IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb17 iphe. 136-137
  • Ndazibonela Ngawam Amehlo Oko Kuthethwa YiBhayibhile!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndazibonela Ngawam Amehlo Oko Kuthethwa YiBhayibhile!
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
  • Amanqaku Afanayo
  • “Yehova, Undifumene!”
    Vukani!—2004
  • Ndandivakalelwa Kukuba Ndiphumelele
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
  • Ndaba Seluxolweni NoThixo Nomama
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Imibuzo Emithathu Eyatshintsha Ubomi Bam
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
yb17 iphe. 136-137

EGEORGIA

Ndazibonela Ngawam Amehlo Oko Kuthethwa YiBhayibhile!

UPepo Devidze

  • WAZALWA Ngo-1976

  • WABHAPTIZWA Ngo-1993

  • IBALI LOBOMI Wazalelwa kwiCawa yobuOthodoki yaseGeorgia kwaye ezenza zonke izinto zalapho. Emva kokufunda inyaniso yeBhayibhile, wasebenza eBheteli nomyeni wakhe. Ngoku bangoovulindlela abakhethekileyo.

UPepo Devidze

NDAQALA ukuva ngamaNgqina xa ndandisekholeji kwisixeko saseKutaisi. Ummelwane wam wandixelela ukuba amaNgqina awayisebenzisi imifanekiso eqingqiweyo xa enqula kwaye awakholelwa ukuba uYesu nguThixo uSomandla. Oku kwakungqubana neenkolelo zam zecawa yobuOthodoki endandizithanda.

Xa ndabuyela kwidolophu yasekhaya, iTsageri, ngehlobo lango-1992, ndafumanisa ukuba amaNgqina ayeshumayela nalapho. Umama wayeve izinto ezininzi ezintle ngawo. Kodwa ekubeni ndandingawathandi ncam, wathi kum, “Hamba uyokuzivela ngokwakho oko akufundisayo.”

Oovulindlela abakhethekileyo ababini, uPavle noPaata, babedla ngokutyelela enye intsapho eyayihlala kwingingqi yethu. Abantu abaninzi ekuhlaleni babelixhakamfula eli thuba, baphulaphule baze babuze imibuzo. Nam ndaqonda ukuba makhe ndiye kwezo ncoko zabo. Sihlandlo ngasinye ndibuza umbuzo, abazalwana babetyhila iBhayibhile baze bandicele ukuba ndifunde. Ndayithanda kakhulu loo nto—ndazibonela ngawam amehlo oko kuthethwa yiBhayibhile!

Kungekudala, nam ndandisiya kwelinye iqela elalifundelwa iBhayibhile ngaba bazalwana. Kwihlobo elilandelayo, ndaba ngomnye wabalishumi ababhaptizwayo. Kamva, nomama waba liNgqina LikaYehova.

Xa ndijonga emva, ndiyababulela aba bazwalwana ngokundityhilela eBhayibhileni iimpendulo zemibuzo yam baze bandiyeke ndizifundele ngokwam. Loo nto yandinceda ndaphenduleka kuyo yonke imibuzo endandinayo ngeenkolelo zam. Ukukhumbula indlela okwandinceda ngayo ukutyhilelwa eBhayibhileni, kundenza nam ndisebenzise indlela efanayo ukuze ndincede abanye bayixabise inyaniso!

UPepo Devidze nomyeni wakhe
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share