Duteronomi
3 “Emva koko sajika sahamba ngeNdlela Eya EBhashan. UOgi ukumkani waseBhashan waphuma nabantu bakhe bonke, wazokusihlasela e-Edreyi.+ 2 Wathi uYehova kum, ‘Sukumoyika, kuba ndiza kumnikela kuwe nabo bonke abantu bakhe nomhlaba wakhe. Nakuye uza kwenza laa nto uyenze kuSihon ukumkani wama-Amori, obehlala eHeshbhon.’ 3 Ngoko uYehova uThixo wethu wamnikela esandleni sethu uKumkani uOgi waseBhashan nabo bonke abantu bakhe yaye samxabela, de akwabikho mntu usindayo. 4 Emva koko sazithimba zonke izixeko zakhe. Sathatha zonke iidolophu zabo, sathatha izixeko eziyi-60, wonke ummandla waseArgobhi, ubukumkani bukaOgi eBhashan.+ 5 Zonke ezi zixeko zazikhuselwe ngeendonga eziphakamileyo, zineegeyithi neepali zokuvala, sathatha needolophu ezininzi ezisemaphandleni. 6 Kodwa ke sazitshabalalisa,+ kanye njengokuba senzayo kuKumkani uSihon waseHeshbhon, satshabalalisa zonke izixeko, amadoda, abafazi nabantwana.+ 7 Sathatha yonke imfuyo nezinto ezazikwezo zixeko.
8 “Ngelo xesha salithatha ilizwe kookumkani ababini bama-Amori+ ababekummandla weYordan, sasusela kwiNtlambo YeArnon saya kutsho kwiNtaba IHermon+ 9 (amaSidon ayeyibiza intaba iHermon ngokuba yiSiriyon, yaye wona ama-Amori ayeyibiza ngokuba yiSenire), 10 sathatha zonke izixeko ezikumhlaba othe tyaba, yonke iGiliyadi nayo yonke iBhashan ukuya eSaleka nase-Edreyi,+ izixeko zobukumkani bukaOgi eBhashan. 11 UKumkani uOgi waseBhashan wayengumRefa wokugqibela owayesaphila. Ibhokisi yakhe yomngcwabo yayenziwe ngentsimbi, yaye iseseRabha yama-Amoni. Yayiziikubhite* ezisithoba ubude, neekubhite ezine ububanzi ngokwekubhite eqhelekileyo. 12 Salohlutha ngelo xesha ilizwe: ukusuka eArohere+ engakwiNtlambo YeArnon, nehafu yommandla weentaba waseGiliyadi, ndaza izixeko zelo lizwe ndazinika amaRubhen namaGadi.+ 13 Enye ihafu yeGiliyadi nayo yonke iBhashan yobukumkani bukaOgi ndiyinike ihafu yesizwe sakwaManase.+ Wonke ummandla waseArgobhi eseBhashan wawusaziwa ngokuba lilizwe lamaRefa.
14 “UYayire+ unyana kaManase wathatha wonke ummandla waseArgobhi+ ukuya kutsho kumda wamaGeshure nowamaMahakati,+ waza ezo lali zaseBhashan wazithiya ngegama lakhe wathi yiHavoti-yayire,*+ kude kube namhlanje. 15 Yena uMakire ndamnika iGiliyadi.+ 16 Wona amaRubhen namaGadi+ ndawanika iGiliyadi ukuya kutsho kumda ophakathi kweNtlambo YeArnon, ukuba ube ngumda nokuya kutsho kwintlambo yaseYabhoki, engumda wama-Amoni, 17 neArabha neYordan nomda osusela eKinereti ukuya kutsho kuLwandle LwaseArabha, uLwandle LweTyiwa,* phantsi kwamathambeka ePisga, empumalanga.+
18 “Emva koko ndaniyalela ndathi: ‘UYehova uThixo wenu uninike eli lizwe ukuba libe lelenu. Onke amadoda angamakroti aza kuthatha izixhobo aze awele phambi kwabantakwabo, amaSirayeli.+ 19 Ngabafazi benu nabantwana benu abaza kushiyeka kwizixeko endininike zona kunye nemfuyo yenu (kuba ndazi kakuhle ukuba ninemfuyo eninzi), 20 ade uYehova abanike ukuphumla abantakwenu njengokuba esenza kuni, bade bahlale kulo ilizwe uYehova uThixo wenu abanika lona ngaphaya kweYordan. Emva koko nonke niza kubuyela kwimihlaba yenu endininike yona.’+
21 “Emva koko ndayalela uYoshuwa+ ndathi: ‘Uzibonele ngamehlo akho into uYehova uThixo wakho ayenze kwaba kumkani babini. UYehova uza kwenza into efanayo kuzo zonke izizwe oza kuya kuzo.+ 22 Nimele ningazoyiki, kuba nguYehova uThixo wenu onilwelayo.’+
23 “Ngelo xesha ndamcenga uYehova ndathi, 24 ‘Yehova Nkosi enguMongami, uqalile ukusibonisa isicaka sakho ubukhulu bakho nengalo yakho enamandla,+ kuba nguwuphi uthixo emazulwini okanye osemhlabeni owenza imisebenzi emikhulu kangaka njengawe?+ 25 Ndiyakucela, ndivumele ndiwele ndilibone ilizwe elihle elingaphesheya kweYordan, loo mmandla mhle weentaba neLebhanon.’+ 26 Kodwa uYehova wayesenomsindo kum ngenxa yenu+ waza akandimamela. UYehova wasuka wathi kum, ‘Kwanele! Ungaphinde uthethe nam ngale nto. 27 Nyuka uye phezu kwentaba yePisga,+ uze ulibone ilizwe entshona, emntla, emzantsi nasempuma, kuba awuzukuyiwela iYordan.+ 28 Misela uYoshuwa,+ umkhuthaze uze umomeleze, kuba nguye oza kuwela+ phambi kwaba bantu, yaye nguye oza kubangela aba bantu balithathe ilizwe oza kulibona.’ 29 Yonke le nto yenzeka ngoxa sasihlala entlanjeni phambi kweBhete-peyore.+