2 Ngoko uAhabhi wathetha noNabhoti, wathi: “Ndinike+ isidiliya sakho,+ ukuze sibe ngumyezo+ wemifuno+ yam, kuba sisondelelene nendlu yam; yaye esikhundleni saso ndokunika isidiliya esilunge ngakumbi kunaso. Okanye ukuba kulungile emehlweni akho,+ ndiya kukunika imali njengexabiso loku.”