13 Ndiya kukusebenzisa njengengqina lantoni na? Ndiya kukufanisa nantoni na, ntombi yaseYerusalem?+
Ndiya kukulinganisa nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombi enyulu yaseZiyon?+
Kuba ukuwa kwakho+ kukhulu kanye njengolwandle. Ngubani na onokukuphilisa?+