20 Ngako oko uDavide wavuka ekuseni waza wazishiya izimvu kumgcini, wathabatha, waza wahamba kanye njengoko uYese wayemyalele.+ Akufika kuthango lwenkampu,+ imikhosi yamajoni yayiphuma isiya kuluhlu lwedabi,+ yaza yahlaba umkhosi ukuba kuyiwe edabini.