19 Umgatye ngokupheleleyo na uYuda,+ okanye umphefumlo wakho uyayenyanya na iZiyon?+ Kutheni na ukuze usibethe, kangangokuba singabi nakuphiliswa?+ Besinethemba loxolo, kodwa akufikanga okulungileyo; nexesha lokuphiliswa, kodwa, khangela! kukho unkwantyo!+