphuma kwimibhobho yamanzi entolongo ekufutshane agxobha iNdibano yeSithili ‘Yabathunywa Boxolo Lobuthixo’ eyayikwibala lezemidlalo ngoDisemba 1996. Abazalwana babekhalazela ivumba, yaye abazali babesoyikisela impilo-ntle yabantwana babo. Ngenxa yezo meko zimbi, iKomiti Yelizwe yavumelana ngokuba abasoze baphinde babe nendibano yesithili kweli bala. Kodwa zaziza kuba phi iindibano?

ISebe Lezemihlaba lalisikele elinye lamabandla aseKigali umhlaba ukuze kwakhiwe iHolo yoBukumkani. Esi siza sasisikhulu kakhulu, yaye ukuba abazalwana babefake isicelo sokwakha iHolo yoBukumkani kuphela, urhulumente wayeza kuyithatha enye inxalenye yaso aze asinike omnye umntu. Bathembela kuYehova, bafaka isicelo sokwakha iHolo yoBukumkani neHolo yeNdibano, nesokwakha iHolo yoBukumkani yesibini ethubeni. Abasemagunyeni basivuma esi sicelo.

Abazalwana bawulungisa lo mhlaba baza babiya. Kweza amakhulu amatsha-ntliziyo, asusa izihluma aza amb’ imingxuma enzulu yezindlu zangasese. Ngoku babenesiza esihle esinethambeka, esifanelekele indibano.

Kwiinyanga ezalandelayo, abazalwana baqhuba iindibano ezimbini nentlanganiso ekhethekileyo kule ndawo, kodwa ukuna kweemvula nokuvuthuza komoya kwabanyanzela ukuba bangungelane phantsi kweeseyile neeambrela. Ngenxa yoko, kwafakwa isicelo kwiQumrhu Elilawulayo sokuba kwakhiwe iHolo yeNdibano evulekileyo emacaleni.

NgoMatshi 1998, iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba yakhiwe le Holo. Kungaphoziswanga maseko, kwalungiswa umhlaba. Kulo lonke elo xesha lokwakha, kwakusiza iintsapho ezipheleleyo, zisemba imingxuma yesiseko neepali zokuxhasa isakhiwo. Babesebenza kunye ngomanyano. NgoMatshi 6, 1999, uJean-Jules Guilloud osuka kwisebe laseSwitzerland wanikela intetho yokunikezelwa kwesi sakhiwo sitsha.

Ngowe-1999, kwakusele kuzolile kweli lizwe. NgoFebruwari waloo nyaka, isibini esingabathunywa bevangeli, uRalph noJennifer Jones, sathunyelwa kwiofisi yaseRwanda, yaza intsapho yaseBheteli yanamalungu angama-21.

Abazalwana ababini baseRwanda babevela kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli (ngoku esaziwa ngokuba siSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga) eKinshasa, eCongo, umgama oziikhilomitha ezimalunga ne-1 600 ukusuka eRwanda. Noko ke, ekubeni ngoku kwakukho imfazwe eCongo, kwaba nzima ngabantu baseRwanda ukuya eKinshasa. Ngenxa yoku, iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli siqhutywe eKigali. Iklasi yokuqala eyayinabafundi abangama-28 abasuka eBurundi, eCongo naseRwanda yaphumelela ngoDisemba 2000.

NgoMeyi 2000, iRwanda yaba lisebe, kungekudala emva koko abazalwana bafumana indawo entle yokwakha iofisi yesebe ukuze kuqhutyekwe nomsebenzi owawusanda ngokukhawuleza. Kwathengwa isiza esiziihektare ezimbini ngoAprili 2001. Abazalwana abaninzi baseKigali bakhumbula indlela ekwakunzima ngayo ukususa izihluma ezaziyekwe kangangeminyaka kweso siza.

KUDUBULA INTABA-MLILO EMPUMA CONGO

NgoJanuwari 17, 2002, intaba-mlilo yaseNyiragongo, ekumgama weekhilomitha ezili-16 ukusuka eGoma, empuma Congo, yadubula yaye abemi abaninzi baloo ngingqi kwafuneka bashiye amakhaya abo buphuthuphuthu. Abaninzi kubavakalisi abali-1 600 balapho babaleka nabantwana babo kunye nabantu abanomdla, bawela umda baya eGisenyi, eRwanda, apho bangeniswa kwiiHolo zoBukumkani ezikufuphi.

Ngosuku olulandelayo abazalwana beofisi yesebe yaseRwanda bazalisa ilori ngeetoni ezintathu zezinto eziyimfuneko, ukutya, iingubo namayeza. Ezo zinto zasiwa kwiiHolo zoBukumkani ezintandathu kuloo ngingqi kufutshane nomda waseCongo.

Urhulumente waseRwanda wayesoyika ukuvumela abantu baseCongo abaninzi ngolu hlobo ukuba bahlale kwiiHolo zoBukumkani yaye wayalela ukuba basiwe kwiinkampu zeembacu. Abazalwana abathunyelwe yiKomiti Yesebe yaseRwanda badibana nabazalwana ababini beKomiti Yesebe yaseCongo kunye nabadala bamabandla aseGoma ukuze kubonwe ukuba kungenziwa ntoni. Abazalwana baseCongo babetha ngenqindi phantsi besithi abazalwana babo abanakusiwa kwiinkampu zeembacu eRwanda. Bathi: “Ngowe-1994 sanyamekela abazalwana baseRwanda, iintsapho zabo kunye nabantu abanomdla abangaphezu kwama-2 000, ngoko kunokuba sivumele abazalwana bethu bahlale ezinkampini, mababuyele eGoma yaye siza kubanyamekela, njengokuba senjenjalo kubazalwana baseRwanda.”

Abazalwana baseCongo babonisa ububele, bamkela abantu bakubo baza babahlalisa emizini yabazalwana kunokuba basiwe kwiinkampu zabantu abangengomaNgqina. Abazalwana neentsapho zabo babuyela eGoma, apho bahlala khona. Emva koko, kwathunyelwa ezinye izinto eziluncedo ezinjengeeseyile zeplastiki zivela eBelgium, eFransi, naseSwitzerland. Abazalwana bahlala eGoma de bakhelwa izindlu ezintsha.

IZIGANEKO EZIBALULEKILEYO KUMSEBENZI WAMANGQINA KAYEHOVA

IRegional Engineering Office yaseMzantsi Afrika yenza imizobo yesakhiwo sesebe elitsha, kwaza kwaqeshwa abakhi basekuhlaleni ukuba basakhe. Bancediswa ngamatsha-ntliziyo asuka kumazwe ngamazwe, yaye amanye amaNgqina asekuhlaleni ancedisa ekulungiseni igadi nakweminye imisebenzi. Phezu kwayo nje imiqobo, ngoMatshi 2006 intsapho yaseBheteli yangena kwesi sakhiwo sitsha. Kwakuloo nyaka, uGuy Pierce weQumrhu Elilawulayo nomkakhe beza kunikezela esi sakhiwo ngoDisemba 2, 2006. Kweza abazalwana noodade abangaphezu kwama-553, kuquka abali-112 abasuka kumazwe ali-15.

UJim noRachel Holmes baseKhanada bancedisa kumsebenzi wokwakha. Babesazi iNtetho Yezandla yaseMerika yaye babekulungele ukufundisa nabani na oseBheteli emva kweSifundo seMboniselo sentsapho ngeMivulo. Kweza abantu aba-6 kwezo klasi, ibe bagqwesa kuyo kangangokuba kwaqaliswa iqela lentetho yezandla.

NgoJuni 2007, uKevin Rupp, owayephumelele kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli eSwitzerland, weza eRwanda njengomthunywa wevangeli eze kuncedisa kwintsimi yentetho yezandla. Kungekudala emva koko, kwafika isibini saseKhanada esingabathunywa bevangeli nesinamava kwintetho yezandla eRwanda. NgoJulayi 2008, abazalwana baqalisa ibandla lentetho yezandla yaye kungekudala, kwaqaliswa amanye amaqela.

Bavuya kakhulu abazalwana kwindibano yesithili yowama-2007 bakuva isaziso sokuba INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ZesiGrike yesiKinyarwanda sele igqityiwe! IUnited Bible Societies yayisele igqibile ukuguqulela iBhayibhile epheleleyo kwisiKinyarwanda ngowe-1956. Nangona abo baguquleli babenze umgudu omhle wokuguqulela iBhayibhile kolu lwimi, bade basebenzisa igama elithi YEHOVA izihlandlo ezisixhenxe kwiZibhalo zesiHebhere, INguqulelo Yehlabathi Elitsha ifumaneka lula, ingakumbi kwabo bangathathi ntweni. Le nguqulelo intsha ichanile yaye ifundeka lula, ngenxa yemigudu yokuzincama yabaguquleli basekuhlaleni, bencediswa licandelo leTranslation Services eseNew York. Kuvuyisa kakhulu ukubona abantwana eHolweni yoBukumkani beneekopi zabo zeZibhalo zesiGrike yaye bephakamisa izandla ukuze bafunde izibhalo xa becelwe ukuba benjenjalo kwiintlanganiso!

KUVELA IINGXAKI NGENXA YOKUNGAKHETHI CALA

Nangona abazalwana babenqula ngokukhululekileyo ukususela ngowe-1992 xa bafumana imvume yokunqula ngokusemthethweni, baye bavelelwa ziingxaki ngenxa yokungakhethi kwabo icala njengamaKristu. Kule minyaka eli-15 edluleyo, abazalwana abaninzi baye bavalelwa ezintolongweni kuba bengavumi ukusebenzisana nomkhosi ekugadeni ebusuku. Noko ke, emva kokuba abazalwana bedibene nabaphathiswa bakarhulumente, bavunyelwa ukuba benze eminye imisebenzi.

Kwiminyaka yakutshanje, ootitshala abangama-215 baye balahlekelwa yimisebenzi ngenxa yokungavumi ukuya kwingqungquthela yezopolitiko. Emva koko, abantwana besikolo abali-118 baye bagxothwa ezikolweni ngenxa yokungavumi ukucula umhobe wesizwe. Abazalwana abathunyelwe yiofisi yesebe baya kwabasemagunyeni baza bacacisa isizathu sokuba singakhethi cala kwezopolitiko yaye emva kweenyanga eziliqela, inkoliso yabo bantwana yavunyelwa ukuba ibuyele esikolweni. Bebhekisela kwimbali yomsebenzi waseRwanda, abazalwana baveza inkalo yokuba ngowe-1986, amaNgqina kaYehova avalelwa ezintolongweni ngenxa yokungakhethi cala kwawo, kanti ngowe-1994, ukungakhethi cala kwawo kwawanceda akabandakanyeka kwimbubhiso.—Yohane 17:16.

AmaNgqina kaYehova ayawuthobela umthetho karhulumente yaye awakhethi cala kwezopolitiko kungakhathaliseki ukuba kulawula wuphi urhulumente. Ngokomzekelo, ngowe-1986, uFrancois Xavier Hakizimana waphoswa ngaphaya kwezitshixo iinyanga ezili-18 ngenxa yokungakhethi cala. Xa kwangena urhulumente omtsha emva kwembubhiso, waphinda wavalelwa ngowe-1997 nangowe-1998 ngenxa yesizathu esifanayo. Imizekelo enjengale ibonisa ukuba iinkolelo zamaNgqina kaYehova azitshintshatshintshi yaye azixhasi rhulumente uthile. Ukungakhethi cala kwamaKristu kusekelwe kwimigaqo ephakamileyo yeZibhalo.

Nakuba bejamelene nezi ngxaki, abazalwana bayakwazi ukuba neentlanganiso zebandla veki nganye kunye neendibano, yaye bavumelekile ukushumayela nokuqhuba iintlanganiso kwiintolongo ezininzi, apho amabanjwa aliqela aye ayamkela inyaniso. Ukongezelela, kunyaka wenkonzo wama-2009, abantu bakaYehova baseRwanda baye baphumelela kumatyala enkundla amathandathu.

IKAMVA ELIQAQAMBILEYO

Besingenakuthetha ngeRwanda size singawukhankanyi umsebenzi oncomekayo wokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani. Ukususela ngowe-1999, xa kwaqalisa ilungiselelo lokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani kumazwe angathathi ntweni, kuye kwakhiwa iiHolo ezifanelekileyo nezintle ezimalunga nama-290 ngamatsha-ntliziyo.

Bencediswa ngabazalwana basekuhlaleni, aba bazalwana badla ngokugqiba ezi holo ngeenyanga nje ezintathu. Njengoko iiHolo zoBukumkani zisanda kulo lonke eli lizwe, abantu ababukeleyo baba nomdla yaye oku kuvulela abantu bakaYehova ithuba lokushumayela. Ngaphandle kweHolo yeNdibano eseKigali, abazalwana baye bakha ezinye ezilishumi ezincinane ezivulekileyo emacaleni, nto leyo eye yanceda abavakalisi bakwazi ukuya kwiindibano ngaphandle kokuhamba imigama emide ezintabeni ngezikaTshiwo. Ngaphezu koko, abazalwana baye bakha iiHolo zoBukumkani ezine ezinokwandiswa nekunokungenelwa iindibano kuzo.

Kwiinyanga zokuqala zonyaka ngamnye, onke amabandla asebenza ngokukhutheleyo ekushumayeleni kwintsimi engabelwanga bani okanye engafane isetyenzwe. Ngamanye amaxesha abavakalisi bakhupha ezipokothweni, behamba imigama ukuze bagubungele loo ntsimi. Kwiindawo ezikude kakhulu, kuthunyelwa oovulindlela abakhethekileyo bexeshana iinyanga ezintathu. Ngenxa yoko, amaqela asandul’ ukusekwa amisela isiseko esiqinileyo samabandla aseza kumiselwa. Ngokomzekelo, kwiphulo elalingoJanuwari ukusa ngoMatshi 2010, kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezininzi kwaza kwasekwa amaqela amatsha alithoba. Ukongezelela, kwangelo xesha, oovulindlela abakhethekileyo bexeshana abangama-30 baqalisa amaqela ali-15.

EZINYE IIMBALASANE ZASERWANDA

KwiNdibano yeSithili yowama-2009 eyayinomxholo othi “Hlalani Nilindile!”, abazalwana baseRwanda baba nemincili xa kwakukhululwa iculo elitsha baza beva ezinye zezi ngoma zintsha ziculwa ngesiKinyarwanda. Eli culo alizange liphelele nje ekuguqulelweni kwisiKinyarwanda, amabandla afumana iikopi zawo kwangethuba ukuze abazalwana balisebenzise kwiintlanganiso zebandla ngaxeshanye nabazalwana abasehlabathini lonke ngoJanuwari 2010.

Emva kokukhululwa kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ZesiGrike ngesiKinyarwanda ngowama-2007, abantu babezibuza ukuba iya kude iguqulelwe nini iBhayibhile epheleleyo yesiKinyarwanda. Njengokuba iindibano zesithili zowama-2010 zazisondela, kwenziwa isaziso sokuba uGuy Pierce, olilungu leQumrhu Elilawulayo, wayeza kutyelela eRwanda ngeentsuku eyayiza kuba ngazo indibano eKigali ngoAgasti. Le ndibano yayiza kuqhutyelwa kwibala elalimelene nesebe. Abazalwana babezele yimincili, yaye bavuya nangakumbi xa uMzalwan’ uPierce wakhulula INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epheleleyo yesiKinyarwanda! Bonke abangama-7 149 ababekho ngoLwesihlanu kusasa bafumana ikopi yeBhayibhile entsha. NgeCawa, abazalwana bezinye izithili beza bethontelana kuloo ndibano, nto leyo eyandisa inani laba ngama-11 355. Kuloo ndibano, amajoni ayematsha ngaphandle kwebala acela iiBhayibhile, anikwa iiBhayibhile ezili-180. Usodolophu waseKigali, umphathi wamapolisa kunye nabanye abakwiOfisi yoMphathiswa Wezemidlalo bonke bafumana iikopi.

Umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo eRwanda waqalwa ngabavakalisi abathathu ngowe-1970. Ngoku kukho abavakalisi abamalunga nama-20 000 kweli lizwe. Nyanga nganye baqhuba izifundo zeBhayibhile ezimalunga nama-50 000 . NgoAprili 2011, kweza abangama-87 010 eSikhumbuzweni. Abazalwana baseRwanda baziwa ngokuzijul’ ijacu kumsebenzi wokushumayela. Abangama-25 ekhulwini bakwinkonzo yexesha elizeleyo, baze bona abanye abavakalisi bashumayele umyinge weeyure ezingama-20 nyanga nganye, baxakekile ekusebenzeni ‘neNkosi yesivuno’ kula masimi achumileyo, bengenazinjongo zokuyekelel’ umxakatho. Njengoko uYehova ewusikelela lo msebenzi, sikhangele phambili ekuboneni abantu abangakumbi besiba ngumsinga ukuya kwintaba kaYehova yonqulo lokwenyaniso kweli Lizwe Leenduli Eziliwaka.—Mateyu 9:38; Mika 4:1, 2.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuyahlula kwiCongo (Brazzaville) eselumelwaneni, idla ngokubizwa ngokuba yiCongo okanye iCongo (Kinshasa). Kulo lonke eli bali siza kusebenzisa igama elithi Congo.

b UDeborah waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, waza wabhaptizwa eneminyaka elishumi ubudala, sithethanje ukhonza nonina njengovulindlela othe ngxi.

c Sithethanje, olo sana lungudade obhaptiziweyo.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 178]

Waxelela abaphulaphuli bakhe ukuba bawalumkele amaNgqina kaYehova

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 181]

Babebulisana ngokuthi “Komera!” gama elo elithetha ukuthi “Yiba nesibindi!”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 218]

“Yehova, asikwazi ukuzisindisa. Sisindise!”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 166]

Amagqabantshintshi NgeRwanda

Ukuma Komhlaba

Ubude bommandla waseRwanda ziikhilomitha ezili-177 kuphela ukususela emntla ukuya entshona zize zibe ngama-233 ububanzi. Inabemi abamalunga ne-11 000 000 yaye lelona lizwe linabantu abaxineneyo eAfrika. Ikomkhulu lakhona yiKigali.

Abantu

Abemi balapha ngamaHutu, amaTutsi, amaTwa kunye nabanye abantu base-Asia naseYurophu. Abangaphezu kwesiqingatha ngamaRoma Katolika yaye abangaphezu kwama-25 ekhulwini ngamaProtestanti kunye namaSabatha amaninzi. Abanye ngamaSilamsi nabolunye unqulo.

Ulwimi

Ulwimi lwaseburhulumenteni sisiKinyarwanda, isiNgesi nesiFrentshi. Ulwimi olusetyenziswa kwezorhwebo sisiSwahili.

Indlela Abazixhasa Ngayo

Uninzi lwabantu balapha ngabalimi. Ekubeni umhlaba wakhona ungatyebanga, abaninzi balimela nje ukuba batye. Kulinywa iti kunye nepyrethrum—isityalo esisetyenziselwa ukubulala izinambuzane—ngokunjalo nekofu, eyeyona nto ithunyelwa kumazwe angaphandle.

Ukutya

Eyona nto bayityayo ziitapile, iibhanana neembotyi.

Imozulu

Nangona iRwanda ikufuphi neikhweyitha, imozulu idla ngokuphola. Kwimimandla esemazantsi, amaqondo obushushu aba malunga nama-21 ngokukaCelcius, yaye nyaka ngamnye kuwa imvula engangeesentimitha ezili-114.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 185]

“UYehova Uya Kusisukela!”

UEMMANUEL NGIRENTE

WAZALWA Ngowe-1955

WABHAPTIZWA Ngowe-1982

INGXELO YOBOMI Lilungu leKomiti Yesebe laseRwanda nomveleli weSebe Lokuguqulela.

◼ NGOWE-1989 ndandinguvulindlela kwimpuma yeRwanda. Ekupheleni kwaloo nyaka, ndabelwa kwisebe lokuguqulela. Ekubeni ndandingazi nto ngokuguqulela, ndothuka ndakufumana esi sabelo ndicinga ukuba asindifanelanga. Sekunjalo, ndaqalisa ukuguqulela iimpapasho ezintathu. Saqesha indlu saza safumana nezichazi-magama. Maxa wambi ndandisebenza ubusuku bonke, ndisela ikofu ukuze ndingalali.

Xa kwahlasela umkhosi ngo-Oktobha 1990, abanye abantu babetyhola amaNgqina kaYehova ngokuba akunye nemikhosi ehlaselayo. Amagosa aqalisa ukugqogqa. Ekubeni ndandisebenza endlwini, kwakubonakala ngathi andiqeshwanga, ngoko babefuna ukwazi ukuba ndenza ntoni. Ngenye imini, beza kugqogqa ndingabalindelanga. Ndandichwetheza ubusuku bonke, ndaza ndaqweba ubuthongo ngeyesihlanu ekuseni. Ngequbuliso ndafumana ifowuni endiyalela ukuba ndiphume endlwini ndiye kusebenza nabahlali.

Ngoxa ndilapho, abasemagunyeni bafumana ithuba lokugqogqa endlwini yam. Ukubuya kwam, abamelwane bandixelela ukuba bekukho ipolisa nosibonda abachithe iyure yonke befunda amaphepha endiwaguqulelayo, awayethetha ngoYehova. Ekugqibeleni bathi: “Masimke apha okanye uYehova uya kusisukela!”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 194]

Kwiintsuku Nje Ezili-100, Kwafa Isigidi Sabantu

“Imbubhiso enkulu eyayingowe-1994 eRwanda yeyona mbonakaliso yokubhujiswa kohlanga kwimbali yoluntu. Ukususela ekuqaleni kuka-Aprili 1994 ukusa phakathi kuJulayi 1994, amaHutu eli lizwe likuMbindi weAfrika ngokuthe ngcembe abulala amaTutsi awayembalwa kunawo. Esoyika ukuphelelwa ligunya ngenxa yedemokhrasi nemfazwe, urhulumente wamaHutu waceba ukubatshayela bonke—amaHutu angondelanga kumasiko awo kunye namaTutsi—abo babebonakala besongela igunya lakhe. Le mbubhiso yaphela xa kwafika umkhosi wabavukeli abangamaTutsi kwelo lizwe waza urhulumente wamaHutu wabhaca. Kwiintsuku nje ezilikhulu, kwabulawa isigidi sabantu kule mbubhiso nakwimfazwe—nto leyo eyabangela ukuba imbubhiso yaseRwanda ibe yeyona yakha yankulu embalini.”—IEncyclopedia of Genocide and Crimes Against Humanity.

Kwabulawa amaNgqina kaYehova amalunga nama-400, kuquka amaHutu awabulawa ngenxa yokukhusela abazalwana noodade wawo abangamaTutsi. Alikho iNgqina elabulawa lelinye.

[Umfanekiso]

Iimbacu zibaleka eRwanda

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 197]

“Amagumbi Okubulala”

“Abaququzeleli bale mbubhiso baqhatha amashumi amawaka amaTutsi ngokuthi mababalekele ezicaweni ukuze bakhuseleke; ngoko umkhosi wamaHutu ngokuthe ngcembe wabulala abantu ababengenakuzinceda ababefuna ukhuseleko, ubadubula ngemipu yaye uphosa iziqhushumbisi kweso sihlwele sasibalekele ezicaweni nasezikolweni, baze abo basindileyo babagqibezele ngezinkempe, ngamakhuba neemela. . . . Noko ke iicawa azizange ziphelele nje ekubeni zivume ukuba izakhiwo zazo zisetyenziswe njengamagumbi okubulala. Kweminye imimandla, abefundisi nabanye abantu abasebenza ecaweni bachaza amaTutsi abawaziyo. Kwezinye iimeko, babede bawabulale nokuwabulala.”—IChristianity and Genocide in Rwanda.

“Eyona nto yatyholwa ngayo iCawa [yamaKatolika] kukuba yazilahla iingcungcu ezingamaTutsi yaza yema ngakwicala lamaHutu avukelayo, ngaloo ndlela incedisa ekubeni uHabyarimana aphathe eli lizwe lizaliswe ngamaHutu. Kwakhona abahlalutyi bathi iCawa ngunobangela wentiyo, kuba yanika ababulali iindawo zokuhlala yaza yasilela ukukhusela abo babalekele kuyo. Kukho nabo bakholelwa ukuba, njengoko abantu abaninzi baseRwanda babejonge kumzekelo wayo kwizinto zokomoya, iCawa ibekek’ ityala ngenxa yokuba ingazange yenze nzame zokuphelisa le mbubhiso.”—IEncyclopedia of Genocide and Crimes Against Humanity.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 201-203]

“Sinokumbulala Njani Umntu Othethelelwa Ngabantu Bonke?”

UJEAN-MARIE MUTEZINTARE

WAZALWA Ngowe-1959

WABHAPTIZWA Ngowe-1985

INGXELO YOBOMI Lo mzalwana uthembekileyo nononcumo ngumakhi, owavalelwa entolongweni iinyanga ezisibhozo kungekudala emva kokuba ebhaptiziwe, ngowe-1986. UJean-Marie, owatshata noJeanne ngowe-1993, ngoku ungusihlalo kwiKomiti yeHolo yeNdibano yaseKigali.

◼ NGOAPRILI 7, mna nomkam, uJeanne, kunye nemveku yethu enenyanga ubudala, uJemima, savuswa kabuhlungu zizithonga zompu. Ekuqaleni, sasicinga ukuba yingxaki nje yezopolitiko, kodwa kungekudala sava ukuba umkhosi i-Interahamwe uqalisile ukubulala amaTutsi. Ngenxa yokuba singamaTutsi, asizange siphumele ngaphandle. Sathandaza kuYehova simcela ukuba asincede asibonise oko simele sikwenze. Ngelo xesha, abazalwana abathathu abangamaHutu nabanesibindi—uAthanase, uCharles, noEmmanuel—babeka ubomi babo esichengeni besiphathela ukutya.

Mna nomkam kwanyanzeleka ukuba sizimele kwimizi yabazalwana abahlukahlukeneyo kangangenyanga. Njengoko la majoni ayekhangela amaTutsi, eza nezitshetshe, imikhonto nezinkempe apho ndandizimele khona. Ndawabona esiza ndaza ndabaleka kanobom ndaya kuzimela ematyholweni, kodwa andibhaqa. Ndingqongwe liqela lamadoda axhobileyo, ndawaxelela ukuba ndingomnye wamaNgqina kaYehova, kodwa athi, “Ungumvukeli!” Andikhaba ndaya kuwa aza andibetha ngomva wompu nangeentonga. Sasisele singqongwe sisihlwele. Kwesi sihlwele, kwakukho indoda endakha ndayishumayeza. Yakhwaza yathi, “Mxoleleni!” Kwathi gqi uCharles, omnye umzalwana ongumHutu. Bathi bakundibona ndilele apho ndigxiz’ igazi, umkaCharles nabantwana bakhe basitsho isikhalo. Aba babulali batyhafa baza bathi: “Sinokumbulala njani umntu othethelelwa ngabantu bonke?” UCharles waya kundinyanga emzini wakhe. Umkhosi wasilumkisa wathi ukuba ndiyaqhwesha, uza kubulala uCharles endaweni yam.

Ngelo xesha, ndandingazi ukuba uJeanne nosana lwethu baphi na. Naye watywatyushwa waza wasinda cebetshu ekufeni. Kamva, abantu bamxelela ukuba ndibulewe. Bade bathi makafune amashiti okusongela umzimba wam.

Sathi sakudibana kumzi ka-Athanase, zehla iinyembezi zovuyo kum nakuJeanne. Sekunjalo, sasicinga ukuba siza kubulawa ngosuku olulandelayo, kuba yayiza kuba lolunye usuku oloyikisayo. Yaba ngathi siphupha kakubi, sizimela kuyo yonke indawo. Ndikhumbula ndithandaza kuYehova ndisithi: “Usincedile izolo. Sicela usincede nanamhlanje. Sifuna ukukhulisa usana lwethu size siqhubeke sikukhonza!” Xa kwakusele kuza kurhatyela, abazalwana abathathu abangamaHutu babeka ubomi babo esichengeni, besidlulisa kwiindlela ezazivaliwe siliqela lamaTutsi amalunga nama-30. Abathandathu kwelo qela bayamkela inyaniso.

Kamva seva ukuba uCharles neqela lakhe abazange bayeke ukunceda abanye kodwa umkhosi weInterahamwe waba lugcwabevu ngumsindo esakuva ukuba abazalwana baye banceda amaTutsi amaninzi asaba. Ekugqibeleni, lo mkhosi wada wamfumana uCharles nomnye umvakalisi ongumHutu, uLeonard. UmkaCharles weva amajoni esithi, “Nifanelwe kukufa kuba nincede amaTutsi ukuba abaleke.” Emva koko ababulala. Oku kusikhumbuza amazwi kaYesu athi: “Akukho bani unothando olukhulu kunolu, lokuba uthile anikezele umphefumlo wakhe ngenxa yabahlobo bakhe.”—Yohane 15:13.

Ngaphambi kokuba kuqalise imfazwe, mna noJeanne sasiza kutshata, ngoko sagqiba kwelokuba omnye wethu abe nguvulindlela. Noko ke, emva kwemfazwe, izalamane zethu ezininzi zazibulewe, ngoko sakhulisa abantwana abathandathu abangengobethu, ngoxa sasisele sinabo ababini. Sekunjalo, emva kwemfazwe uJeanne waba nguvulindlela yaye ngoku uneminyaka eli-12 enguye. Naba bantwana bathandathu sabakhulisayo—abazali babo ababengengomaNgqina kaYehova—babhaptizwe bonke. Abafana abathathu zizicaka zolungiselelo, enye intombazana ikhonza eBheteli kunye nomyeni wayo. Ngoku abantwana bethu bane yaye iintombi zethu ezimbini ezindala zibhaptiziwe.

[Umfanekiso]

Umzalwana noDade uMutezintare kunye nabantwana babo ababini bekunye nabantwana abahlanu abangenabazali

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 204, 205]

“Inyaniso Yasinceda Sahlala Silungelelene”

UValerie Musabyimana noAngeline Musabwe bazalwa ngumntu omnye. Bakhule bengamaKatolika yaye uyise wayengusihlalo wekomiti yecawa. UValerie wafundela ukuba ngunongendi kangangeminyaka emine. Noko ke, wadaniswa yindlela omnye umfundisi awayeziphethe ngayo, waza ngowe-1974 waziyeka izifundo zakhe. Kamva, wafundelwa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova, wabhaptizwa waza ngowe-1979 waba nguvulindlela. Nodadewabo, uAngeline, wafundelwa iBhayibhile waza wabhaptizwa. Bakhonza kunye njengoovulindlela abakhethekileyo, baza banceda abantu abaninzi bayazi inyaniso.

Ngexesha lembubhiso, uAngeline noValerie babehlala eKigali yaye bafihla abantu abasithoba endlwini yabo, kuquka amabhinqa amabini awayekhulelwe, elinye lawo elalisandul’ ukubulawelwa umyeni. Ethubeni, elo bhinqa lazala. Ekubeni kwakunzima ukuphuma kuloo ndlu, oodade banceda elo bhinqa lazala. Bathi bakuva oku abamelwane, babaphathela ukutya namanzi.

Amajoni eInterahamwe athi akuva ukuba uAngeline noValerie bafihle amaTutsi, afika aza athi: “Size kubulala amaNgqina kaYehova angamaTutsi.” Noko ke, ekubeni le ndlu ababehlala kuyo aba dade yayiyeyegosa lomkhosi, aba babulali boyika ukungena.d Akazange abulale mntu kuloo ndlu.

Ekugqibeleni, xa kwakubonakala ngathi imfazwe iya ithabath’ unyawo kuvakala izithonga zemipu, uAngeline noValerie kwafuneka bemke kuloo ndawo. Babalekela eGoma namanye amaNgqina, apho bafika bamkelwa ngezandla ezifudumeleyo ngabazalwana baseCongo. Bashumayela apho baza baqhuba izifundo zeBhayibhile ezininzi.

Bavakalelwa njani emva kwale mbubhiso? Ebuhlungu, uValerie uthi: “Kwabulawa abantwana bam bokomoya abaninzi kuquka uEugène Ntabana nentsapho yakhe. Inyaniso yasinceda sahlala silungelelene. Siyazi ukuba uYehova uya kubagweba abangendawo.”

[Umbhalo osemazantsi]

d Emva kwemfazwe, umnini wale ndlu wafunda iBhayibhile. Wafa, kodwa umkakhe nabantwana babo ababini baba ngamaNgqina.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 206, 207]

Babekulungele Ukusifela

UALFRED SEMALI

WAZALWA Ngowe-1964

WABHAPTIZWA Ngowe-1981

INGXELO YOBOMI Wayehlala nomkakhe, uGeorgette kwidolophu yaseKigali. UAlfred, utata nomyeni onothando, ngoku ulilungu leKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele eKigali.

◼ EMVA kokuqalisa kwembubhiso, uAthanase, umzalwana ongumHutu owayehlala kufuphi nathi, wasilumkisa esithi, “Onke amaTutsi ayabulawa, nani niza kubulawa.” Wasicenga ukuba siye emzini wakhe. Wasifihla kwigumbi elingaphantsi komhlaba awayelenze ngaphambi kwemfazwe nelaliziimitha ezintathu ezinesiqingatha ukuhla. Ndaba ngowokuqala ukwehla ngeleli awayeyenzile. UAthanase waqinisekisa ukuba sifumana ukutya nomandlalo wokulala. Ngelo xesha, ngaphandle abantu babebulawa.

Nangona abamelwane babekrokrela ukuba uAthanase usifihle emzini wakhe, bemgrogrisa ngelithi baza kutshisa indlu yakhe, akazange asikhuphe. Kucacile ukuba, yena nentsapho yakhe babekulungele ukusifela.

Emva kweentsuku ezintathu, kwakusiliwa ngendlela eyoyikekayo, kwaye intsapho ka-Athanase yaza kuhlala nathi kwelo gumbi lingaphantsi komhlaba, satsho sangabantu abali-16 apho. Sasihleli entsunguzini yobumnyama kuba sasisoyika ukukhanyisa nangantoni na. Suku ngalunye, umntu wayesitya icephe lerayisi engaphekwanga egalelwe emanzini aneswekile. Oko kutya kwahlala nje iintsuku ezilishumi. Ngosuku lwe-13, izisu zazisemqolo! Sasiza kwenza ntoni? Sakhwela elelini ukuze sibone ukuba kwenzeka ntoni, saza sabona ukuba izinto zitshintshile. Sabona amajoni anxibe iyunifomu eyahlukileyo. Ekubeni intsapho ka-Athanase yayiyindikhusele, ndavakalelwa ukuba ngoku lithuba lokuba nam ndizincame. Ndagqiba kwelokuba ndihambe nonyana ka-Athanase okwishumi elivisayo siye kufuna ukutya. Saqala sathandaza sonke.

Sabuya emva kwemizuzu emalunga nama-30, siphethe iindaba zokuba ngoku le ngingqi iphethwe yiRawandan Patriotic Front. Saphelekwa ngamanye amajoni. Ndawabonisa indawo ebesizimele kuyo. Ayengakholelwa de abona abazalwana noodade bephuma kuloo mngxuma. UGeorgette uthi akasoze alulibale olo suku: “Saphuma simdaka; sasihleli phantsi komhlaba iiveki ezintathu singahlambi.”

La majoni ayemangaliswe kukubona amaHutu namaTutsi ehleli kunye. Ndathi, “SingamaNgqina kaYehova yaye asicalulani.” Athi, “Khanibanike ukutya neswekile!” Emva koko asisa kwindlu eyayigcine abantu abamalunga nekhulu. Omnye udade wacela ukuba sonke sili-16 sihlale naye nentsapho yakhe.

Sivuya kakhulu kuba siye sasinda. Noko ke, umkhuluwa wam nodadewethu omncinane neentsapho zabo—bonke ababengamaNgqina kaYehova—babulawa ngokufanayo nabanye esibaziyo. Sibuhlungu, kodwa siyazi ukuba ‘sonke sehlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ Xa echaza indlela esivakalelwa ngayo, uGeorgette uthi: “Safelwa ngabazalwana noodade abaninzi yaye abanye babephila impilo ebuhlungu yokubaleka nokuzimela. Noko ke, someleza ulwalamano lwethu noYehova ngomthandazo, sazibonela ukuba isandla sikaYehova sinamandla. Wasithuthuzela ngokusinceda ngexesha elifanelekileyo esebenzisa intlangano yakhe yaye simbulela ngokungazenzisiyo. UYehova wasisikelela.”—INtshu. 9:11.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 208, 209]

UYehova Wasinceda Kuloo Maxesha Obunzima

UALBERT BAHATI

WAZALWA Ngowe-1958

WABHAPTIZWA Ngowe-1980

INGXELO YOBOMI Ngumdala otshatileyo onabantwana abathathu. Umfazi wakhe nentombi yakhe endala ngoovulindlela abathe ngxi. Unyana wakhe sisicaka solungiselelo. Xa uAlbert, umzalwana othuleyo ongumHutu, waqalisa ukuya kwiintlanganiso ngowe-1977, kwakukho abavakalisi abamalunga nama-70 kuphela kweli lizwe. Ngowe-1988 wavalelwa entolongweni watywatyushwa. Xa wayengazange avume ukunxiba ibheji yeqela lezopolitiko, ummelwane wakhe owayesakuba lijoni waqhoboshela ibheji esikhumbeni sakhe waza enyevula wathi: “Ngoku uyinxibile!”

◼ EMVA kokufa koomongameli, abanye abazalwana, izalamane nabamelwane babalekela emzini wam. Kodwa ke ndandixhalabele oodade ababini abangamaTutsi ababengekho phakathi kwethu, uGoretti noSuzanne. Nangona ndandibeka ubomi bam esichengeni, ndaya kubakhangela. Ndabona uGoretti nabantwana bakhe bebaleka nabanye abantu, ndabathatha ndabasa endlwini yam, ndisazi ukuba indlela abaya kuyo ivaliwe yaye babeza kubulawa.

Kwiintsuku kamva, kwafika uSuzanne kunye nabanye abahlanu. Ngoku sasingaphezu kwama-20 endlwini, sonke sisengozini yokubulawa.

Amajoni eInterahamwe afika kathathu endlwini. Ngesinye isihlandlo abona umfazi wam uVestine ngefestile, ambiza. UngumTutsi. Ndema phakathi kwaba babulali nomfazi wam ndaza ndathi: “Ukuba nifuna ukumbulala, qalani ngam!” Emva kwengxoxo emfutshane, bathi makabuyele endlwini. Omnye wabo wathi: “Andifuni kubulala mfazi; ndifuna ukubulala indoda.” Ngoko bamyeka umkam baya kumntakwabo. Njengoko babemkhuphela ngaphandle, ndema phakathi kwabo naye ndaza ndabacenga ndisithi, “Owu bantu bakaThixo, mxoleleni!”

Elugcwabevu ngumsindo, omnye wabo wandibetha ngengqiniba esithi, “Andisebenzeli Thixo mna!” Noko ke waphinda wehla waza wathi: “Hamba naye!” Wasinda ngaloo ndlela usibali.

Kwinyanga kamva, kwafika abazalwana ababini befuna okusiwa phantsi kwempumlo. Ndabanika iimbotyi endandinazo, kodwa ndathi xa ndibakhapha ndifuna ukubabonisa indlela ekhuselekileyo abanokuhamba ngayo, ndeva isithonga sompu ndaza ndamkelwa ziingqondo. Ndandibethwe ziingceba zembumbulu emehlweni. Ummelwane wandisa esibhedlele, kodwa iliso ezangena kulo ezo ngceba alisaboni. Eyona nto imbi nangakumbi kukuba ndandingenakukwazi ukugoduka. Ngelo xesha, njengoko kwakusiliwa, kwakuyingozi ukuhlala emzini wam, ngoko wonke umntu owayelapho wabalekela emizini yabanye abazalwana, ababeka ubomi babo esichengeni bebakhusela de kwangoJuni 1994. Andizange ndidibane nentsapho yam de kwango-Oktobha. Ndiyambulela uYehova ngokunceda mna nentsapho yam kuloo maxesha obunzima.

[Umfanekiso]

UAlbert Bahati nentsapho yakhe kunye nabanye awabafihlayo

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 210-212]

“Nantsi Indlela”

UGASPARD NIYONGIRA

WAZALWA Ngowe-1954

WABHAPTIZWA Ngowe-1978

INGXELO YOBOMI Wayilwela ngenkalipho inyaniso yaye ngumntu othanda ukuncuma nokuncoma. UGaspard utshatile yaye uneentombi ezintathu, lilungu leKomiti Yesebe eRwanda.

◼ EMVA kokuba ziqalisile ukuvakala izithonga zemipu ngentsasa yangoAprili 7, ndabona imizi eli-15 yamaTutsi kuquka emibini yabazalwana, ivutha ngumlilo. Ngaba nale yethu indlu yayiza kutshiswa? Ndoyika ngokwenene xa ndicinga ngento enokwenzeka kumfazi wam ongumTutsi nabantwana bam ababini.

Ndandididekile. Abantu babexhalatyiswe zizinto ezibubuxoki ezithethwayo. Ndacinga ukuba kubhetele umfazi nabantwana bam baye kuxhwarha kumzi womzalwana okufutshane, ndize mna ndilandele kamva. Ekufikeni kwam kuloo mzi, ndafumanisa ukuba umfazi wam uye wanyanzeleka ukuba abalekele kwesinye isakhiwo sesikolo esikhulu. Kanye ngaloo mva kwemini, omnye ummelwane wathi kum, “Onke amaTutsi abalekele kwesa sikolo aza kubulawa!” Ngoko nangoko, ndabaleka ndaya kweso sikolo, ndathatha umfazi nabantwana bam, kunye nabantu abamalunga nama-20—kuquka abazalwana noodade—ndabaxelela ukuba bagoduke. Njengoko sasihamba, sabona umkhosi usisa abantu kwindawo engaphandle kwedolophu waza wabulala amaTutsi angaphezu kwama-2 000.

Ngelo xesha, umfazi womnye ummelwane wam wazalela umntwana kweso sikolo. Xa amajoni eInterahamwe aphosa isiqhushumbisi kweso sikolo, umyeni wakhe wayesele ebalekile nolo sana. Esoyika, umama wolu sana wabalekela kwenye indawo. Nakubeni wayengumTutsi, uyise wolu sana wadlula kuzo zonke iindlela ezazigadwe ngamajoni kuba wayephethe usana, waza wabalekela kwindlu esasikuyo. Wandicela ukuba ndizamele usana lwakhe ubisi. Ekuphumeni kwam, ndagaxeleka kumajoni awayevale indlela. Acinga ukuba ndikhusela amaTutsi ngenxa yokuba ndisiya kufunela umntwana womTutsi ubisi, aza athi: “Masimbulale!” Elinye ijoni landibetha ngomva wompu, ndaza ndaf’ isiqaqa, ndisopha. Ecinga ukuba ndifile, andirhuqela emva kwendlu ekufutshane.

Ndabonwa ngummelwane wathi, “Baleka, okanye baza kubuya bakugqibezele.” Wandinceda ndagoduka.

Nangona esi yayisisihlandlo esibuhlungu, sandikhusela. Kuba ndandisaziwa njengomqhubi, ngosuku olulandelayo kwafika amadoda amahlanu awayendinyanzela ukuba ndiqhubele umphathi womkhosi. Athi akubona amanxeba am, ayekelela, akazama nokundinyanzela ukuba ndibe lijoni leInterahamwe.

Emva koko kwalandela iintsuku ezazizaliswe luloyiko, amathandabuzo kunye nendlala. Ngelo xesha kwafika ibhinqa elingumTutsi kunye nabantwana balo ababini endlwini yam. Salifihla ekhabhathini esekhitshini baza abantwana balo ababini sabafaka kwigumbi ababekulo abam. Xa iRwandan Patriotic Front (iRPF), umkhosi ohlaselayo, yayithabath’ unyawo yaye kuvakala amarhe okuba amajoni eInterahamwe aze kugqibezela ukubulala amaHutu anabafazi abangamaTutsi, intsapho yethu yalungiselela ukuphinda isabe. Kodwa iRPF yayisele iwuthabathele kuyo loo mmandla sasihlala kuwo, ngoko amaTutsi ayengasekho sengozini yokubulawa. Noko ke, mna ndandikuyo.

Ndahamba nabamelwane bam sisiya kwiqela lamajoni eRPF awayevale indlela. Athi akundibona, ndingumHutu, ndibophe intloko, acinga ukuba ndingomnye wamajoni eInterahamwe. Asikhwaza athi: “Phakathi kwenu kukho ababulali nabaphangi, aninazo neentloni zokucel’ uncedo! Ngubani apha kuni ofihle okanye okhusele umTutsi?” Ndawabonisa ibhinqa nabantwana endandibafihlile. Abizela abantwana ecaleni aza ababuza, “Ngubani le ndoda iboph’ intloko?” Baphendula, “Akalojoni leInterahamwe; liNgqina likaYehova yaye ulungile.” Ndandisindise ibhinqa elingumTutsi nabantwana balo ababini, ngoku ngabo abandisindisayo!

Aneliseka yiloo mpendulo aza asisa kwenye inkampu ekumgama oziikhilomitha ezingama-20 ukusuka eKigali, apho kwakukho abantu abamalunga ne-16 000 abasindayo. Apho sadibana nabazalwana noodade abangama-60 abasuka kumabandla ali-14. Saqhuba iintlanganiso; kweyokuqala kwakukho abantu abangama-96! Noko ke, eli yayilelona xesha linzima, kuba sasisiva iingxelo zabahlobo bethu ababebulewe noodade abadlwengulwayo. Yayindim kuphela umdala, yaye abazalwana noodade abaninzi babefuna ukuthuthuzelwa ngeZibhalo. Ndaphulaphula zonke izinto ezibuhlungu ababendixelela zona ndaza ndabaqinisekisa ukuba uYehova uyabathanda yaye uyayiqonda intlungu abakuyo.

Ekugqibeleni, ngoJulayi 10, emva kweeveki ezininzi zobunzima, sagoduka. Ndikhumbula ukuba ngoxa ndandisoyika yaye ndisengozini, ndandisoloko ndicinga ngengoma enomxholo othi, “Nantsi Indlela.” Amazwi aloo ngoma andomeleza kakhulu: “Singay’ ekunene kwanasekhohlo; indlela kaThixo yimpumelelo.”

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 223, 224]

Ndeva Umntu Endibiza Ngegama

UHENK VAN BUSSEL

WAZALWA Ngowe-1957

WABHAPTIZWA Ngowe-1976

INGXELO YOBOMI Wakhonza kwiBheteli yaseNetherlands ngaphambi kokuba aye eGiliyadi ngowe-1984. Wathunyelwa kwiCentral African Republic, eChad, waza wathunyelwa eRwanda ngoSeptemba 1992. Ngoku yena nomkakhe uBerthe bakhonza kwiofisi yesebe yaseRwanda.

◼ IBANDLA lokuqala endathunyelwa kulo eRwanda lelaseKigali Sud.Lalinabantwana abaninzi. Abazalwana noodade babenobubele. Ngowe-1992 ayembalwa amabandla kweli lizwe yaye kwakukho abavakalisi abangaphezu nje kwe-1 500. Abasemagunyeni babengasithembi, ngoko amapolisa ayesoloko esiphazamisa kumsebenzi wokushumayela ngokuhlola amaphepha ethu ofaniso.

Ukuqalisa kwembubhiso, kwafuneka ndimke eRwanda. Kodwa kungekudala emva koko ndacelwa ukuba ndiye kunceda iimbacu ezisempuma Congo. Ndasuka eNairobi ndaya eGoma, isixeko esingaphaya komda weRwanda. Ekubeni ndingazange ndiye apho yaye ndisazi kuphela igama lomnye umdala, ndandizibuza ukuba ndiza kumfumana njani. Xa ndifika, ndacela uncedo kumqhubi weteksi endandikhwele kuyo. Naye wabuza abanye abaqhubi, yaye kungaphelanga nemizuzu engama-30, ndandimi phambi kwendlu yaloo mdala. Abazalwana ababini beKomiti yeLizwe eRwanda bakwazi ukunqumla bangene eGoma, ndaza ndabanika imali endandiyinikwe yiofisi yesebe yaseKenya ukuze kuncedwe abazalwana baseRwanda.

Kwisihlandlo sesibini ndisiya eGoma ndisuka eNairobi, ndahamba ngeenyawo ndisiya kumda waseRwanda. Nangona yayingengomgama mde, ndahamba ixesha elide kuba ndandihamba phakathi kwesiphithiphithi seembacu ezazizama ukuwela zisuka eRwanda.

Kusenjalo, ndeva umntu endibiza ngegama: “Ndugu (mzalwana) Henk! Ndugu Henk!” Xa ndijonga ukuba ngubani ondikhwazayo, kwathi kanti nguAlphonsine. Wayeyintwazana emalunga ne-14 ubudala eyayikwibandla endandikulo eKigali nowayahlukaniswe nonina. Sahamba kunye phakathi kweso sihlwele, ndamsa kwiHolo yoBukumkani ababekuyo abazalwana noodade abaninzi abaziimbacu. Wanyanyekelwa yintsapho yaseCongo, waza emva koko wathathwa ngudade owayekwibandla lakhe. Kamva uAlphonsine waphinda wadibana nonina eKigali.

[Umfanekiso]

UHenk nomkakhe uBerthe

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 235, 236]

UYehova Wenze Imimangaliso Emikhulu!

UGÜNTER RESCHKE

WAZALWA Ngowe-1937

WABHAPTIZWA Ngowe-1953

INGXELO YOBOMI Waqalisa ukuba nguvulindlela ngowe-1958 waza waya kwiklasi yama-43 yaseGiliyadi. Ukususela ngowe-1967 wayekhonza eGabon, eCentral African Republic naseKenya yaye watyelela namanye amazwe aliqela njengomveleli wesiphaluka. Sithethanje ukwiKomiti yeSebe laseRwanda.

◼ NDAQALA ukutyelela eRwanda ngowe-1980. Ndathunyelwa njengomveleli wesithili ndisuka eKenya. Ngelo xesha ayesixhenxe kuphela amabandla kweli lizwe, abavakalisi beli-127. Kwakhona ndandingomnye wabafundisi ababini ababekwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela sokuqala kwelo. Abaninzi kwabo vulindlela bangama-22 basekwinkonzo yexesha elizeleyo. Ndabuyela eKenya inkenteza engqondweni indlela ababenenzondelelo ngayo abazalwana kubulungiseleli nendlela ababeyixabisa ngayo inyaniso.

Ngowe-1996 ndafumana ileta evela kwisebe laseKenya eyayindicela ukuba ndifudukele eRwanda. NdandiseKenya kangangeminyaka eli-18, kumnandi. Safika ilizwe laseRwanda lingekazinzi. Sasidla ngokuva izithonga zemipu ebusuku. Kodwa ndakhawuleza ndasithanda isabelo sam, ingakumbi xa ndabona indlela uYehova awusikelela ngayo umsebenzi.

Izakhiwo zendibano zazingagqitywanga. Sekunjalo, abazalwana babengakhalazi kodwa babehlala bhaxa phantsi okanye ematyeni. Abantu babebhaptizelwa kumngxuma omkhulu ofakwe ilaphu lentente. Kusabanjwa iindibano ezinjalo kwiindawo ezininzi, kodwa kuye kwakhiwa iiholo ezivulekileyo emacaleni nezinokuvulwa zibe nkulu.

Abazalwana babezishumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo. Amabandla aseKigali ayeqalisa iintlanganiso kwakusasa ngeempelaveki. Emva kweentlanganiso abavakalisi babesiya entsimini baze bashumayele kude kube sebusuku.

Ndandithand’ ukuchitha ixesha nabantu abaselula emabandleni, abavakalisi bexesha elizayo abaza kuba neembopheleleko ezingakumbi. Kwakuvuyisa ukubona abaninzi benesibindi, nto leyo eyayibonisa ukuba basondele kuYehova nangona beselula!

Ngokomzekelo, uLuc oneminyaka eli-11 ohlala kummandla osemazantsi wacelwa ukuba acule umhobe wesizwe eklasini yakhe. Wacela ukucula enye yeengoma zoBukumkani. Utitshala wavuma, yaye uLuc waqhwatyelwa izandla akugqiba ukucula. Ukuyazi kwakhe le ngoma ngamazwi kubonisa indlela eli tyendyana elikuthanda ngayo ukudumisa uMdali walo. Ayendikhuthaza amava anjengala. Ndadibana nodade owayevalelwe entolongweni ngenxa yokushumayela iindaba ezilungileyo. Ngoxa esentolongweni, wazala unyana waza wamthiya igama elithi “Shikama Hodari” (elithetha ukuthi “hlala womelele” ngesiSwahili). UShikama uye waphila ngokuvisisana negama lakhe. Kutshanje, uye waya kwiSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga yaye ukhonza njengesicaka solungiselelo novulindlela okhethekileyo.

Ukutyhubela yonke loo minyaka yobunzima ababejamelene nabo abazalwana baseRwanda—ukuvalwa komsebenzi, iimfazwe neembubhiso—yayindimangalisa indlela abanenzondelelo ngayo entsimini nokuthembeka kwabo yaye lilungelo elikhulu ukukhonza nabo. Ndandisoloko ndiyibona intsikelelo kaYehova nenkxaso yakhe, yaye oko kwandenza ndasondela ngakumbi kuye. UYehova wenze imimangaliso emikhulu!—INdu. 136:4.

[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 254, 255]

ULUHLU LWEZIGANEKO—ERwanda

1970

Ngowe-1970 Abavakalisi bokuqala bafaka ingxelo.

Ngowe-1975 Intsapho yokuqala ibuyela eRwanda isuka eCongo.

Ngowe-1976 Kupapashwa incwadana enomxholo othi “Ezi Ndaba Zilungileyo ZoBukumkani” ngesiKinyarwanda.

Ngowe-1978 Kushicilelwa iMboniselo ephuma kanye ngenyanga ngesiKinyarwanda.

1980

Ngowe-1982 Umsebenzi uyavalwa; abazalwana abaneembopheleleko bavalelwa entolongweni.

Ngowe-1986 Kuvalelwa isithathu sabo bonke abavakalisi entolongweni.

1990

Ngowe-1990 Kuqhambuk’ imfazwe emantla.

Ngowe-1992 Kuqhutywa indibano yokuqala yesithili kwelo lizwe.

Umsebenzi wokushumayela ubhaliswa ngokusemthethweni.

Kufika abathunywa bevangeli.

Ngowe-1994 Imbubhiso yamaTutsi.

Ngowe-1996 Abathunywa bevangeli bayabuya.

Kusekwa iSebe leNkonzo.

Ngowe-1998 IMboniselo yesiKinyarwanda iphuma ngaxeshanye neyesiNgesi.

Ngowe-1999 Kunikezelwa iHolo yeNdibano evuleke emacaleni yaseKigali.

2000

Ngowama-2000 Kusekwa iofisi yesebe.

Kuqaliswa iSebe Lokwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani.

Ngowama-2001 Kufunyanwa isiza sesebe elitsha.

Ngowama-2006 Isakhiwo esitsha sesebe siyanikezelwa.

Ngowama-2007 Kukhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiKinyarwanda.

2010

Ngowama-2010 Kukhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu epheleleyo ngesiKinyarwanda.

[Igrafu/Umfanekiso okwiphepha 234]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Isimbuku Sabavakalisi

Isimbuku Soovulindlela

20,000

15,000

10,000

5,000

1985 1990 1995 2000 2005 2010

[Iimaphu ezikwiphepha 167]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

UGANDA

DEMOCRATIC REPUBLIC OF CONGO

Nyiragongo Volcano

Goma

BURUNDI

TANZANIA

RWANDA

KIGALI

VIRUNGA MTS.

Karisimbi Vocano

Ruhengeri (ngoku eyiMusanze)

Gisenyi (ngoku eyiRubavu)

Lake Kivu

Bukavu

Kanombe

Masaka

Gitarama (ngoku eyiMuhanga)

Bugesera

Nyabisindu (ngoku eyiNyanza)

Save

Butare (ngoku eyiHuye)

Equator

[Umfanekiso okwiphepha 164, 165]

Siloba kwiChibi iKivu

[Imifanekiso ekwiphepha 169]

UOden noEnea Mwaisoba

[Umfanekiso okwiphepha 170]

UGaspard Rwakabubu kunye nentombi yakhe uDeborah nomkakhe uMelanie

[Umfanekiso okwiphepha 171]

“Ezi Ndaba Zilungileyo ZoBukumkani” eKinyarwanda

[Umfanekiso okwiphepha 172]

UJustin Rwagatore

[Umfanekiso okwiphepha 172]

UFerdinand Mugarura

[Umfanekiso okwiphepha 173]

Abathathu ababhaptizwa ngowe-1976: ULeopold Harerimana, UPierre Twagirayezu, noEmmanuel Bazatsinda

[Umfanekiso okwiphepha 174]

Uncwadi eKinyarwanda

[Umfanekiso okwiphepha 179]

UPhocas Hakizumwami

[Umfanekiso okwiphepha 180]

UPalatin uNsanzurwimo kunye nomkakhe (ekunene) nabantwana

[Umfanekiso okwiphepha 181]

UOdette Mukandekezi

[Umfanekiso okwiphepha 182]

UHenry Ssenyonga kwisithuthuthu sakhe

[Umfanekiso okwiphepha 188]

Isiqinisekiso sobhaliso, ngoAprili 13, 1992

[Umfanekiso okwiphepha 190]

Abazalwana basusa iqonga ukuze kuqalise umdlalo webhola

[Umfanekiso okwiphepha 192]

ULeonard noNancy Ellis (phakathi) bekunye nabakwaRwakabubu kunye nentsapho yakwaSombe

[Umfanekiso okwiphepha 193]

Iingceba zenqwelo-moya eyadubula kufuphi neKigali

[Imifanekiso ekwiphepha 199]

Umbhalo othi, “Sasingamanyenanga,” kwicawa yamaKatolika eKibuye (ngoku eyiKarongi)

[Umfanekiso okwiphepha 214]

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: (ngasemva) uAndré Twahirwa, uJean de Dieu, uImmaculée, uChantal (uphethe usana), uSuzanne; (ngaphambili) abantwana bakwaMugabo: uJean-Luc noAgapé

[Umfanekiso okwiphepha 216]

UVédaste Bimenyimana eqhuba isifundo seBhayibhile

[Umfanekiso okwiphepha 217]

UTharcisse Seminega nomkakhe, uChantal

[Umfanekiso okwiphepha 218]

UTharcisse noJustin bemi ecaleni kukarontawuli uTharcisse nentsapho yakhe ababefihlwe kuyo kangangenyanga

[Imifanekiso ekwiphepha 226]

Ngasentla: Inkampu yeembacu yamaNgqina aseRwanda; ngezantsi: inkampu yeembacu yamaNgqina nabanye

EGoma, eCongo

EBenaco, eTanzania

[Imifanekiso ekwiphepha 229]

IHolo yoBukumkani yayisetyenziswa njengesibhedlele

[Umfanekiso okwiphepha 238]

UOreste nentsapho yakhe, ngowe-1996

[Umfanekiso okwiphepha 240]

UThéobald noBerancille Munyampundu

[Imifanekiso ekwiphepha 241]

Abazalwana noodade abangamaHutu namaTutsi belungiselela ukwakha iHolo yeNdibano

[Umfanekiso okwiphepha 242]

IHolo yeNdibano evulekileyo emacaleni, eKigali, ngowama-2006

[Umfanekiso okwiphepha 243]

ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli eKigali, ngowama-2008

[Umfanekiso okwiphepha 246]

Icandelo lentetho yezandla kwindibano ekhethekileyo yosuku olunye eGisenyi, ngowama-2011

[Umfanekiso okwiphepha 248]

UFrancois-Xavier Hakizimana

[Imifanekiso ekwiphepha 252, 253]

Abazalwana noodade basebenza kunye ‘neNkosi yesivuno’ kula masimi achumileyo bengenazinjongo zokuyekelel’ umxakatho

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share