Levitikus 10:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 “Kutheni na ningawudlanga umnikelo wesono endaweni engcwele,+ ekubeni uyeyona nto ingcwele yaye eninike wona ukuze nibe nokuphendula ngesiphoso sendibano nize niyicamagushele phambi koYehova?+ Levitikus 22:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 “‘Mabayigcine imbopheleleko yabo kum, bangazithwalisi isono ngayo baze bafe ngayo,+ ngokuba beyihlambele yona. NdinguYehova obangcwalisayo. Numeri 18:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Wathi uYehova kuAron: “Wena ndawonye noonyana bakho nendlu kayihlo niya kuphendula ngesiphoso esiphathelele ingcwele,+ yaye wena ndawonye noonyana bakho niya kuphendula ngesiphoso esiphathelele ububingeleli benu.+ Isaya 53:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Ngenxa yenkathazo yomphefumlo wakhe uya kubona,+ uya kwaneliswa.+ Ngolwazi lwakhe lowo ulilungisa, umkhonzi wam,+ uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi;+ neziphoso zabo uya kuzithwala.+ 2 Korinte 5:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Lowo wayengasazi isono+ wamenza waba sisono+ ngenxa yethu, ukuze sibe bubulungisa+ bukaThixo ngaye. Hebhere 9:28 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 28 ngoko ngokunjalo noKristu wanikelwa kwaba kanye+ ukuze athwale izono zabaninzi;+ yaye ukubonakala kwakhe+ okwesibini+ uya kube engenanto yakwenza nesono,+ koko eze kusindisa abo bamfuna ngenyameko.+ 1 Petros 2:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 Yena ngokwakhe wazithwala izono zethu+ ngomzimba wakhe esibondeni,+ ukuze singabi saba nanto yakwenza nezono+ size siphile ebulungiseni. Yaye “niye naphiliswa ngemivilambo yakhe.”+
17 “Kutheni na ningawudlanga umnikelo wesono endaweni engcwele,+ ekubeni uyeyona nto ingcwele yaye eninike wona ukuze nibe nokuphendula ngesiphoso sendibano nize niyicamagushele phambi koYehova?+
9 “‘Mabayigcine imbopheleleko yabo kum, bangazithwalisi isono ngayo baze bafe ngayo,+ ngokuba beyihlambele yona. NdinguYehova obangcwalisayo.
18 Wathi uYehova kuAron: “Wena ndawonye noonyana bakho nendlu kayihlo niya kuphendula ngesiphoso esiphathelele ingcwele,+ yaye wena ndawonye noonyana bakho niya kuphendula ngesiphoso esiphathelele ububingeleli benu.+
11 Ngenxa yenkathazo yomphefumlo wakhe uya kubona,+ uya kwaneliswa.+ Ngolwazi lwakhe lowo ulilungisa, umkhonzi wam,+ uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi;+ neziphoso zabo uya kuzithwala.+
21 Lowo wayengasazi isono+ wamenza waba sisono+ ngenxa yethu, ukuze sibe bubulungisa+ bukaThixo ngaye.
28 ngoko ngokunjalo noKristu wanikelwa kwaba kanye+ ukuze athwale izono zabaninzi;+ yaye ukubonakala kwakhe+ okwesibini+ uya kube engenanto yakwenza nesono,+ koko eze kusindisa abo bamfuna ngenyameko.+
24 Yena ngokwakhe wazithwala izono zethu+ ngomzimba wakhe esibondeni,+ ukuze singabi saba nanto yakwenza nezono+ size siphile ebulungiseni. Yaye “niye naphiliswa ngemivilambo yakhe.”+