7 Yaye oonyana bakaSirayeli benza isenzo sokungathembeki ngokuphathelele into enikelwe kwintshabalalo ngokuthi uAkan+ unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, athabathe ezinye zezinto ezinikelwe kwintshabalalo.+ Wavutha umsindo kaYehova koonyana bakaSirayeli.+