14 “Ekupheleni kweminyaka esixhenxe nifanele nikhulule ngamnye umzalwana wakhe,+ indoda engumHebhere,+ owazithengisa kuwe+ nothe wakukhonza iminyaka emithandathu; kwaye umele umkhulule emke kuwe.” Kodwa ookhokho benu abazange bandiphulaphule, bengazange bathobe nendlebe yabo.+