IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/11 iphe. 26-28
  • Ndingubani Kanye Kanye?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingubani Kanye Kanye?
  • Vukani!—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • 1 ZIINTONI ENDIKWAZIYO UKUZENZA?
  • 2 ZIINTONI ENDIBUTHATHAKA KUZO?
  • 3 YINTONI ENDINQWENELA UKUYIFEZA?
  • 4 ZIINTONI ENDIZIKHOLELWAYO?
  • Ndingubani?
    Imibuzo Eli-10 Yolutsha Iyaphendulwa
  • Ukuncokola Nommelwane—Yintoni Umoya Oyingcwele?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Uluvo Lwam—Unqulo Lwakho
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Zimele Ngokuqinileyo Izinto Ozikholelwayo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 10/11 iphe. 26-28

Abantu Abaselula Bayabuza

Ndingubani Kanye Kanye?

UMichael ubona uBrad esiza ngakuye yaye uqalisa ukuba novalo kuba uyayazi into eza kwenzeka. UBrad uthi: “ He Mike mtshan’ am, jonga ukuba ndikuphathele ntoni sani!” Emva koko uBrad uvula isandla sakhe yaye uMichael utsho abone ukuba umphathele intsangu. Akafuni kuyitshaya kodwa kwelinye icala akafuni kubonakala ngathi akalandeli. Esitsho ngelizwi eliphantsi, uMichael uthi: “Andinakulunga namhlanje. . . . Kunganjani xa siyitshaya ngeny’ imini?”

UJessica ubona uBrad esiza ngakuye yaye uqalisa ukumgxelesha kuba uyayazi into eza kwenzeka. UBrad uthi: “He Jess, jonga ukuba ndikuphathele ntoni!” UBrad uvula isandla sakhe yaye uJessica uyabona ukuba umphathele intsangu. UJessica ongacengi solalaphi uthi: “Andiyifuni. Mna ndisafun’ ukuphila. Eny’ into Brad, . . . bendicing’ ukuba noko ubhadlile ukuba ungade utshaye!”

KWEZI meko zingasentla, yintoni eyenza uJessica ale ngokucacileyo ukwenza into angayifuniyo? Kungenxa yokuba wahlukile kuMichael. Ngaba uyazi ukuba wahluke ngantoni? UJessica uyazazi ukuba ungubani. Apha asithethi nje ngegama lakhe. Kodwa uyazazi ukuba ungubani yaye ufuna ntoni ebomini. Xa uyazi into oyifunayo ebomini, uyakwazi ukuthi hayi xa uhendelwa ukuba wenze izinto ezingalunganga—ubomi bakho bulawulwa nguwe ibe akuvumeli abanye bakulawule. Unokukwazi njani ukwakha ubuntu obunjalo? Kuza kufuneka uqale uphendule le mibuzo ilandelayo.

1 ZIINTONI ENDIKWAZIYO UKUZENZA?

Isizathu sokuba kubalulekile oku: Ukwazi ubuchule onabo neempawu zakho ezintle kunokukwenza uzithembe.

Cinga ngoku: Wonk’ umntu uneziphiwo anazo. Ngokomzekelo, abanye abantu banobuchule bezobugcisa okanye baziimvumi ngoxa abanye begqwesa kwezemidlalo. URaquel uyakwazi ukulungisa iimoto.a Uthi: “Xa ndandineminyaka eli-15 ubudala, ndafumanisa ukuba ndandifuna ukuba ngumlungisi weemoto.”

Umzekelo weBhayibhile: Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Nokuba andinabuchule ngentetho, ngokuqinisekileyo andinjalo ngolwazi.” (2 Korinte 11:6) Ukuzazi kakuhle iZibhalo kwanceda uPawulos wakwazi ukuxhathisa xa abanye babemchasa. Akazange avumele ukugxekwa ngabo kumenze angazithembi.—2 Korinte 10:10; 11:5.

Zazi. Bhala apha ngezantsi italente okanye ubuchule onabo.

․․․․․

Ngoku bhala uphawu lobuntu bakho oluhle. (Ngokomzekelo, ngaba unobubele, unesandla esivulekileyo, unokuthenjwa okanye uyalibamba ixesha?)

․․․․․

“Ndisoloko ndizama ukubanceda abanye abantu. Xa umntu efuna ukuthetha nam, enoba ndixakeke kangakanani ndiye ndimphulaphule.”—UBrianne.

Ukuba ukufumanisa kunzima ukuchaza uphawu lwakho oluhle, cinga ngenye yezinto oye wabonakalisa ukuba ukhulile kuzo uze uyibhale apha ngezantsi.—Ukuze ufumane imizekelo, funda ibhokisi enomxholo othi “Oko Kuthethwa Lolunye Ulutsha.”

․․․․․

2 ZIINTONI ENDIBUTHATHAKA KUZO?

Isizathu sokuba kufuneka uzazi: Ubuntu bakho buya kutshintsha gqitha ukuba uvumela izinto obuthathaka kuzo zikulawule.

Cinga ngoku: Akakho umntu ofezekileyo. (Roma 3:23) Akukho nzwana ingenasiphako. Intombazana ekuthiwa nguSeija iyabuza: “Kutheni ndivumela izinto ezingenamsebenzi zindicaphukise? Ndicatshukiswa nayeyona nto ingenamsebenzi!”

Umzekelo weBhayibhile: UPawulos wayebazi ubuthathaka bakhe. Wabhala wathi: “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono.”—Roma 7:22, 23.

Zazi. Bubuphi ubuthathaka ofanele uboyise?

․․․․․

“Ndiphawule ukuba emva kokuba ndibukele imovie yezothando ndiye ndikhathazeke ndize ndifune umntu endiza kuthandana naye. Ngoku ndiyabona ukuba kufuneka ndizilumkele iimovie ezinjalo.”—UBridget.

3 YINTONI ENDINQWENELA UKUYIFEZA?

Isizathu sokuba kubalulekile oku: Xa uyazi into oyifunayo ebomini, ubomi bakho buba nenjongo. Kwakhona, akunakufane utshomane nabantu okanye ungene kwiimeko ezinokuphazamisa injongo yakho ebomini.

Cinga ngoku: Ngaba ubunokukhwela ikhombi uze uxelele umqhubi wayo ukuba ahambe nawe de aphelelwe yipetroli? Ibiya kuba bubudenge nokudlala ngemali oko! Ukuyazi into oyifunayo ebomini kukunceda ungemi ndawonye ebomini. Uyazazi ukuba uyaphi yaye uceba nendlela oza kufika ngayo apho.

Umzekelo weBhayibhile: UPawulos wabhala wathi: “Indlela endibaleka ngayo asiyiyo eyokungaqiniseki.” (1 Korinte 9:26) Kunokuba aphile ngamabonandenzile, uPawulos wayenenjongo ecacileyo ebomini yaye wayephila ngokuvisisana nayo.—Filipi 3:12-14.

Zazi. Bhala apha ngezantsi izinto ezintathu ongathanda ukuziphumeza kulo nyaka uzayo.

1 ․․․․․

2 ․․․․․

3 ․․․․․

Kwezi zinto zintathu uzibhale ngasentla, khetha eyona ibalulekileyo kuwe uze ubhale nezinto ofanele uzenze ngoku ukuze ukwazi ukuyiphumeza.

․․․․․

“Xa kungekho nto ndixakeke yiyo ndiye ndizibone sele ndiphila nje ubomi obungenanjongo. Kubhetele ube nenjongo ecacileyo ebomini uze ulwele ukuyifikelela.”—UJosé.

4 ZIINTONI ENDIZIKHOLELWAYO?

Isizathu sokuba kubalulekile oku: Xa zingekho izinto ozikholelwayo, uya kulala neli uvuke neliya. Uya kuba yintaka mpuku esoloko ifuna ukwamkelwa ngabahlobo bayo—nto leyo ebonisa ukuba awuyazi into oyifunayo ebomini.

Cinga ngoku: IBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba ‘akungqine ngokwawo ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ (Roma 12:2) Ukuba izinto ozenzayo zivisisana nezinto ozikholelwayo ebomini, uya kuba nguwe—kungakhathaliseki ukuba abanye benza ntoni.

Umzekelo weBhayibhile: Ngoxa wayeselula, umprofeti uDaniyeli “wazimisela entliziyweni yakhe” ukuba uza kuthobela umthetho kaThixo, nangona wayengahlali nentsapho yakowabo okanye abantu awayenqula nabo. (Daniyeli 1:8) Ngokwenjenjalo, wayimela ngokuqinileyo into awayeyikholelwa. UDaniyeli waphila ubomi bakhe ngokuvisisana neenkolelo zakhe.

Zazi. Ziintoni ozikholelwayo? Ngokomzekelo:

● Ngaba uyakholelwa kuThixo? Ukuba kunjalo, kutheni ukholelwa kuye? Bubuphi ubungqina obukwenza uqiniseke ukuba ukho?

● Ngaba uyakholelwa ukuba imithetho kaThixo engendlela yokuziphatha yenzelwe ukunceda wena? Ukuba kunjalo, kutheni? Ngokomzekelo, yintoni ekwenza uqiniseke ukuba kubhetele uthobele umthetho kaThixo othi awufanele ulale nomntu ongatshatanga naye, kunokuba uphile ubomi bukavula-zibhuqe njengeetshomi zakho?

Ungakhawulezi uyiphendule le mibuzo. Thath’ ixesha lakho uze ucingisise ngesizathu seenkolelo zakho. Ukuba wenjenjalo uya kukwazi ukuzithethelela.—IMizekeliso 14:15; 1 Petros 3:15.

“Esikolweni, abanye abantwana bayakunxwala xa bebona ukuba akuzithembanga yaye ndandingafuni ukubonakala ngathi andiqinisekanga ncam ngeenkolelo zam. Ngenxa yoko, ndafunda ukuzazi ngokucacileyo ndize ndizimele izizathu zeenkolelo zam. Kunokuba ndithi ebantwini, ‘Andinakukwazi ukuyenza loo nto kuba ayivumelekanga ecaweni yam,’ ndandisithi, ‘Andizi kuyenza loo nto kuba ndicinga ukuba ayilunganga.’ Ezi yayiziinkolelo zam.”—UDanielle.

Yintoni wena obungathanda ukufana nayo—igqabi eliphetshethwa lula ngumoya okanye umthi okwaziyo ukumelana nezitshingitshane ezinamandla? Qiniseka ngento oyifunayo ebomini yaye uya kufana nalo mthi. Oko kuya kukunceda ukwazi ukuphendula umbuzo othi, Ndingubani kanye kanye?

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWebhsayithi ethi www.watchtower.org/ype

[Umbhalo osemazantsi]

a Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 27]

OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA

“Ekukhuleni kwam, ndiye ndafunda ukucingisisa ngaphambi kokuba ndenze izigqibo enoba zikhulu okanye zincinane, nokungazenzi izinto ezingamkholisiyo uThixo.”

“Xa ndandisemncinane, ndandicinga ukuba wonk’ umntu ongafaniyo nam akaphilanga kakuhle. Ngoku ndiyayithanda into yokuba abantu bengafani yaye ndinomdla kwiimbono zabanye.”

[Imifanekiso]

UJeremiah

UJennifer

[Ibhokisi ekwiphepha 28]

BUZA ABAZALI BAKHO

Bubuphi ubuchule enicinga ukuba ndinabo? Ziziphi iimpawu enicinga ukuba ndifanele ndiziphucule? Yintoni eyanenza nayikholelwa imithetho kaThixo yokuziphatha?

[Umzobo okwiphepha 26]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

IZINTO OKWAZIYO UKUZENZA

IZINTO OBUTHATHAKA KUZO

IZINTO ONQWENELA UKUZENZA

IINKOLELO ZAKHO

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Xa uyazi into oyifunayo ebomini, ufana nomthi oneengcambu ezitshone ngaphantsi komhlaba, okwaziyo ukumelana nezitshingitshane

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share