Levitikus 19:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 “‘Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungavuni ngokupheleleyo ekupheleni kwentsimi yakho, yaye ungayibhikici intsimi yakho.+ Duteronomi 24:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 “Xa uthe wasivuna isivuno sakho entsimini yakho,+ walibala isithungu entsimini, uze ungabuyi uye kusithabatha. Soba sesomphambukeli nenkwenkwe engenayise nomhlolokazi;+ ukuze uYehova uThixo wakho akusikelele kuko konke esikwenzayo isandla sakho.+ Rute 2:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Ngoko wahamba waza wangena, wabhikica emasimini emva kwabavuni.+ Ngaloo ndlela wazibhaqa ekwisiqwenga sentsimi kaBhohazi,+ owayengowentsapho kaElimeleki.+
9 “‘Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungavuni ngokupheleleyo ekupheleni kwentsimi yakho, yaye ungayibhikici intsimi yakho.+
19 “Xa uthe wasivuna isivuno sakho entsimini yakho,+ walibala isithungu entsimini, uze ungabuyi uye kusithabatha. Soba sesomphambukeli nenkwenkwe engenayise nomhlolokazi;+ ukuze uYehova uThixo wakho akusikelele kuko konke esikwenzayo isandla sakho.+
3 Ngoko wahamba waza wangena, wabhikica emasimini emva kwabavuni.+ Ngaloo ndlela wazibhaqa ekwisiqwenga sentsimi kaBhohazi,+ owayengowentsapho kaElimeleki.+