IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 12:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 yaye ndiya kukwenza ube luhlanga olukhulu ndize ndikusikelele, ndilenze libe likhulu igama lakho; ube yintsikelelo.+

  • Genesis 15:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Ngoku ke wamsa phandle waza wathi: “Khawuncede ukhangele phezulu, emazulwini uze ubale iinkwenkwezi, ukuba uyakwazi ukuzibala.”+ Waza ke wathi kuye: “Iya kuba ngangazo imbewu yakho.”+

  • Genesis 46:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Waza wahlabela mgama wathi: “NdinguTHIXO oyinyaniso,+ uTHIXO kayihlo.+ Musa ukoyika ukuhla uye eYiputa, kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.+

  • Eksodus 1:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Bathi ke baqhama oonyana bakaSirayeli, baqalisa ukunyakazela; yaye banda baza baba namandla ngomlinganiselo omkhulu ngokungaqhelekanga, kangangokuba lazala ilizwe ngabo.+

  • Eksodus 38:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 Isiqingatha seshekele eyakhutshwa ngumntu ngamnye yayisisiqingatha seshekele ngokweshekele yendawo engcwele, eyakhutshwa ngumntu ngamnye owayedlulela kwabo babhalisiweyo ukususela konamashumi amabini eminyaka ubudala kuse phezulu,+ kubo abangamakhulu amathandathu anantathu amawaka anamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu.+

  • Numeri 2:32
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 32 Ngabo ke abo ababhaliswayo koonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise; bonke ababhaliswayo enkampini ngokwemikhosi yabo baba ngamakhulu amathandathu anesithathu amawaka anamakhulu mahlanu anamashumi mahlanu.+

  • Numeri 11:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Wandula ke uMoses wathi: “Abantu endiphakathi kwabo bangamadoda angamakhulu amathandathu amawaka+ ahamba ngeenyawo, yaye sekunjalo—wena uthi, ‘Ndiya kubanika inyama, badle inyanga iphela’!

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share