IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 34:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 kuba hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, njengoko ngokuqinisekileyo beya kuba neentlobano zokuziphatha okubi kunye noothixo babo,+ babingelele kwabo thixo babo,+ aze othile kubo akumeme ngokuqinisekileyo, uze uwudle ngokuqinisekileyo omnye wombingelelo wakhe.+

  • ABagwebi 2:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Kwaye kwanabagwebi babo abazange babaphulaphule, kodwa baba neentlobano zokuziphatha okubi+ nabanye oothixo+ baza baqubuda kubo. Baphambuka ngokukhawuleza kwindlela ookhokho babo ababehamba kuyo ngokuthobela imiyalelo kaYehova.+ Abazange benjenjalo.

  • INdumiso 106:37
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 37 Babebingelela ngoonyana babo+

      Nangeentombi zabo kwiidemon.+

  • INdumiso 106:39
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 39 Baba ngabangahlambulukanga ngemisebenzi yabo+

      Baba neentlobano zokuziphatha okubi ngezenzo zabo.+

  • Yeremiya 3:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Kukho intetho ethi: “Ukuba indoda ingamndulula umfazi wayo aze yena okunene emke kuyo abe ngowenye indoda, ifanele ibuyele kuye na kwakhona?”+

      Alingcoliswanga na ngokuqinisekileyo elo lizwe?+

      “Wena ke uye waba ngunongogo unamaqabane amaninzi;+ unokubuyela na ke kum?”+ utsho uYehova.

  • Hezekile 16:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 “‘Kodwa wakholosa ngobuhle bakho+ waza waba ngunongogo ngenxa yegama lakho+ nezenzo zakho zobunongogo waziphalazela kuye wonke odlulayo;+ kwaba kokwakhe.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share