8 Kwaye wayifumana ithembekile intliziyo yakhe phambi kwakho;+ ngoko wenza isivumelwano somnqophiso+ naye ukuba womnika ilizwe lamaKanan, namaHiti, nama-Amori namaPerizi namaYebhusi namaGirgashi, ukuba ulinike imbewu yakhe;+ yaye wawaphumeza amazwi akho, ngenxa yokuba ulilungisa.+