20 Kwathi ke ekuqaleni konyaka,+ ngexesha lokuhlasela kookumkani,+ uYowabhi wakhokela umkhosi wokulwa+ waza walenza laba linxuwa ilizwe loonyana baka-Amoni waza waya kungqinga iRabha,+ ngoxa uDavide wayehleli eYerusalem; uYowabhi waxabela+ iRabha waza wayidiliza.