Genesis 15:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Ngolo suku uYehova wenza umnqophiso noAbram,+ esithi: “Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe,+ ukususela kumlambo waseYiputa kuse kumlambo omkhulu, umlambo umEfrate:+ Eksodus 23:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 “Ndowumisa umda wakho uthabathele kuLwandle Olubomvu use kulwandle lwamaFilisti, uthabathele entlango use kuwo uMlambo;+ kuba ndobanikela esandleni sakho abemi belo lizwe, ubagxothe ngokuqinisekileyo phambi kwakho.+ Duteronomi 11:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 Indawo yonke enyathelwa yintende yonyawo lwenu yoba yeyenu.+ Kususela entlango kuse eLebhanon, kususele nakuwo uMlambo, uMlambo umEfrate, kuse kulwandle lwasentshona, yoba ngumda wenu lowo.+ 1 Kumkani 4:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Ke yena uSolomon, waba ngumlawuli wabo bonke ubukumkani ukususela eMlanjeni+ ukusa kwilizwe lamaFilisti nakumda waseYiputa. Babesizisa izipho kwaye bekhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.+ INdumiso 72:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Uya kuba nabalawulwa abasukela elwandle baye kufikelela elwandle+Basukele eMlanjeni+ base eziphelweni zehlabathi.+
18 Ngolo suku uYehova wenza umnqophiso noAbram,+ esithi: “Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe,+ ukususela kumlambo waseYiputa kuse kumlambo omkhulu, umlambo umEfrate:+
31 “Ndowumisa umda wakho uthabathele kuLwandle Olubomvu use kulwandle lwamaFilisti, uthabathele entlango use kuwo uMlambo;+ kuba ndobanikela esandleni sakho abemi belo lizwe, ubagxothe ngokuqinisekileyo phambi kwakho.+
24 Indawo yonke enyathelwa yintende yonyawo lwenu yoba yeyenu.+ Kususela entlango kuse eLebhanon, kususele nakuwo uMlambo, uMlambo umEfrate, kuse kulwandle lwasentshona, yoba ngumda wenu lowo.+
21 Ke yena uSolomon, waba ngumlawuli wabo bonke ubukumkani ukususela eMlanjeni+ ukusa kwilizwe lamaFilisti nakumda waseYiputa. Babesizisa izipho kwaye bekhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.+
8 Uya kuba nabalawulwa abasukela elwandle baye kufikelela elwandle+Basukele eMlanjeni+ base eziphelweni zehlabathi.+