Levitikus 26:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Niya kuzisukela ngokuqinisekileyo iintshaba zenu,+ ziwe ngenene likrele phambi kwenu. Duteronomi 4:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 “Kuphela nje zilumkele yaye uwunyamekele kakuhle umphefumlo wakho,+ ukuze ungazilibali izinto azibonileyo amehlo akho+ nokuze zingemki entliziyweni yakho yonke imihla yobomi bakho;+ yaye uze uzazise oonyana bakho nabazukulwana bakho,+ Yoshuwa 10:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Yaye kwenzeka ukuba ngoxa babesaba phambi koSirayeli kwaye besethambekeni laseBhete-horon, uYehova waphosa amatye amakhulu+ avela ezulwini phezu kwabo ukuya kufikelela eAzeka, bade bafa. Baninzi ngakumbi abafa ngenxa yamatye esichotho kunabo babulawa ngekrele ngoonyana bakaSirayeli. Yoshuwa 10:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Ngako oko ilanga lanqumama, nenyanga yema ngxi, de uhlanga lwaziphindezela kwiintshaba zalo.+ Akubhalwanga na encwadini kaYashare?+ Yaye ilanga laqhubeka limi ngxi phakathi ezulwini kwaye alizange lingxame ukutshona yangathi yimini iphela.+ Yoshuwa 10:40 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 40 UYoshuwa waxabela lonke ilizwe elikummandla weentaba+ neNegebhi+ neShefela+ namathambeka+ nabo bonke ookumkani bawo. Akazange ashiye usindileyo, yaye yonke into ephefumlayo+ wayitshabalalisa,+ kanye njengoko uYehova uThixo kaSirayeli wayeyalele.+ Yoshuwa 11:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 ukususela kwiNtaba iHalaki,+ eyenyuka iye eSehire,+ nokuya kufikelela eBhahali-gadi+ kwithafa elisentlanjeni yaseLebhanon phantsi kweNtaba iHermon,+ waza wabathimba bonke ookumkani bazo yaye wabaxabela wababulala.+
9 “Kuphela nje zilumkele yaye uwunyamekele kakuhle umphefumlo wakho,+ ukuze ungazilibali izinto azibonileyo amehlo akho+ nokuze zingemki entliziyweni yakho yonke imihla yobomi bakho;+ yaye uze uzazise oonyana bakho nabazukulwana bakho,+
11 Yaye kwenzeka ukuba ngoxa babesaba phambi koSirayeli kwaye besethambekeni laseBhete-horon, uYehova waphosa amatye amakhulu+ avela ezulwini phezu kwabo ukuya kufikelela eAzeka, bade bafa. Baninzi ngakumbi abafa ngenxa yamatye esichotho kunabo babulawa ngekrele ngoonyana bakaSirayeli.
13 Ngako oko ilanga lanqumama, nenyanga yema ngxi, de uhlanga lwaziphindezela kwiintshaba zalo.+ Akubhalwanga na encwadini kaYashare?+ Yaye ilanga laqhubeka limi ngxi phakathi ezulwini kwaye alizange lingxame ukutshona yangathi yimini iphela.+
40 UYoshuwa waxabela lonke ilizwe elikummandla weentaba+ neNegebhi+ neShefela+ namathambeka+ nabo bonke ookumkani bawo. Akazange ashiye usindileyo, yaye yonke into ephefumlayo+ wayitshabalalisa,+ kanye njengoko uYehova uThixo kaSirayeli wayeyalele.+
17 ukususela kwiNtaba iHalaki,+ eyenyuka iye eSehire,+ nokuya kufikelela eBhahali-gadi+ kwithafa elisentlanjeni yaseLebhanon phantsi kweNtaba iHermon,+ waza wabathimba bonke ookumkani bazo yaye wabaxabela wababulala.+