EGEORGIA | 1991-1997
Abadala Baqeqesha Abanye
UJoni Shalamberidze noTamazi Biblaia ekuqaleni koo-1990
Ekuqaleni kweminyaka yoo-1990, amabandla amaninzi eGeorgia ayenomdala okanye isicaka solungiselelo esinye. Ngokuqhelekileyo, amabandla ayengamaqela awayedibana kwiindawo ezahlukeneyo, ekubeni abavakalisi babesasazeke kwintsimi enkulu eyayineedolophu eziliqela kunye namaphandle.
UJoni Shalamberidze noPavle Abdushelishvili—ababekhe bakhonza emaphandleni—bathunyelwa ukuba bayokunceda eTelavi, isixeko esasikummandla waseKakheti. Ibandla lalapho lalinabavakalisi abayi-300, kodwa kungekho nomnye umdala. Lalinamaqela ayi-13 awayedibana kwiindawo ezahlukahlukeneyo.
UPavle Abdushelishvili
UJoni noPavle bakhawuleza babona umqobo omkhulu owawusenza abazalwana bangenzi nkqubela. UJoni ucacisa athi: “Abazalwana abaninzi babenamasimi amakhulu nezidiliya. Ekubeni kwakuyinto eqhelekileyo emaphandleni ukuba abamelwane bancedisane kumsebenzi wefama, abazalwana bethu babechitha ixesha elininzi nabantu abangakholwayo.”—1 Kor. 15:33.
UJoni noPavle bacebisa abazalwana ukuba bacele uncedo kwamanye amaNgqina. Xa besenza loo nto babeza kungenelwa kunxulumano oluhle ngoxa beqhubeka nomsebenzi wabo. (INtshu. 4:9, 10) UJoni uthi: “Baye bathandana ngakumbi ebandleni.” Kwiminyaka emithathu kamva, uJoni noPavle bemka kummandla waseKakheti, sekukho abadala abayi-5 nezicaka zolungiselelo eziyi-12.
Iintlanganiso Ziphucula Ubuchule Bokufundisa
Ekubeni umsebenzi wethu wawuphantsi kwemiqathango de kwasekuqaleni kweminyaka yoo-1990, amaNgqina ayedibana njengamaqela amancinci ukuze aqhube iSifundo SeBhayibhile Sebandla kunye neSifundo seMboniselo. Nakuba ezi ntlanganiso zazikhuthaza, zazingenzelwanga ukuqeqesha abavakalisi kumsebenzi wokushumayela.
Oku kwatshintsha xa kwawa ulawulo lwamaKomanisi. Ngoku intlangano kaYehova yayalela ukuba amabandla aqhube iSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo kunye Nentlanganiso Yenkonzo njengenxalenye yeentlanganiso zawo zaphakathi evekini.
UNaili Khutsishvili nodade wabo uLali Alekperova basazikhumbula ezo ntlanganiso. ULali uthi: “Kwakumnandi. Wonke umntu wayevuyiswa kukuba noodade ngoku babeza kuba nenxaxheba.”
UNaili ukhumbula oku: “Komnye umboniso umninimzi wayefunda iphephandaba eqongeni xa weva kunkqonkqozwa emnyango. Kwangena oodade ababini kumnyango wendawo esasihlanganisene kuyo baza bakhwela eqongeni.” ULali wongezelela athi: “Nakuba zazingaqhelekanga ezi ntlanganiso, zazisinceda siphucule ubuchule bethu bokufundisa.”
Ziya Zifuneka Ngakumbi Iincwadi
Kangangeminyaka emininzi, abazalwana babesenza iincwadi zeBhayibhile emakhayeni abo besebenzisa oomatshini bokukhuphela abancinci. Ukuze bakwazi ukukhawulelana nenani leencwadi ezazifuneka, kwafuneka abazalwana baye kwiinkampani zokuprinta zangaphandle ezazinokusiprintela iimagazini zethu ngamaxabiso afikelelekayo.
Ukuze benze imagazini yesiGeorgia eyayiza kuthunyelwa kwinkampani yokuprinta, abazalwana babesika oonobumba kumaphephandaba baze bawancamathisele ngaphandle kweyesiNgesi
Abazalwana babesenza amacebo xa kufuneka benze le kopi iza kuya kwinkampani yokuprinta. Emva kokuba ziguqulelwe ngesiGeorgia zazichwethezwa kakuhle ngokwendlela ekwenziwe ngayo kweyesiNgesi. Abazalwana babeye basike imifanekiso kule yesiNgesi baze bayincamathisele kule ichwetheziweyo. Ekugqibeleni, babesika oonobumba kumaphephandaba awayebhalwe kakuhle baze babancamathisele ngaphandle. Hayi ke ilungele ukuprintwa ke ngoku!
Iimagazini zokuqala ezaziprintwe ngesiGeorgia
Xa abantu bakwazi ukuba nezabo iikhompyutha, abazalwana ababini abaselula uLevani Kopaliani noLeri Mirzashvili, baya kufundela ukuzisebenzisa. ULeri uthi: “Sasingenamava, ibe nezinto zazingasoloko zihamba kakuhle. Kodwa kungekudala, ngoncedo lukaYehova, sakwazi ukuzichwethezela iimagazini size sizidibanisele.”
Nakuba zazikhona iingxaki, amabandla kulo lonke elaseGeorgia ayefumana iimagazini eziprintwe kwelo lizwe. Kodwa ke ekuhambeni kwexesha yaye isanda indingeko yezi magazini kwaza kwanzima ukwenza ezingakumbi. Kusenjalo abakhonzi bakaYehova eGeorgia bafumana ulwalathiso oluvela kwintlangano yakhe ngexesha elifanelekileyo.
Ukutshintsha Kwezinto
Indibano yezizwe ngezizwe eyayiseSt. Petersburg, eRashiya ngo-1992 yavula ithuba lokuba abazalwana baseGeorgia badibane nabameli besebe laseJamani. UGenadi Gudadze uthi: “Basicacisela ngendlela owenziwa ngayo umsebenzi wokuguqulela. Basixelela nokuba ekuhambeni kwexesha sasiza kutyelelwa ngumzalwana owayeza kusinceda kulo msebenzi.”
Kwakungekho lula ukuprinta iincwadi ngesiGeorgia. Ekubeni olu lwimi lwalubhalwa ngendlela eyahlukileyo, inkqubo esetyenziswa yintlangano yokuguqulela, iMultilanguage Electronic Publishing System (MEPS) yayingekabi nabo oonobumba besiGeorgia. Ngenxa yoko kwafuneka kuziwe nendlela entsha yokubhala ngekhompyutha.
Ngasekupheleni kweminyaka yoo-1970, enye intsapho yaseGeorgia yayifudukele eUnited States, apho omnye wabantwana bale ntsapho yakwaDatikashvili, uMarina wafunda khona inyaniso. Wabanceda kakhulu abazalwana kwiBheteli yaseBrooklyn xa baqalisa ukuzoba unobumba ngamnye wesiGeorgia ukuze babaquke kwinkqubo yeMEPS. Kungekudala, kwaprintwa amaphecana kunye nencwadana ethi “Uyabona! Izinto Zonke Ndizenza Ntsha” eJamani.
Uncedo Kumsebenzi Wokuguqulela
Ngo-1993, uMichael Fleckenstein nomfazi wakhe uSilvia, bagaleleka eTbilisi besuka kwisebe laseJamani ukuze bamisele iofisi yokuguqulela. UMichael uthi: “Ndandisacinga ngoko babekuthethile ukuqala kwam ukudibana nabo eSt. Petersburg. Sothuka xa safika eTbilisi kwiinyanga eziyi-18 kamva kukho iqela elisebenza kakuhle lokuguqulela!”
ULeri Mirzashvili, uPaata Morbedadze, noLevani Kopaliani besebenza kwiofisi yokuguqulela eTbilisi ngo-1993
Kwiinyanga ezimbalwa kamva, kwakukho iqela labaguquleli abayi-11 ababesebenzela kwiofisi eyayikwigumbi elincinane. Ngenxa yoqeqesho esalufumana kwintlangano kaYehova, iincwadi zazithunyelwa rhoqo emabandleni.
Ukuthumela Iincwadi Ngexesha Lezidubedube
Emva kokuchitheka kweSoviet Union, kwabakho izidubedube neengxwabangxwaba kumazwe awayekade engaphantsi kwayo kuquka iGeorgia. Ngenxa yoko ukuphuma eGeorgia—ngakumbi ukuwela imida—kwakuyingozi.
UMzalwana uZaza Jikurashvili noMzalwana uAleko Gvritishvili (ababoniswe kunye nabafazi babo) babethutha iincwadi ngeminyaka yezidubedube
Ngenye imini, ngoNovemba 1994, uAleko Gvritishvili wayenqumla umda nabanye abazalwana ababini xa bamiswa ngamadoda axhobileyo baza babayalela ukuba baphume emotweni. UAleko ubalisa athi: “Bacaphuka xa babona iincwadi zeBhayibhile. Basidwelisa ngokungathi baza kusibulala. Sasithandaza sithandazile kuYehova. Emva kweeyure ezimbini, omnye wabo wathi, ‘Thathani iincwadi zenu nihambe—kodwa ubakhe nabuya, sakuyitshisa le moto yenu size nani sinibulale.’”
Nangona babesoyikiswa, abazalwana zange bayeke ukusa iincwadi. UMzalwana uZaza Jikurashvili, owabeka ubomi bakhe esichengeni ngokuzisa iincwadi eGeorgia uthi: “Sasisazi ukuba abazalwana bethu babezidinga ezi ncwadi ukuze zibomeleze. Abafazi bethu basixhasa kakhulu.”
UAleko uthi: “Abazalwana abaninzi ababethutha iincwadi babeneentsapho.” Yintoni eyabakhuthaza ukuba baqhubeke nakuba kwakukho iingozi? Uqhubeka athi: “Eyona nto yayiphambili yayingumbulelo esasinawo kuYehova nokumthanda kwethu. Sasifuna nokubonisa ukuba sibakhathalele abazalwana noodade wethu njengoYehova.”
Ngenxa yokuzincama kwabo bazalwana, iincwadi zange ziyeke ukusiwa ngayo yonke loo minyaka yezidubedube. Kamva, abazalwana bafumana ezinye iindlela ezikhuselekileyo phakathi kweJamani neGeorgia.
Ukukhuthazwa Kokholo Ngexesha Elifanelekileyo
Xa imeko yezopolitiko yazinzayo ngo-1995, amaNgqina alungiselela ukuba nendibano yesithili yawo yokuqala. Ngehlobo lango-1996, abantu abamalunga ne-6 000 abasuka kulo lonke elaseGeorgia, baya kwiindibano zesithili ezazibanjelwe kwiindawo ezintathu: eGori, eMarneuli, naseTsnori.
AmaNgqina kwindibano yesithili kufutshane naseGori ngo-1996
Abo babeseGori bayikhumbula kakuhle loo ndibano. Izinto zazitshintshe kakhulu xa sithelekisa nela xesha abazalwana babengaqinisekanga ukuba banokugcwalisa iholo lasekuhlaleni ngeSikhumbuzo! Ngoku babelindele abantu abangamawaka amabini, kodwa bengayifumani indawo evuleke ngokwaneleyo. Bagqiba kwelokuba bayiqhubele phandle indibano kwindawo evulekileyo eyayingasentabeni kodwa ingekho kude esixekweni.
UMzalwana uKako Lomidze, owayekwiKomiti Yendibano, uthi: “Emva kocwangciso, abazalwana noodade bachitha ixesha kunye, bacula iingoma baze banandipha unxulumano. Kwacaca nakuthathatha ukuba abantu bakaThixo bamanyaniswe luthando.”—Yoh. 13:35.
Amalungiselelo Othando Enza Kubekho Ulwando
Ukususela ngo-1996, kwenziwa amalungiselelo okuba abaveleli abajikelezayo batyelele ibandla ngalinye iveki yonke. Ukuze oku kwenzeke, kwamiselwa abaveleli abajikelezayo abatsha ukuba bancedise abo babesele bekhonza kwintshona nakwimpuma Georgia.
Ngokungathandabuzekiyo, ‘ukubulaleka kwaba baveleli beqhutywa luthando’ nenkonzo yabo yokuthembeka, kwanceda amabandla akhula aza alandela ulwalathiso lwentlangano. (1 Tes. 1:3) Lwaba lukhulu kakhulu ulwando ukususela ngo-1990 ukuya kutsho ngo-1997. Ngoxa babeyi-904 ngo-1990 abavakalisi abayifakayo ingxelo yabo, kwiminyaka nje esixhenxe kamva, abantu ababeshumayela iindaba ezilungileyo babeyi-11 082!
Ulwando olwaqala kumashumi eminyaka ngaphambili lwalubonakala kwaye lusenzeka kulo lonke elo lizwe. Kodwa uYehova wayengakagqibi ukuyisikelela iGeorgia.