-
Duteronomi 31:16INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
16 Wathi uYehova kuMoses: “Yabona! Uya kulala kookhokho bakho;+ yaye ngokuqinisekileyo siya kusuka+ esi sizwana sibe neentlobano zokuziphatha okubi noothixo basemzini belizwe esiya kulo,+ esiya kuba phakathi kwabo, yaye ngokuqinisekileyo siya kundishiya+ size siwaphule umnqophiso wam endiwenze naso.+
-
-
Hezekile 6:9INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
9 Yaye abasindileyo benu ngokuqinisekileyo baya kundikhumbula bephakathi kweentlanga abaya kube bethinjelwe kuzo,+ ngenxa yokuba ndaphukile entliziyweni yabo ehenyuzayo ephambukileyo kum+ nasemehlweni abo ahenyuzayo elandela izithixo zabo ezinezothe;+ kwaye ngokuqinisekileyo baya kuziva bezothekile ebusweni babo ngenxa yezinto ezimbi abazenzileyo kuzo zonke izinto zabo ezicekisekayo.+
-