IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 20:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye imbonakalo yayo nantoni na esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba.+

  • Levitikus 26:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 “‘Nize ningazenzeli oothixo abangenaxabiso,+ yaye ningazimiseli umfanekiso oqingqiweyo+ okanye intsika engcwele, yaye ningabeki litye njengomboniso+ ezweni lenu ukuze niqubude kulo;+ ngokuba ndinguYehova uThixo wenu.

  • Duteronomi 17:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 laya lanqula thixo bambi laqubuda kubo okanye laqubuda elangeni okanye enyangeni okanye kumkhosi wonke wamazulu,+ nto leyo endingayiyalelanga,+

  • Duteronomi 27:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 “‘Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo+ okanye otyhidiweyo,+ nto leyo ecekisekayo kuYehova,+ eyimveliso yezandla zosebenza ngomthi nangesinyithi,+ ayibeke endaweni esitheleyo.’ (Baphendule bonke abantu bathi, ‘Amen!’)+

  • ABagwebi 17:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Ngoko wayibuyisela isilivere kunina, kwaye unina wathabatha amaqhosha esilivere angamakhulu amabini waza wawanika umkhandi wesilivere.+ Yaye wenza umfanekiso oqingqiweyo+ nomfanekiso otyhidiweyo;+ kwaye waba sendlwini kaMika.

  • ABagwebi 18:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Yaye la aya endlwini kaMika aza awuthabatha umfanekiso oqingqiweyo, iefodi nomlonde-khaya nomfanekiso otyhidiweyo.+ Koko umbingeleli+ wathi kuwo: “Nenza ntoni na?”

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share