Eksodus 22:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 “Umkhafulikazi uze ungamyeki aphile.+ Levitikus 19:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 “‘Musani ukuphethukela kwabaneshologu,+ yaye ningabuzisi kwabo banobunkunkqele bokuxela iziganeko kwangaphambili,+ ukuze nizenze abangahlambulukanga ngabo. NdinguYehova uThixo wenu. Levitikus 20:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 “‘Wona umphefumlo othe waphethukela kwabaneshologu+ nakubaxeli-ziganeko kwangaphambili+ ukuze ube neentlobano zokuziphatha okubi kunye nabo, ndowuchasa ngokuqinisekileyo loo mphefumlo ndize ndiwunqumle phakathi kwabantu bakowawo.+ 1 Samuweli 15:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 kuba imvukelo+ iyafana nesono sokuvumisa,+ nokunyanzelisa ngekratshi nqwa nokusebenzisa amandla angaqhelekanga nemilonde-khaya.+ Ekubeni uligatyile ilizwi likaYehova,+ ngako oko naye uyakugatya ekubeni ngukumkani.”+ 1 Samuweli 28:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Ke kaloku uSamuweli yena wayefile, yaye wonke uSirayeli wayemenzele isijwili waza wamngcwaba eRama kwisixeko sakowabo.+ Ke yena uSawule, wayebashenxisile kulo ilizwe abaneshologu nabaxeli-ziganeko kwangaphambili abaziinkunkqele.+ Isaya 8:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 Ukuba ke kunokwenzeka bathi kuni: “Celani kwabaneshologu+ okanye kwabo banomoya wokuxela kwangaphambili abatswitswizayo+ nabathetha amazwi ngesandi esiphantsi,” abafanelanga na abantu bacele kuThixo wabo?+ [Kufanele kucelwe] kubantu abafileyo na ngenxa yabantu abaphilayo?+ Hebhere 3:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Lumkani, bazalwana, kungaveli nakuwuphi na kuni onentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo;+
31 “‘Musani ukuphethukela kwabaneshologu,+ yaye ningabuzisi kwabo banobunkunkqele bokuxela iziganeko kwangaphambili,+ ukuze nizenze abangahlambulukanga ngabo. NdinguYehova uThixo wenu.
6 “‘Wona umphefumlo othe waphethukela kwabaneshologu+ nakubaxeli-ziganeko kwangaphambili+ ukuze ube neentlobano zokuziphatha okubi kunye nabo, ndowuchasa ngokuqinisekileyo loo mphefumlo ndize ndiwunqumle phakathi kwabantu bakowawo.+
23 kuba imvukelo+ iyafana nesono sokuvumisa,+ nokunyanzelisa ngekratshi nqwa nokusebenzisa amandla angaqhelekanga nemilonde-khaya.+ Ekubeni uligatyile ilizwi likaYehova,+ ngako oko naye uyakugatya ekubeni ngukumkani.”+
3 Ke kaloku uSamuweli yena wayefile, yaye wonke uSirayeli wayemenzele isijwili waza wamngcwaba eRama kwisixeko sakowabo.+ Ke yena uSawule, wayebashenxisile kulo ilizwe abaneshologu nabaxeli-ziganeko kwangaphambili abaziinkunkqele.+
19 Ukuba ke kunokwenzeka bathi kuni: “Celani kwabaneshologu+ okanye kwabo banomoya wokuxela kwangaphambili abatswitswizayo+ nabathetha amazwi ngesandi esiphantsi,” abafanelanga na abantu bacele kuThixo wabo?+ [Kufanele kucelwe] kubantu abafileyo na ngenxa yabantu abaphilayo?+
12 Lumkani, bazalwana, kungaveli nakuwuphi na kuni onentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo;+