IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 28:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 UYehova wokuvulela uvimba wakhe olungileyo, amazulu, ukuba alinike imvula ilizwe lakho ngexesha layo,+ awusikelele wonke umsebenzi wesandla sakho;+ yaye uya kuboleka iintlanga ezininzi, kodwa ungaboleki kuzo wena.+

  • Isaya 30:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Yaye ngokuqinisekileyo uya kuyinika imvula imbewu yakho oyihlwayeleyo emhlabeni,+ nesonka njengemveliso yomhlaba, otyebileyo noneoli.+ Imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini kwidlelo eliphangaleleyo.+

  • Hezekile 34:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 Ndiza kuzenza zibe yintsikelelo zona noko kungqonge induli yam,+ yaye ndiza kuhlisa imvula ngexesha layo. Iya kuba yimvula yentsikelelo.+

  • Yoweli 2:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Yaye, nina bonyana baseZiyon, vuyani nibe nemihlali ngoYehova uThixo wenu;+ kuba uya kuninika imvula yasekwindla ngomlinganiselo ofanelekileyo,+ kwaye uya kunihlisela izantyalantyala zemvula, imvula yasekwindla nemvula yasentwasahlobo, njengasekuqaleni.+

  • Amosi 4:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 “‘Mna ke, ndayithintela imvula kuni kuseziinyanga ezintathu ukuba kuvunwe;+ yaye ndayinisa kwesinye isixeko, kodwa kwesinye isixeko andayinisa. Esinye isiqwenga somhlaba sanelwa yimvula, kodwa kwesinye isiqwenga somhlaba endingayinisanga kuso kwakomile.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share