IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 49:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Intonga yobukhosi ayisayi kusuka kuYuda,+ nomsimelelo womyaleli phakathi kweenyawo zakhe, ade afike uShilo;+ zize zithobele yena izizwana.+

  • Numeri 24:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ndiya kumbona,+ kodwa kungekhona ngoku;

      Ndiya kumkhangela, kodwa engekufuphi.

      Ngokuqinisekileyo kuya kuphuma inkwenkwezi+ kwaYakobi,

      Kusuke intonga yobukhosi ivela kwaSirayeli.+

      Yaye ngokuqinisekileyo uya kuziqhekeza iintlafuno zentloko kaMowabhi+

      Nokakayi lwabo bonke oonyana besiphithiphithi semfazwe.

  • Luka 7:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Bonke ke bangenwa luloyiko,+ yaye baqalisa ukumzukisa uThixo, besithi: “Kuveliswe umprofeti omkhulu+ phakathi kwethu,” nokuthi, “UThixo uphethulele ingqalelo yakhe kubantu bakhe.”+

  • Luka 24:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Waza wathi kubo: “Ziphi na izinto?” Bathi kuye: “Izinto eziphathelele uYesu umNazarete,+ owaba ngumprofeti+ onamandla ngomsebenzi nelizwi phambi koThixo nabo bonke abantu;

  • Yohane 1:45
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 45 UFilipu wafumana uNathaniyeli+ waza wathi kuye: “Simfumene lowo uMoses, eMthethweni,+ nabaProfeti+ babhala ngaye, uYesu, unyana kaYosefu,+ waseNazarete.”

  • Yohane 6:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ngoko ke abantu bakubona imiqondiso ayenzileyo, bathi: “Lo ngokuqinisekileyo ngumprofeti+ owayeza kuza ehlabathini.”

  • IZenzo 3:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Enyanisweni, uMoses wathi, ‘UYehova uThixo uya kunivelisela phakathi kwabazalwana benu umprofeti onjengam.+ Nimele nimphulaphule ngokuvumelana nezinto zonke azithethayo kuni.+

  • IZenzo 7:37
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 37 “Lo ngulo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, ‘UThixo uya kunivelisela phakathi kwabazalwana benu umprofeti onjengam.’+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share