27 Ngoko uDavide wesuka waza yena namadoda akhe bahamba, babulala+ phakathi kwamaFilisti amakhulu amabini amadoda, yaye uDavide wawazisa amajwabi awo+ waza wawanika ukumkani elinani elipheleleyo, ukuze endiselane nokumkani. Naye ke uSawule wamnika uMikali intombi yakhe njengomfazi.+