18 Ke kaloku uAbhisalom yena, ngoxa wayesaphila, wayethabathe intsika+ waza wazimisela yona, eseNtilini yoKumkani,+ kuba wathi: “Andinanyana ukuze akhumbule igama lam.”+ Ngoko loo ntsika wayibiza ngegama lakhe,+ yaye iqhubeka ibizwa ngokuba liliTye Lesikhumbuzo lika-Abhisalom kude kuse kule mini.