IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb17 iphe. 110
  • IBhayibhile YesiGeorgia

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBhayibhile YesiGeorgia
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
yb17 iphe. 110
Iphepha elikwiBhayibhile yesiGeorgia

Umbhalo-ngqangi wenkulungwane ye-14 weeVangeli Ezine, waseMokvi

EGEORGIA | 1924-1990

IBhayibhile YesiGeorgia

ISIGEORGIA lolunye lweelwimi zokuqala eyaguqulelwa kuzo iBhayibhile kwangaphambili, kunye nesiArmenia, isiCoptic, isiLatini, isiSiriya, nezinye iilwimi. Kuye kwafunyanwa imibhalo-ngqangi emidala yeeVangeli, iileta zikaPawulos neeNdumiso ekuthiwa zezaphakathi kwinkulungwane yesihlanu C.E okanye ngaphambi koko ngesiGeorgia Esidala. Kumakhulu eminyaka eyalandelayo umsebenzi wokuguqulela nowokukhutshelwa kweBhayibhile ngesiGeorgia uye wanda, nto leyo eye yabangela ukuba kubekho iinguqulelo eziliqela.a

IBhayibhile ibe negalelo elikhulu kwiincwadi nakwindlela abaphila ngayo abantu baseGeorgia. Ngokomzekelo ibali elibuhlungu likaKumkanikazi uShushanik, ekusenokwenzeka ukuba labhalwa ngasekupheleni kwenkulungwane yesihlanu, lineengcaphulo neembekiselo zeendawo ezithile eBhayibhileni. Kumbongo wakhe othi Vepkhvistqaosani (The Knight in the Panther’s Skin), owabhalwa malunga no-1220, imbongi uShota Rustaveli ubhekisela kwindlela yokuziphatha yamaKristu. Wabhala ngobuhlobo, ububele nokuthanda abantu ongabaziyo —izinto abantu baseGeorgia abasathi ziyindlela yokuziphatha eyamkelekileyo unanamhlanje.

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi jonga inqaku elithi “Ubuncwane Obebufihliwe Kangangeenkulungwane” kwiMboniselo kaJuni 1, 2013.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share