12 Ngako oko uDavide wathabatha umkhonto nomphanda wamanzi kwindawo engasentlokweni kaSawule, bandula ke bona bangena endleleni; yaye kwakungekho bani ubonayo+ okanye nabani na ophawulayo okanye nabani na ovukayo, kuba bonke babelele, ngenxa yokuba babewelwe bubuthongo obunzulu+ obuvela kuYehova.