29 Kuba ndazi kakuhle ukuba emva kokufa kwam niya kuzonakalisa ngenene,+ niphambuke ngokuqinisekileyo endleleni endiniyalele ngayo; nize ke eneneni nehlelwe yintlekele+ ekupheleni kwemihla, ngokuba niya kwenza ububi emehlweni kaYehova ukuba nimcaphukise ngemisebenzi yezandla zenu.”+