11 Waza wathi uThixo kuSolomon: “Ngenxa yokuba oko kusentliziyweni yakho+ yaye ungacelanga ndyebo, butyebi nambeko okanye ubomi babo bakuthiyayo, yaye akucelanga mihla mininzi,+ kodwa ucele ubulumko nokwazi ukuze ubagwebe abantu bam endikwenze ukuba ube ngukumkani kubo,+