17 Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela,+ nalo naluphi na ulwimi oluya kuphakama nxamnye nawe ekugwetyweni uya kulugwebela isohlwayo.+ Lilo elo ilifa labakhonzi bakaYehova,+ yaye ubulungisa babo buphuma kum,” utsho uYehova.+